|
UHoseya Chapter9 1 Musa ukuvuya, Sirayeli, ude ugcobe njengezizwe:ngokuba uhenyuzile, wemka kuThixo wakho; uthande utshequ ezandeni zonke zengqolowa. 2 Isanda nesixovulelo seoli asiyi kubondla, newayini entsha iya kunidanisa. 3 Abayi kuhlala ezweni likaYehova; uEfrayim uya kubuyela eYiputa, badle izinto eziyinqambi eAsiriya. 4 Abayi kumthululela uYehova iwayini, ayiyi kuba mnandi kuye nemibingelelo yabo; ukudla kwabo kubo kuya kuba njengesonka sabalilayo. Bonke abakudlayo baya kuba ziinqambi; ngokuba ukudla kwabo kuya kuba kokwabo, akuyi kungena endlwini kaYehova. 5 Nothini na ngemini yexesha elimisiweyo, nangemini yomthendeleko kaYehova? 6 Kuba, yabonani, bemkile ngenxa yembuqo; iYiputa iya kubabutha, iMofi iya kubangcwaba; izinto zabo ezinqwenelekayo zesilivere ziya kuhluthwa ngamarhawu; yimithi enameva ezintenteni zabo. 7 Kufike iimini zokuvelela, kufike iimini zempindezelo; uya kwazi uSirayeli. Umprofeti sisimathane, ngumbhudi indoda enomoya, ngenxa yobukhulu bobugwenxa bakho nokutshutshisa okuninzi. 8 Ngumboniseli uEfrayim ngakuThixo wam; umprofeti ngumgibe womthiyeli ezindleleni zakhe zonke, uyintshutshiso endlwini yoThixo wakhe. 9 Batshonisile ukonakalisa kwabo, njengokwemihla yaseGibheha; uya kubukhumbula ubugwenxa babo, uya kuzivelela izono zabo. 10 Ndamfumana uSirayeli enjengeediliya entlango; ndababona ooyihlo benjengamakhiwane aqalelayo emkhiwaneni, ekuqaleni kwawo; basuka bona baya kuBhahali-pehore, bazahlulela entweni eziintloni, baba yinto enezothe, njengesithandane sabo. 11 UEfrayim, uzuko lwakhe luya kubaleka, lumke njengentaka; kungabikho kuzala, nakumitha, nakukhawula. 12 Ewe, nokuba bathe bakhulisa oonyana, ndobahlutha abantwana, kungabikho luntu. Yeha ke bona, ekusukeni kwam kubo! 13 Ngoko ndazibonela uEfrayim, ukuba abe yiTire, etyelwe ekriweni; kodwa uEfrayim uya kubakhuphela kumbulali oonyana bakhe. 14 Banike, Yehova; wobanika ntoni na? Banike isisu esiphumayo, namabele awomileyo. 15 Bonke ububi babo buseGiligali; kuba ndaqala ukubathiya khona. Ngenxa yobubi beentlondi zabo, ndiya kubagxotha endlwini yam; andiyi kuphinda ndibathande; bonke abathetheli babo baziinjubaqa. 16 Ubethiwe uEfrayim, ingcambu yabo yomile; abayi kuxakatha siqhamo. Nokuba bathe bazala, ndozibulala izinto ezinqwenelekayo zesisu sabo. 17 UThixo wam uya kubacekisa, kuba bengamphulaphulanga; baya kuphalaphala ezintlangeni.
|
|