Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
INtshumayeli Chapter12
 
1 Uze umkhumbule ke uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho, ingekezi imihla yobubi, ingekafiki iminyaka owothi ngayo, Ayindiyolele;
 
2 lingekabi mnyama ilanga, nokukhanya, nenyanga, neenkwenkwezi, engekabuyi amafu emva kwemvula;
 
3 loo mini baya kungevezela abagcini bendlu, agobe amadoda anobukroti, ziyeke iintokazi ezisilayo ngokuba zimbalwa, kube mnyama kwabakhangela ngeefestile;
 
4 zivalwe iingcango ngasesitratweni, kwakubon’ ukuba sidambile isandi sokusila, evuka kwazisathetha iintaka, zinqwilile zonke iintombi zengoma;
 
5 naxeshikweni baya kuzoyika iindawo eziphakamileyo, neento eziqhiphula umbilini zibe sendleleni; utyatyambe umamangile, uchabachabase umqhathu, utshitshe umnqweno; ngokuba umntu esiya ekhayeni lakhe laphakade, bajikajike ezitratweni abambambazeli;
 
6 ingekaqhawuki intambo yesilivere, lityumke iselwa legolide, uqhekeke umphanda emthonjeni, yaphuke ivili iwe equleni;
 
7 lungekabuyeli emhlabeni uthuli, njengoko belunjalo, umoya ubuyele kuThixo owawunikayo.
 
8 Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; into yonke ingamampunge.
 
9 Phezu koko, ngokuba iNtshumayeli ibisisilumko, yamana ibafundisa abantu ukwazi, yalinganisela, yabagocagoca, yayila imizekeliso emininzi.
 
10 INtshumayeli yafuna, inga ingafumana amazwi anandiphekayo, kuthi nokubhalwayo kulunge, ibe ngamazwi enyaniso.
 
11 Amazwi ezilumko anjengeemviko; anjengezikhonkwane ezitshonisiweyo asezintlanganiseleni, anikwe ngumalusi emnye.
 
12 Nangaphezu koko, nyana wam, vuseleleka; ukwenza iincwadi ezininzi akunakuphela, nokuphikela ukufunda okuninzi kudinisa inyama.
 
13 Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku:Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke.
 
14 Ngokuba izenzo zonke uThixo uya kuzizisa ekugwetyweni, izinto zonke ezifihlakeleyo, nokuba zilungile nokuba zimbi.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 |