Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyesiBini kwabaseKorinte Chapter9
 
1 Kuba okunene ngako ukulungiselela abangcwele, akufuneki kona ukuba ndinibhalele.
 
2 Kuba ndiyakwazi ukuthumekelela kwenu, endiqhayisa ngako ngani kwabelaseMakedoni, ndisithi elaseAkaya beliselilunge kwanyakenye; nokuzondelela kwenu kwaxhokonxa abona baninzi.
 
3 Ke kaloku ndithume abazalwana, ukuze iqhayiya lethu elingani lingalanjathiswa ngale ndawo; ukuze nithi, njengokuba benditshilo, nibe senilungile;
 
4 hleze kuthi, ukuba bathe bafika nam abelaseMakedoni, banifumana ningekalungi, sidaniswe thina (ukuba asingethi, kudane nina) koko kukholosa kokuqhayisa.
 
5 Ngoko ndaba kuyafuneka ukubavuselela abazalwana, ukuba basandulele ukuya kuni, bayilungise ngaphambili intsikelelo yenu ebiselixeliwe ngaphambili; ilunge yona ngohlobo lwentsikelelo, ingangi yeyokuvimba.
 
6 Qondani ke le nto:Lowo uhlwayela ngokuvimba wovuna kwangokuvimba; nalowo uhlwayela ngesisa wovuna kwangesisa.
 
7 Elowo makanike njengoko agqibe ngako entliziyweni; makungabi kokuphuma kabuhlungu, nangokunyanzelwa; kuba uThixo uthanda umphi ochwayithileyo.
 
8 Unako ke uThixo ukuphuphumisela kuni ubabalo lonke, ukuze nithi, nihlala ninako nje ukwanela konke ngeendawo zonke, niphuphumele emsebenzini wonke olungileyo;
 
9 njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wasasaza, wapha abasweleyo; Ubulungisa bakhe buhleli ngonaphakade.
 
10 Wanga ke angathi, ompha imbewu umhlwayeli, nesonka sokudliwa, aniphe ayandise imbewu yenu, ahlumise isiqhamo sobulungisa benu;
 
11 nithi ngeendawo zonke nityetyiselwe ekunyaniseni konke, kona kusebenzayo ngathi umbulelo kuThixo.
 
12 Ngokuba ulungiselelo lwalo mbuso alwaneli kuzalisela iintsilelo zabangcwele; lusuka kananjalo luphuphume imibulelo emininzi kuye uThixo;
 
13 besithi nje, ngako ukucikideka kolo lulungiselelo, bamzukise uThixo ngenxa yokulululamela kwenu uvumo lwenu ngokusingisele kwiindaba ezilungileyo zikaKristu, nangenxa yokunyanisa kokudlelana kwenu ngokusingisele kubo nakubantu bonke;
 
14 bakubon’ ukuba nabo bayanilangazelela, benikhungela ngenxa yobabalo lukaThixo oluncamisileyo kuni aba.
 
15 Makubulelwe ke kuThixo ngenxa yesipho sakhe singenambali.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | | 10 | 11 | 12 | 13 | [ Next ]