Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyesiBini kaSamuweli Chapter13
 
1 Kwathi emveni koko, uAbhisalom unyana kaDavide enodade wabo oyinzwakazi, ogama belinguTamare, wesuka uAmnon unyana kaDavide wamthanda.
 
2 Wabandezeleka uAmnon, ngokokude azihlisele isifo ngenxa kaTamare, udade wabo; ngokuba ebeyintombi; kwanqaba emehlweni ka-Amnon ukuba amenze into.
 
3 Ke kaloku uAmnon ebenomhlobo, ogama belinguYonadabhi, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide. UYonadabhi ebeyindoda elumke kunene.
 
4 Wathi kuye, Yini na ukuba ube nje ukubhitya imiso ngemiso, nyana wokumkani? Akundixeleli na? Wathi uAmnon kuye, Ndithanda uTamare, udade boAbhisalom umninawa wam.
 
5 UYonadabhi wathi kuye, Lala esililini sakho, uzigulise; ke wothi, akuza kukubona uyihlo, uthi kuye, Makhe eze uTamare udade wethu, andinike into edliwayo, ayenze phambi kwam, ukuze ndiyibone, ndiyidle esandleni sakhe.
 
6 Walala ke uAmnon, wazigulisa. Ukumkani waya kumbona. Wathi uAmnon kukumkani, Makhe eze uTamare udade wethu, enze phambi kwam izonkana eziyolisa intliziyo, zibe zibini, ndizidle esandleni sakhe.
 
7 Wathumela uDavide kuTamare endlwini, esithi, Khawuye endlwini ka-Amnon umnakwenu, umenzele ukudla.
 
8 Waya uTamare endlwini ka-Amnon umnakwabo, yena elele phantsi. Wathabatha intlama, waxovula, wenza izonkana eziyolisa intliziyo phambi kwakhe, wazosa izonkana eziyolisa intliziyo.
 
9 Wathabatha ipani, wazikhuphela phambi kwakhe; akavuma ukudla. Wathi uAmnon, Mabakhutshwe abantu bonke, baphume kum. Baphuma bonke abantu kuye.
 
10 Wathi uAmnon kuTamare, Kuzise ekhusini apha ukudla, ndidle esandleni sakho. Wazithabatha uTamare izonkana eziyolisa intliziyo abezenzile, wazisa ekhusini kuAmnon umnakwabo.
 
11 Wazisondeza kuye ukuba adle. Wesuka yena, wambamba, wathi kuye, Yiza, ulale nam, dade wethu.
 
12 Wathi kuye, Musa, mnakwethu, musa ukundidlwengula; ngokuba akwenjiwa nje kwaSirayeli; musa ukulenza eli nyala.
 
13 Mna ndingaya phi na nehlazo lam? Ke wena ungaba njengowabanobudenge kwaSirayeli. Khawuthethe ke ngoko nokumkani; ngokuba akangemangali nam kuwe.
 
14 Akavuma yena ukuliphulaphula ilizwi lakhe. Wameyisa, wamdlwengula, walala naye.
 
15 Waza uAmnon wamthiya ngentiyo enkulu kunene; ngokuba yaba nkulu intiyo awamthiya ngayo, ngaphezu kwentando abemthande ngayo. Wathi uAmnon kuye, Suka umke.
 
16 Wathi kuye, Musa ukuba yimbangi yobu bubi bokundigxotha; bukhulu ngaphezu kobuya ubenzileyo kum. Akavuma ukumphulaphula.
 
17 Wabiza umfana, umlungiseleli wakhe, wathi, Khawugxothe le nkazana, imke kum, iye phandle, utshixe ucango emva kwayo.
 
18 Ke yayambethe ingubo ende enemikhono; ngokuba bezisenjenjalo iintombi zokumkani eziseziintombi, ukwambatha ingubo yokwaleka. Wayikhuphela ngaphandle ke umlungiseleli wakhe, walutshixa ucango emva kwayo.
 
19 UTamare wazigalela uthuthu entloko, wayikrazula ingubo yakhe ende enemikhono abeyambethe, wabeka isandla entloko, wemka, ehamba ekhala.
 
20 Wathi uAbhisalom umnakwabo kuye, Ubenawe na uAmnon umnakwenu? Kaloku, dade wethu, hlala uthi tu, ngumnakwenu. Musa ukuyibekela ntliziyo le nto. Wahlala ke uTamare, wasisishwayimbana endlwini ka-Abhisalom umnakwabo.
 
21 Waziva ukumkani uDavide zonke ezo nto, wavutha ngumsindo kunene.
 
22 Akathetha nelibi nelilungileyo uAbhisalom kuAmnon; ngokuba uAbhisalom wamthiya uAmnon, ngale nto yokuba emdlwengule uTamare udade wabo.
 
23 Kwathi, emva kweminyaka emibini, kwabakho abachebi kuAbhisalom eBhahali-hatsore kwaEfrayim. UAbhisalom wamema bonke oonyana bokumkani.
 
24 Weza uAbhisalom, wathi kukumkani, Uyabona, naba abachebi kumkhonzi wakho; ukumkani nabakhonzi bakhe mabahambe nomkhonzi wakho.
 
25 Ukumkani wathi kuAbhisalom, Musa, nyana wam; masingayi sonke sibe ngumthwalo kuwe. Wamzama; akavuma ukuya, kodwa wamsikelela.
 
26 Wathi uAbhisalom, Ukuba akuyi wena, makakhe ahambe nathi uAmnon, umkhuluwa wam. Wathi ukumkani kuye, Ahambeleni na nawe?
 
27 UAbhisalom wamzama; wavuma ukuba uAmnon ahambe naye, noonyana bonke bokumkani.
 
28 UAbhisalom wawawisela umthetho amadodana akwakhe, wathi, Khanikhangele, xa ithe intliziyo ka-Amnon yamnandi yiwayini, ndaza ndathi kuni, Mbetheni uAmnon, nombulala. Musani ukoyika; aniwiselwe ndim na umthetho? Yomelelani nibe ngamakroti.
 
29 Enza ke amadodana ka-Abhisalom kuAmnon njengoko uAbhisalom abewawisele umthetho. Besuka ke bonke oonyana bokumkani; walowo wakhwela kundlebende wakhe, basaba.
 
30 Kwathi, besesendleleni, zafika iindaba kuDavide, zisithi, UAbhisalom ubabulele bonke oonyana bokumkani, akwasala namnye.
 
31 Wesuka ukumkani, wazikrazula iingubo zakhe, waqungquluza emhlabeni; bonke abakhonzi bakhe bemi ngakuye, bezikrazule iingubo zabo.
 
32 Waphendula uYonadabhi, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide, wathi, Mayingathi inkosi yam abulewe onke amadodana angoonyana bokumkani; ngokuba kufe uAmnon yedwa; ngokuba yagqitywa le nto ngumlomo ka-Abhisalom, kususela kwalaa mini wamdlwengula ngayo uTamare, udade wabo.
 
33 Ke ngoko, nkosi yam kumkani, ungalibekeli ntliziyo eli lizwi lithi, bonke oonyana bokumkani bafile. Akunjalo; nguAmnon yedwa ofileyo.
 
34 Wabaleka uAbhisalom. Ke kaloku umfana ongumlindi waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nanko kusiza into eninzi yabantu, ngendlela esecaleni lentaba, bevela ngasentshonalanga.
 
35 Wathi uYonadabhi kukumkani, Naba oonyana bokumkani besiza; njengoko belinjalo ilizwi lomkhonzi wakho, kwenzeke ngokunjalo.
 
36 Kwathi, akugqiba ukuthetha, babonakala befika oonyana bokumkani, baliphakamisa ilizwi labo, balila; kananjalo ukumkani nabakhonzi bakhe bonke batsho isililo esikhulu kunene.
 
37 Ke uAbhisalom wabalekela kuTalemayi, unyana ka-Amihudi, ukumkani waseGeshuri. UDavide wenza isijwili ngonyana wakhe yonke imihla.
 
38 Wabaleka ke uAbhisalom wafika eGeshuri, waba minyaka mithathu khona.
 
39 UDavide ukumkani walangazelela ukuphuma aye kuAbhisalom, kuba wayeselethuthuzelekile ngoAmnon kuba efile.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | [ Next ]