Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyesiBini yeziKronike Chapter22
 
1 Abemi baseYerusalem bamenza uAhaziya, unyana wakhe omncinane, ukumkani esikhundleni sakhe; ngokuba bonke abakhulu babebulewe ngamatutu aweza nama-Arabhi emkhosini. Waba ngukumkani ke uAhaziya, unyana kaYehoram, ukumkani wamaYuda.
 
2 UAhaziya ubeminyaka imashumi mane anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba namnyaka mnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAtaliya, intombi kaOmri.
 
3 Kananjalo yena wahamba ngeendlela zendlu ka-Ahabhi; ngokuba unina ubengumcebisi wakhe, ukuba enze okungendawo.
 
4 Wenza ububi emehlweni kaYehova, njengendlu ka-Ahabhi; ngokuba babengabacebisi bakhe bona emva kokufa kukayise, bemonakalisa.
 
5 Kananjalo wahamba ngecebo labo. Wahamba noYehoram unyana ka-Ahabhi, ukumkani wakwaSirayeli, waya kulwa noAzayeli ukumkani wama-Aram, eRamoti yaseGiliyadi; ama-Aram amngxwelerha uYehoram.
 
6 Wabuya, eza kunyangwa eYizereli loo manxeba wawafumana eRama, ekulweni kwakhe noAzayeli ukumkani wama-Aram. Wehla uAzariya unyana kaYehoram, ukumkani wakwaYuda, waya kubona uYehoram unyana ka-Ahabhi eYizereli, ngokuba ebesifa.
 
7 Kwaphuma kuThixo ukutyunyuzwa kuka-Ahaziya, ngokuthi eze kuYehoram. Ekufikeni kwakhe waphuma noYehoram; baya kuYehu unyana kaNimshi, awamthambisayo uYehova ukuba ayinqamle indlu ka-Ahabhi.
 
8 Kwathi, ekugwetyweni kwendlu ka-Ahabhi nguYehu, wafumana abathetheli bakwaYuda, noonyana babazalwana baka-Ahaziya, ababelungiselela kuAhaziya, wababulala.
 
9 Wafunwa uAhaziya; bambamba ezimele kwaSamari, bamsa kuYehu, bambulala; bamngcwaba, ngokuba babesithi, Ngunyana kaYehoshafati, obemquqela uYehova ngentliziyo yakhe yonke. Indlu ka-Ahaziya yayingenabani unokuphatha ubukumkani.
 
10 Wathi ke uAtaliya, unina ka-Ahaziya, akubona ukuba ufile unyana wakhe, wesuka wayitshabalalisa ngobubhedengu yonke imbewu enobukhosi bendlu yakwaYuda.
 
11 UYehoshabhati, intombi yokumkani, wamthabatha uYowashe, unyana ka-Ahaziya, wamba phakathi koonyana bokumkani ababulawayo, wambeka yena nomondli wakhe egumbini lokulala. UYehoshabhati, intombi yokumkani uYehoram, umkaYehoyada umbingeleli (ngokuba ubengudade boAhaziya), wamfihla kuAtaliya, ukuze angabulawa.
 
12 Wayenabo endlwini kaThixo, ezinyeziwe, iminyaka emithandathu. Ke uAtaliya waba ngukumkanikazi welizwe elo.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | [ Next ]