|
UZekariya Chapter7 1 Kwathi ngomnyaka wesine kaDariyo ukumkani, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya ngosuku lwesine lwenyanga yesithoba, enguKisilevu. 2 IBheteli ke yathuma ooSharetsere noRegem-meleki nabantu bakhe, ukuba bambongoze uYehova, 3 bathethe kubabingeleli ababesendlwini kaYehova wemikhosi, nakubaprofeti, bathi, Ndilile na, ndizile na ngenyanga yesihlanu, njengoko ndisendenze ngako le minyaka ingaka? 4 Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi kum, lisithi, 5 Thetha kubantu bonke belizwe eli, nakubabingeleli, uthi, Oko benizila ukudla, nilila, ngenyanga yesihlanu nangeyesixhenxe, iminyaka ke engamashumi asixhenxe, ukuzila oko benizilela mna na? 6 Xa benisidla naxa benisela, bekungadli nina na, bekungaseli nina na? 7 Beningafanele kuwenza yini na amazwi, abewamemeza uYehova ngabaprofeti bamandulo, oko ibimiwe ichulumachile iYerusalem, kwanemizi yayo engeenxa zonke kuyo, naoko belimiwe elasezantsi nelasesithabazi? 8 Kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya, lisithi, 9 Utshilo uYehova wemikhosi ukuthi, Gwebani ngesigwebo senyaniso, nenze inceba nemfesane elowo kumzalwana wakhe. 10 Musani ukubacudisa abahlolokazi, neenkedama, nabasemzini, namahlwempu; musani ukucinga bubi entliziyweni yenu ngendoda engumzalwana wenu. 11 Abavumanga ke ukubaza indlebe; balirhola igxalaba elinjubaqa, bazithi nkqi iindlebe zabo, abeva. 12 Intliziyo yabo bayenza idayiman, ukuba bangawuvi umyalelo namazwi, abewathumela uYehova wemikhosi ngomoya wakhe, ngabaprofeti bamandulo; kwabakho ke uburhalarhume obukhulu obuvela kuYehova wemikhosi. 13 Kuya kuthi ke, njengoko ebememeza bengeva, benjenjalo ukumemeza, utsho uYehova wemikhosi, ndingevi. 14 Ndiya kubachithachithela ezintlangeni zonke ababengazazi; kube senkangala elizweni emva kwabo, kungacandi mntu, kungabuyi mntu; balenze ke ilizwe elinqwenelekayo kube senkangala kulo.
|
|