|
INgoma yazo iiNgoma Chapter2 1 Ndingumfiyo waseSharon, Ndiyinyibiba yasezintlangeni. 2 Njengenyibiba phakathi kweminga, Unjalo uwethu phakathi kweentombi. 3 Njengomapile phakathi kwemithi yehlathi, Injalo intanda yam phakathi koonyana. Ndanqwena, ndahlala phantsi emthunzini wawo, Nesiqhamo sawo sanencasa ekhuhlangubeni lam. 4 Indingenise endlwini yewayini, Nebhanile yayo phezu kwam luthando. 5 Ndixhaseni ngezicumba zeerasintyisi, Ndisekeleni ngeeapile; ngokuba ndisifa luthando. 6 Isandla sayo sokhohlo siphantsi kwentloko yam; Esokunene siyandiwola. 7 Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisa Amabhadikazi namaxhamakazi asendle, Ukuba ningaluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando, Lude luthande. 8 Phulaphulani! Intanda yam, nantso isiza, Itsiba ezintabeni, isuka imitsi ezindulini. 9 Intanda yam ifana nebhadi, nenkonyana yexhama. Nantso imi emva kodonga lwakokwethu, Ithe nzo ngeefestile, Inyondla ngekroba. 10 Intanda yam yasusela, yathi kum, Suk’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze; 11 Ngokuba uyabona, ubusika budlule, Imvula igqithile yemka; 12 Iintyantyambo zibonakele ezweni; Ixesha lokuntyiloza kweentaka lifikile; Izwi lehobe ivakele ezweni lethu; 13 Umkhiwane ukrwala amakhiwane awo, Imidiliya ityatyambile, Itsho ngevumba elimnandi. Suk’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze. 14 Vukuthu lam elisemxawukeni wengxondorha, entsithelweni yemiba, Ndibonise ubuso bakho, ndivise ilizwi lakho; Ngokuba izwi lakho limnandi, ubuso bakho bunomkhitha. 15 Sibambeleni iimpungutye, iimpungutye ezincinane ezonakalisa izidiliya; Izidiliya zethu zityatyambile. 16 Intanda yam yeyam, mna ke ndingowayo Yalusela ezinyibibeni. 17 Ide iphole imini, oluke amathunzi, Jika, ntanda yam, uxelise ibhadi, uxelise inkonyana yexhama, Ezintabeni ezibugqagala.
|
|