Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
ImiZekeliso Chapter4
 
1 Luveni, bonyana, uqeqesho lukayihlo, Nizibaze iindlebe ukuze nikwazi ukuqonda.
 
2 Kuba ndininika imfundiso elungileyo; Musani ukuwushiya umyalelo wam.
 
3 Kuba ndandingunyana kubawo, Ndithambile, ndimnye phambi koma.
 
4 Wandiyala ke, wathi kum, Intliziyo yakho mayiwabambe amazwi am; Gcina imithetho yam, uphile,
 
5 Rhweba ubulumko, rhweba ingqondo; Musa ukulibala, ungathi gu bucala entethweni yomlomo wam.
 
6 Musa ukubushiya, bokugcina; Buthande, bokulondoloza.
 
7 Ingqalo yobulumko ithi, Rhweba ubulumko, Ngako konke ukurhweba kwakho urhwebe ingqondo.
 
8 Bunonelele, bokuphakamisa; Bokuzukisa, xa uthe wabuwola.
 
9 Boyinika intloko yakho isangqawe esihle, Bokupha isithsaba sokuhomba.
 
10 Yiva, nyana wam, uyamkele intetho yam, Iba mininzi kuwe iminyaka yobomi.
 
11 Ndikuyalele indlela yobulumko, Ndikunyathelise emkhondweni wokuthe tye.
 
12 Ekuhambeni kwakho akayi kuxinana amabanga akho; Nokuba uthe wagidima, akuyi kukhubeka.
 
13 Bambelela eluqeqeshweni, musa ukuluyeka; Lulondoloze, ngokuba lububomi bakho.
 
14 Musa ukungena emendweni wabangendawo, Unganyatheli endleleni yabanobubi.
 
15 Yiyeke; musa ukuya kugqitha kuyo; Yicezele, ugqithe.
 
16 Kuba abalali, ukuba abathanga benze ububi; Bemkelwa bubuthongo ukuba abathanga bakhubekise abanye.
 
17 Kuba badla isonka sokungendawo, Basele iwayini yogonyamelo.
 
18 Ke wona umendo wamalungisa unjengokukhanya komso, Okuya kuba mhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu.
 
19 Indlela yabangendawo injengesithokothoko; Abayazi into abakhubeka kuyo.
 
20 Nyana wam, wabazele indlebe amazwi am; Intetho yam yithobele indlebe yakho.
 
21 Mayingemki emehlweni akho; Yigcine entliziyweni yakho ngaphakathi.
 
22 Kuba ibubomi kwabayifumanayo, Nempiliso enyameni yabo yonke.
 
23 Nazintweni zonke zigcinwayo, londoloza intliziyo yakho; Kuba aphuma kuyo amathende obomi.
 
24 Kususe kuwe ukujibiliza komlomo, Nokuthi gu bucala komlomo kudedise kuwe.
 
25 Amehlo akho makakhangele athi gca, Neenkophe zakho zithi nzo kokuphambi kwakho.
 
26 Lungelelanisa umkhondo wonyawo lwakho, Zonke iindlela zakho zizimaseke.
 
27 Musa ukuthi gu bucala ngasekunene nangasekhohlo; Susa unyawo lwakho entweni embi.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | [ Next ]