Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
ImiZekeliso Chapter30
 
1 Amazwi ka-Agure unyana kaYakhe, waseMasa. Itsho indoda leyo, ithi, Ndizidinisile, ndizidinisile ndaphela,
 
2 Kuba ndisisityhakala, andimntu; Ingqondo yomntu ayikho kum.
 
3 Andifundanga bulumko, Ukuba ndazi ukwaziwa koyiNgcwele.
 
4 Ngubani na owenyuka waya emazulwini, waza wehla? Ngubani na ofumbethe umoya ngezandla zakhe? Ngubani na obophe amanzi engutyeni? Ngubani na omise zonke iziphelo zehlabathi? Lingubani na igama lakhe, lingubani na igama lonyana wakhe, ukuba uyalazi?
 
5 Yonke intetho kaThixo inyibilikisiwe. Uyingweletshetshe kwabazimela ngaye.
 
6 Musa ukongeza emazwini akhe, Hleze akohlwaye, ube ngothetha amanga.
 
7 Ndicele kuwe izinto ezimbini; Musa ukundivimba zona ndingekafi:
 
8 Khwelelisa kum inkohlakalo nelizwi lamanga; Musa ukundinika ubuhlwempu nobutyebi; Ndihlafunise isonka endisimiselweyo;
 
9 Hleze ndihluthe, ndikhanyele, ndithi, Ngubani na uYehova? Hleze ndihlwempuzeke, ndibe, Ndilicukuceze igama likaThixo wam.
 
10 Musa ukusihleba isicaka enkosini yaso, Hleze sikutshabhise, uthwale ityala.
 
11 Kukho isizukulwana esiishabhisa uyise, Singamsikeleli unina;
 
12 Kukho isizukulwana esihlambulukileyo kwawaso amelulo, Esingahlanjwanga ekungcoleni kwaso;
 
13 Kukho isizukulwana, hayi, ukuqwayinga kwamehlo aso, Ukuziphakamisa kweenkophe zaso!
 
14 Kukho isizukulwana esimazinyo angamakrele, simabamba azizitshetshe Zokudla iintsizana ehlabathini, namahlwempu phakathi kwesintu.
 
15 Isimungunyi-gazi sineentombi ezimbini, ezithi, Ethe, ethe! Zintathu izinto ezingenakuhlutha; Zine ezingatshoyo ukuthi, Kwanele:
 
16 Lelabafileyo; kukungazali; Ngumhlaba ongahluthiyo ngamanzi; Ngumlilo ongatshoyo ukuthi, Kwanele.
 
17 Iliso eligculela uyise, Lidele ukumlulamela unina, Aya kulikrukra amahlungulu asemlanjeni, Alidle amathole exhalanga.
 
18 Izinto zintathu ezibalulekileyo kum; Hayi, zine endingenakuzazi:
 
19 Yindlela yexhalanga esibhakabhakeni, Yindlela yenyoka etyeni, Yindlela yenqanawa esazulwini solwandle, Yindlela yomfo nentombi.
 
20 Injalo indlela yomfazi okrexezayo:Uyadla, asule umlomo, Athi, Andenzanga bubi.
 
21 Ngaphantsi kwezinto ezintathu umhlaba uyanyikima, Ngaphantsi kwezine ukhohliwe kukuthwala:
 
22 Ngaphantsi kwesicaka, xa sithe sangukumkani; Nesidenge, xa sithe sahlutha sisonka;
 
23 Ngaphantsi kwesigele sentombi, xa sithe senda; Nesicakakazi xa sithe sadla ilifa lenkosikazi yaso.
 
24 Izinto zine ezincinane emhlabeni, Kanti zilumke kakhulu:
 
25 Iimbovane ngabantu abangenamandla Kanti zilungisa ukudla kwazo ehlotyeni;
 
26 Iimbila ngabantu abangomeleleyo, Kanti zimisa izindlu zazo emaweni;
 
27 Iinkumbi azinakumkani, Kanti ziphuma zingamaqela ngamaqela zonke;
 
28 Icilitshe unako ukulibamba ngezandla, Kanti lisemabhotweni ookumkani.
 
29 Izinto zintathu ezihamba ngokunyalasa, Hayi, zine ezilungisayo ukuhamba:
 
30 Yingonyama, igorha phakathi kwezinto ezizitho zine, Elingabuyi umva phambi kweento zonke;
 
31 Yinja elingesi nokuba yinkunzi yebhokhwe; Ngukumkani enomkhosi wakhe.
 
32 Ukuba uthe wenza ngobudenge ngokuziphakamisa, Nokuba uthe wankqangiyela, Beka isandla emlonyeni.
 
33 Kuba ukucofa ubisi kuvelisa amasi, Ukucofa impumlo kuvelisa igazi, Ukucofa umsindo kuvelisa imbambano.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | [ Next ]