Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
ImiZekeliso Chapter29
 
1 Indoda eyohlwaywa futhi, iyenze lukhuni intamo yayo, Iya kuchithakala ngephanyazo, kungabikho kuncedwa.
 
2 Ekwandeni kwamalungisa bayavuya abantu; Ekulawuleni kongendawo bayagcuma abantu.
 
3 Indoda ethanda ubulumko ivuyisa uyise; Olikholwane lamahenyukazi uchitha impahla yakhe.
 
4 Ukumkani ulimisa ilizwe ngesiko; Ke yona indoda erhunywayo iyalibhukuqa.
 
5 Umfo ocengacenga ummelwane wakhe Uthiyela iinyawo zakhe ngomnatha.
 
6 Elukreqweni lwendoda enobubi kubakho isirhintyelo; Ke lona ilungisa limemelela livuye.
 
7 Ilungisa liyalazi ibango lesisweli; Ke yena ongendawo akanangqondo yakulazi.
 
8 Amadoda agxekayo aphembelela isixeko; Ke zona izilumko ziyawudambisa umsindo.
 
9 Yakumangalelana indoda elumkileyo nesimathane, Soguguma sihleke, kungabikho kuthozama.
 
10 Amadoda amagazi ayabathiya abagqibeleleyo; Nabathe tye, afuna umphefumlo wabo,
 
11 Isinyabi siya kukhupha konke ukufutha kwaso, Ke sona isilumko sikudambisela embilinini yaso.
 
12 Umlawuli olibazela indlebe ilizwi lobuxoki, Bonke abalungiseleli bakhe bangabangendawo.
 
13 Ihlwempu nendoda engumxinezeli bayaqubisana; Umkhanyiseli wamehlo abo bobabini nguYehova.
 
14 Ukumkani ogweba ityala lezisweli ngenyaniso, Itrone yakhe iya kuzinza ngonaphakade.
 
15 Intonga nesohlwayo sinika ubulumko; Ke yena umntwana oyekelelweyo udanisa unina.
 
16 Ekwandeni kwabangendawo luyanda ukreqo; Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo.
 
17 Mqeqeshe unyana wakho, wokuphefumlisa, Awuyolise umphefumlo wakho.
 
18 Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu; Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!
 
19 Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi; Kuba siyaqonda, singakhathali.
 
20 Uyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo? Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.
 
21 Osifekethisayo kwasebuncinaneni isicaka sakhe Uya kwenelwa lukhula ekupheleni.
 
22 Indoda enomsindo ixhaya ingxabano; Umntu onobushushu uzele lukreqo.
 
23 Ikratshi lomntu liya kumthoba; Ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko.
 
24 Owahlulelana nesela uthiya umphefumlo wakhe; Uyasiva isishwabulo, angaxeli.
 
25 Ukugubha ngumntu kunesirhintyelo; Ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu.
 
26 Baninzi abafuna ubuso bomlawuli; Ke lona ibango lendoda livela kuYehova.
 
27 Indoda enobugqwetha lisikizi kumalungisa; Ondlela ithe tye lisikizi kongendawo.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | [ Next ]