Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
INumeri Chapter8
 
1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
 
2 Thetha kuAron, uthi kuye, Ekuzimiseni kwakho izibane, mazikhanyise zibhekise phambili, phambi kwesiphatho sezibane, izibane zosixhenxe.
 
3 Wenjenjalo uAron; wazimisa izibane zaso zabhekisa phambili, phambi kwesiphatho sezibane, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
 
4 Kuko oku ukusetyenzwa kwesiphatho; saba yigolide ekhandiweyo, kwasa esikhondweni saso, kwasa ezintyantyambeni zaso, ingumkhando wona; ngokomfuziselo uYehova awambonisa wona uMoses wasenjenjalo isiphatho.
 
5 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
 
6 Thabatha abaLevi phakathi koonyana bakaSirayeli, ubahlambulule.
 
7 Wenjenje ke ukubahlambulula; bafefe ngamanzi esono, bahambise isitshetshe sokunquthula enyameni yabo yonke, bahlambe iingubo zabo, bahlambuluke.
 
8 Baze bathabathe inkunzi entsha, ithole lenkomo, nomnikelo wayo wokudla, umgubo ocoliweyo ugalelwe ioli; uthabathe eyesibini inkunzi entsha, ithole lenkomo yedini lesono.
 
9 Wobasondeza abaLevi phambi kwentente yokuhlangana, ubizele ndawonye lonke ibandla loonyana bakaSirayeli;
 
10 ubasondeze abaLevi phambi koYehova, bacinezele oonyana bakaSirayeli ngezandla zabophezu kwabaLevi;
 
11 abatshangatshangise uAron abaLevi, babe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, ovela koonyana bakaSirayeli; babe ngabokusebenza umsebenzi kaYehova.
 
12 AbaLevi bocinezela ngezandla zabo phezu kweentloko zeenkunzi ezintsha ezo; enye uyenze idini lesono, enye idini elinyukayo kuYehova, ukucamagushela abaLevi.
 
13 Uze ubamise ke abaLevi phambi koAron naphambi koonyana bakhe, ubatshangatshangise, babe ngumtshangatshangiso kuYehova;
 
14 ubahlule abaLevi koonyana bakaSirayeli, babe ngabam abaLevi.
 
15 Emveni koko bongena abaLevi, basebenze ententeni yokuhlangana; ubahlambulule ke, ubatshangatshangise, babe ngumtshangatshangiso.
 
16 Ngokuba ndibanikiwe ndabanikwa phakathi koonyana bakaSirayeli, ndabathabathela kum esikhundleni sabo bonke abavula isizalo, amazibulo onke koonyana bakaSirayeli.
 
17 Ngokuba ngawam onke amazibulo phakathi koonyana bakaSirayeli, ebantwini nasezinkomeni; mini ndawabetha onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndawangcwalisela kum.
 
18 Ndathabatha abaLevi esikhundleni samazibulo onke, phakathi koonyana bakaSirayeli.
 
19 AbaLevi ke ndibanike ndabanika uAron noonyana bakhe phakathi koonyana bakaSirayeli, ukuba basebenze umsebenzi woonyana bakaSirayeli ententeni yokuhlangana, babacamagushele oonyana bakaSirayeli, ukuzekungabikho sibetho phakathi koonyana bakaSirayeli ekusondeleni koonyana bakaSirayeli engcweleni.
 
20 Benza ke ooMoses noAron nebandla lonke loonyana bakaSirayeli kubaLevi; ngako konke uYehova awamwisela umthetho uMoses ngabo abaLevi, benjenjalo kubo oonyana bakaSirayeli.
 
21 Bazihlambulula isono abaLevi, bahlamba iingubo zabo; uAron wabatshangatshangisa, baba ngumtshangatshangiso phambi koYehova; uAron wabacamagushela ukuba bahlambuluke.
 
22 Emveni koko bangena abaLevi, ukuba basebenze umsebenzi wabo ententeni yokuhlangana, phambi koAron naphambi koonyana bakhe. Njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses ngabaLevi, benjenjalo kubo.
 
23 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
 
24 Nantsi indawo eyeyabaLevi:bethabathela kominyaka imashumi mabini anesihlanu ezelwe, banyuse, mabeze kuphuma umkhosi wokusebenza ententeni yokuhlangana.
 
25 Bethabathela kominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bobuya ekuphumeni umkhosi wokusebenza, bangabi sasebenza.
 
26 Ke mabasebelungiselela abazalwana babo ententeni yokuhlangana, ngokuthi bagcine isigxina, bangasebenzi msebenzi. Uya kwenjenjalo kubaLevi ezigxineni zabo.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | [ Next ]