Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UNehemiya Chapter11
 
1 Bahlala abathetheli babantu eYerusalem; abanye abantu bawisa amaqashiso, ukuba kungeniswe abe mnye kwabalishumi, ahlale eYerusalem kuwo umzi ongcwele, nezinye izahlulo ezisithoba zihlale kweminye imizi.
 
2 Abantu bawasikelela amadoda onke aqhutywa yintliziyo ukuba ahlale eYerusalem.
 
3 Zizo ezi iintloko zelizwe lakwaYuda, ezahlala eYerusalem; ke emizini yakwaYuda, yaba ngulowo wahlala elifeni lakhe, emizini yabo, ingamaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, nabakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon.
 
4 EYerusalem kwahlala ezoonyana bakaYuda, nezoonyana bakaBhenjamin. Koonyana bakaYuda:yanguAtaya, unyana kaUziya, unyana kaZekariya, unyana ka-Amariya, unyana kaShefatiya, unyana kaMahalaleli koonyana bakaPeretse;
 
5 noMahaseya, unyana kaBharuki, unyana kaKoli-hoze, unyana kaHazaya, unyana ka-Adaya, unyana kaYoyaribhi, unyana kaZekariya, unyana womSheloni.
 
6 Bonke oonyana bakaPeretse, ababehlala eYerusalem, ibingamakhulu amane, anamanci mathandathu anesibhozo, amadoda anobukroti.
 
7 Ngabo aba oonyana bakaBhenjamin:ibinguSalu, unyana kaMeshulam, unyana kaYohedi, unyana kaPedaya, unyana kaKolaya, unyana kaMahaseya, unyana kaItiyeli, unyana kaYesaya.
 
8 Emva kwakhe ibinguGabhayi-salayi, enamakhulu asithoba, anamanci mabini anesibhozo;
 
9 noYoweli unyana kaZikri, umphathi kubo, noYuda unyana kaSenwa, engowesibini kubaphathi bomzi.
 
10 Kubabingeleli:ibinguYedaya unyana kaYoyaribhi, noYakin,
 
11 noSeraya, unyana kaHilekiya, unyana kaMeshulam, unyana kaTsadoki, unyana kaMerayoti, unyana ka-Ahitubhi, inganga yendlu kaThixo,
 
12 nabazalwana babo ababesenza umsebenzi wendlu, bengamakhulu asibhozo, anamanci mabini anababini; noAdaya unyana kaYeroham, unyana kaPelaleya, unyana ka-Amtsi, unyana kaZekariya, unyana kaPashure, unyana kaMalekiya,
 
13 nabazalwana bakhe, iintloko zezindlu zooyise, bengamakhulu amabini, anamanci mane anababini; noAmashesayi, unyana ka-Azareli, unyana ka-Azayi, unyana kaMeshilemoti, unyana kaImere;
 
14 nabazalwana babo, amagorha anobukroti, belikhulu elinamanci mabini anesibhozo; umphathi kubo ibinguZabhediyeli unyana kaGedolim.
 
15 KubaLevi:ibinguShemaya unyana kaHashubhi, unyana ka-Azarikam, unyana kaHashabhiya, unyana kaBhuni,
 
16 noShabhetayi, noYozabhadi, ababephethe umsebenzi ongaphandle wendlu kaThixo, kwiintloko zabaLevi;
 
17 noMataniya unyana kaMika, unyana kaZabhedi, unyana ka-Asafu, obengumhlabeli wezokudumisa emthandazweni, noBhakebhukiya, obengowesibini kubazalwana bakhe, noAbheda, unyana kaShamuwa, unyana kaGalali, unyana kaYedutun.
 
18 Bebonke abaLevi emzini ongcwele babengamakhulu amabini, anamanci asibhozo anabane.
 
19 Abamasango:ibinguAkubhi, noTalemon, nabazalwana babo abagcina amasango, belikhulu elinamanci asixhenxe anababini.
 
20 Amanye amaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, babekweminye imizi yonke yakwaYuda, elowo eselifeni lakhe.
 
21 Ke abakhonzi betempile babehlala eOfele; abakhonzi abo betempile babephethwe nguTsiha noGishpa.
 
22 Umphathi wabaLevi eYerusalem ibingu-Uzi unyana kaBhani, unyana kaHashabhiya, unyana kaMataniya, unyana kaMika koonyana baka-Asafu, iimvumi, malunga nomsebenzi wendlu kaThixo.
 
23 Ngokuba umthetho wokumkani ubuphezu kwabo, nomnqophiso wenene ubuphezu keemvumi malunga nento yemini ngangemini yayo.
 
24 UPetaya unyana kaMeshezabheli, koonyana bakaZera, unyana kaYuda, ubesisandla sokumkani ezintweni zonke zabantu.
 
25 Emizini nasemaphandleni ayo kwahlala inxenye yoonyana bakaYuda eKiriyati ka-Arbha namagxamesi ayo, naseDibhon namagxamesi ayo, naseKabhetseli nemizi yayo,
 
26 naseYeshuwa, naseMolada, naseBhete-palete,
 
27 naseHatsore-shuwali, naseBher-shebha namagxamesi ayo,
 
28 naseTsikelage, naseMekona namagxamesi ayo,
 
29 nase-Enrimon, naseTsora, naseYarmuti,
 
30 naseZanowa, naseAdulam namagxamesi ayo, naseLakishe, nasemaphandleni ayo, naseAzeka namagxamesi ayo. Bahlala ke, bathabathela eBher-shebha besa emfuleni wakwaHinom.
 
31 Oonyana bakaBhenjamin bathabathela eGebha, besa eMikimas, naseAya, naseBheteli namagxamesi ayo,
 
32 naseAnatoti, naseNobhi, naseAnaniya,
 
33 naseHatsore, naseRama, naseGitayim,
 
34 naseHadidi, naseTsebhoyim, naseNebhalati,
 
35 naseLode, naseOno emfuleni weengcibi.
 
36 NakubaLevi kwaphuma amaqela kwaYuda, eza kwaBhenjamin.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | [ Next ]