Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UMateyu Chapter2
 
1 Kuthe ke, akubon’ ukuba uYesu uzelwe eBhetelehem yelakwaYuda, emihleni kaHerode ukumkani, kwabonakala kufika eYerusalem izazi zivela empumalanga, zisithi,
 
2 Uphi na lo uzelweyo, ukumkani wamaYuda? Kuba sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga; size kumnqula.
 
3 Uthe ke uHerode ukumkani, akuva, wakhathazeka, yena nayo yonke iYerusalem naye.
 
4 Wahlanganisa ke bonke ababingeleli abakhulu nababhali babantu, wababuza ukuba ubeya kuzalelwa phi na uKristu.
 
5 Bathe ke kuye, EBhetelehem yelakwaYuda; kuba kubhaliwe ngomprofeti kwathiwa,
 
6 Nawe Bhetelehem, mhlaba wakwaYuda, Akunguye nakanye omncinanana phakathi kwabalawuli bakwaYuda:Kuba kuwe apha kuya kuphuma uMlawuli, Onguyena uya kubalusa abantu bam amaSirayeli.
 
7 Kwakuba njalo, uHerode, ezibize ngasese izazi ezo, waqondisisa kakuhle kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi leyo;
 
8 wazithuma ke eBhetelehem, wathi, Hambani niye nicokise ukubuzisa ngomntwana lowo; xa ke nithe namfumana, ze nindibikele, ukuze nam ndiye kumnqula.
 
9 Zimvile ke zona ukumkani, zahamba; nantso inkwenkwezi leyo zayibonayo empumalanga izandulela, yada yaya kuma phezu kwendawo abekuyo umntwana lowo.
 
10 Zathi ke, zakuyibona inkwenkwezi, zavuya ngovuyo olukhulu kakhulu.
 
11 Zingenile endlwini, zambona umntwana enoMariya unina, zawa phantsi, zaqubuda kuye; zathi, zinqike impahla yazo, zanikela kuye iminikelo, igolide, nentlaka emhlophe, nemore.
 
12 Zathi, kuba zihlatyelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngayimbi indlela ukuya ezweni lakowazo.
 
13 Zithe zakubon’ ukuba zimkile ke zona, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuYosefu ephupheni, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, usabele eYiputa, uze ube khona apho ndide ndikuxelele; kuba uHerode uhlalele ukumfuna umntwana lowo, ukuba amtshabalalise.
 
14 Evukile ke yena, wamthabatha umntwana nonina ebusuku, wemka waya eYiputa.
 
15 Waba khona apho wada wabhubha uHerode; ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti isithi, Ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.
 
16 Ke kaloku uHerode, akubona ukuba izazi zidlale ngaye, waba nomsindo kunene, waza wathumela, wababulala bonke abantwana abaseBhetelehem, nakuyo yonke imida yayo, abaminyaka mibini bezelwe, nangaphantsi, elungelelanisa nexesha abeliqondisise kakuhle kuzo izazi.
 
17 Kwandula ukuzaliseka okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti esithi,
 
18 Kwavakala izwi eRama, Isimema nesililo nesijwili esikhulu, URakeli elilela abantwana bakhe, Engavumi ukuthuthuzeleka, ngokuba bengasekho.
 
19 Akubon’ ukuba ubhubhile ke uHerode, sabonakala isithunywa seNkosi sibonakala ephupheni kuYosefu eYiputa sisithi,
 
20 Vuka, umthabathe umntwana nonina, uye ezweni lakwaSirayeli; kuba bafile abo babezonda ubomi bomntwana.
 
21 Wavuka ke, wamthabatha umntwana nonina, weza ezweni lakwaSirayeli.
 
22 Ke kaloku, akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaYuda esikhundleni sikaHerode uyise, woyika ukuhamba asinge khona; wathi ke, ehlatyelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kumacala elaseGalili.
 
23 Ufike wema emzini ekuthiwa yiNazarete; ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngabaprofeti, okokuba wobizwa ngokuthi ungowase Nazarete.
 
 

  [ Prev ] 1 | | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | [ Next ]