Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UMateyu Chapter16
 
1 Baza bafika abaFarisi nabaSadusi, bathi, bemlinga, bacela ukuba ababonise umqondiso ophuma emazulwini.
 
2 Waphendula ke wathi kubo, Ngokuhlwa nithi, Liya kusa; kuba izulu limlilo ukuba bomvu.
 
3 Kanjalo kusasa nithi, Namhla luqhwithela; kuba izulu limlilo ukuba bomvu, lisibekele. Bahanahanisindini, nikwazi nje ukubucalula ubuso bezulu, ke yona imiqondiso yamaxesha aninako na ukuyicalula?
 
4 Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. Wabashiya wemka.
 
5 Bakufika ke abafundi bakhe ngaphesheya, bathi kanti bakulibele ukuphatha izonka.
 
6 Wathi ke uYesu kubo, Ligqaleni nililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi.
 
7 Baye ke bona becamanga phakathi kwabo, besithi, Utsho ngokuba singaphathanga zonka.
 
8 Ekwazi ke oko uYesu, wathi kubo, Ehlani, nina balukholo luncinane! Yini na ukuba nicamange phakathi kwenu, ngokuba ningaphathanga zonka?
 
9 Anikaqiqi na, anizikhumbuli na izonka ezihlanu zamawaka amahlanu, nokuba zazingaphi na izitya enazithabathayo?
 
10 Kwanezonka ezisixhenxe zamawaka amane, nokuba zazingaphi na iingobozi enazithabathayo?
 
11 Yini na le nto ningaqiqiyo, ukuba bendingatsho ngasonka, ukuthi kuni, manililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi?
 
12 Bandula ukuqonda, ukuba ubengatsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka; ubesithi mabalumkele imfundiso yabaFarisi nabaSadusi.
 
13 Akufika uYesu emacaleni aseKesareya yakwaFilipu, wababuza abafundi bakhe, esithi, Bathi abantu ndingubani na mna, Nyana woMntu?
 
14 Bathi ke bona, Inxenye ithi, unguYohane umbhaptizi; abanye bathi, UnguEliya; bambi bathi, UnguYeremiya, mhlawumbi ungomnye wakubaprofeti.
 
15 Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na?
 
16 Waphendula ke uSimon Petros wathi, Wena unguye uKristu, unyana kaThixo ophilileyo.
 
17 Waphendula uYesu wathi kuye, Unoyolo, Simon kaYona, ngokuba akukutyhilelwanga oku yinyama negazi, ukutyhilelwe nguBawo osemazulwini.
 
18 Nam ke, ndithi kuwe, UnguPetros wena; ndiya kulakhela phezu kolu lwalwa ibandla lam, namasango elabafileyo akayi kuloyisa.
 
19 Ndiya kukunika izitshixo zobukumkani bamazulu; kuthi ke othe wakubopha emhlabeni, kubopheke emazulwini; kuthi othe wakukhulula emhlabeni, kukhululeke emazulwini.
 
20 Wabayala abafundi bakhe, ukuba bangaxeleli bani ukuba yena unguYesu uKristu.
 
21 Waqalela kwelo xa uYesu ukubabonisa abafundi bakhe, okokuba umelwe kukuba aye eYerusalem, eve ubunzima obukhulu kuwo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu, nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu avuke.
 
22 Wathi uPetros emthabathele kuye, waqala ukumkhalimela, esithi, Makube camagu kuwe Nkosi; oko akuyi kukha kubekho kuwe.
 
23 Wajika ke wathi kuPetros, Suka uye emva kwam, Sathana, usisikhubekiso kum; ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekela ezabantu.
 
24 Wandula wathi uYesu kubafundi bakhe, Ukuba kukho othanda ukundilandela, makazincame ngokwakhe, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.
 
25 Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowufumana.
 
26 Kuba, kumnceda ntoni na umntu, ukuba uthe wazuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe?
 
27 Kuba uNyana woMntu uza kuza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe, andule ukubavuza bonke ngabanye ngokokwenza kwabo.
 
28 Inene, ndithi kuni, Kwabemiyo apha kukho abangayi kukha beve kufa, bade bambone uNyana woMntu esiza, esebukumkanini bakhe.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | [ Next ]