Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UMarko Chapter9
 
1 Wayesithi kubo, Inene ndithi kuni, Kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo busiza ngamandla.
 
2 Uthi uYesu, emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. Waza wenziwa wakumila kumbi phambi kwabo.
 
3 Zasuka neengubo zakhe zabengezela, zamhlophe kunene njengekhephu, ekungekho mchazi wangubo emhlabeni apha unako ukuzenza mhlophe kangako.
 
4 Kwabonakala kubo uEliya enoMoses; baye bethetha noYesu.
 
5 Uthi aphendule uPetros athi kuYesu, Rabhi, kuhle ukuba sibe lapha; masenze iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.
 
6 Kuba ubengayazi into abengayithethayo; kuba bebesoyika kakhulu.
 
7 Kwabakho ilifu elibenzela ithinzi; kweza nezwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena.
 
8 Bakuthi ukusingasinga, ababa sabona mntu, babona selinguYesu yedwa onabo.
 
9 Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, kungaba kude kube kuxa athe wavuka kwabafileyo uNyana woMntu.
 
10 Elo zwi balibamba lakubo bodwa bebuzana ukuba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na.
 
11 Baye bembuza besithi, Bathini na ababhali, ukuthi uEliya umelwe kukufika tanci?
 
12 Uphendule ke wathi kubo, UEliya okunene, efike tanci, wobuya azimise zonke izinto; wabaxelela nokokuba kuthiweni na ukubhalwa ngaye uNyana woMntu, ukuba ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto.
 
13 Ke ndithi kuni, Ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye.
 
14 Akufika kubafundi, wabona isihlwele esikhulu sibaphahlile, nababhali bebuzana nabo.
 
15 Sathi kwaoko sonke isihlwele sakumbona saqhiphuka umbilini; beza kuye ngokubaleka, bambulisa.
 
16 Wababuza ababhali, esithi, Nibuzana ntoni na nabo?
 
17 Waphendula omnye wasesihlweleni wathi, Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, enomoya ongathethiyo;
 
18 apho uthe wamqubula khona, uyamntlala, aze alephuze amagwebu, atshixize amazinyo akhe, asuke ome; ndithethe kubafundi bakho ukuba bawukhuphe; bakhohlwa.
 
19 Amphendule ke yena athi, Sizukulwanandini singakholwayo, koda kube nini na ndikuni? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum.
 
20 Bamzisa kuye. Akumbona, wesuka kwaoko umoya, wambetha wee xhwenene; wawa emhlabeni, wamana eqikaqikeka, elephuza amagwebu.
 
21 Wabuza kuyise, ukuba kumgama ungakanani na imhlile le nto. Wathi ke yena, Kwaesengumntwana;
 
22 umphose futhi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba umtshabalalise; ukuba unako ukwenza into, sisize, usikwe yimfesane sithi.
 
23 Wathi ke uYesu kuye, Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo.
 
24 Wakhala kwaoko uyise womntwana lowo, wathi eneenyembezi, Ndiyakholwa, Nkosi; siza, ususe ukungakholwa kwam.
 
25 Uthe ke uYesu, ebone ukuba isihlwele sibalekela ndaweni-nye, wawukhalimela umoya ongcolileyo, esithi kuwo, Moyandini ungathethiyo usithulu, mna ndiyakuthethela, phuma kuye, ungabi sangena kuye.
 
26 Wakhala wona, wambetha wee xhwenene kunene, waphuma; waba njengofileyo, bada abaninzi bathi, Ufile.
 
27 Uthe ke uYesu wambamba ngesandla, wamvusa; wesuka wema.
 
28 Eye kungena endlwini, bambuza abafundi bakhe ngasese, besithi, Yayiyini na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina?
 
29 Wathi kubo, Olu lona uhlobo alunako ukuphuma nganto, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.
 
30 Bephumile apho, babehamba becanda kwelaseGalili; wayengathandi ukuba kwazi bani;
 
31 kuba wayebafundisa abafundi bakhe, esithi kubo, UNyana woMntu unikelwa ezandleni zabantu; baya kumbulala; uya kuthi ebulewe, abuye avuke ngomhla wesithathu.
 
32 Baye bengakuqondi oko kuthetha; baye besoyika nokumbuza.
 
33 Weza kufika eKapernahum. Akuba esekhaya, wayebabuza esithi, Nibe nicamanga ntoni na phakathi kwenu endleleni?
 
34 Bahlala ke bathi tu; kuba endleleni babephikisene ngokuthi, Ngubani na omkhulu kunabanye?
 
35 Akuba ehleli phantsi, wababiza abalishumi elinababini, wathi kubo, Ukuba ubani uthanda ukuba ngowokuqala, woba ngowokugqibela kwabo bonke, nomlungiseleli wabo bonke.
 
36 Uthabathe umntwana, wammisa phakathi kwabo; emwolile, wathi kubo,
 
37 Othe wamkela noko amnye wabantwana abanje, egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna, wamkela lowo wandithumayo.
 
38 Ke kaloku uYohane wamphendula, esithi, Mfundisi, sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho, ongasilandeliyo thina; samalela ke, ngokuba engasilandeli thina.
 
39 Wathi ke uYesu, Musani ukumalela; kuba akukho namnye uya kwenza umsebenzi wamandla egameni lam, aze ahle abe nako ukuthetha kakubi ngam.
 
40 Kuba ongachaseneyo nathi, ungecala lethu.
 
41 Kuba othe waniseza nendebe le yamanzi egameni lam, ngokuba ningabakaKristu, inene ndithi kuni, akasayi kuphulukana nomvuzo wakhe.
 
42 Nothe wakhubekisa noko amnye wabancinane abakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, waphoswa elwandle.
 
43 Nokuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa, sinqamle sona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimekiyo,
 
44 apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.
 
45 Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqamle lona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi, uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, emlilweni ongacimekiyo,
 
46 apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.
 
47 Nokuba iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe lona; kukulungele kanye ukungena ebukumkanini bukaThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo,
 
48 apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.
 
49 Kuba bonke baya kugalelwa ityuwa ngomlilo, athi onke amadini agalelwe ityuwa ngetyuwa.
 
50 Ityuwa ilungile yona; ke ukuba ithe ityuwa ayaba nabutyuwa, noyivakalisa ngantoni na? Yibani netyuwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye komnye.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | [ Next ]