Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UMarko Chapter16
 
1 Yakubon’ ukuba idlule isabatha, ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi, noSalome, bathenga ubulawu, ukuba beze bamthambise.
 
2 Bathi kwakusasa kakhulu, ngolokuqala usuku lweveki, beza engcwabeni, liphumile ilanga.
 
3 Baye bethetha bodwa, besithi, Ngubani na oya kusiqengqela ilitye, lisuke emnyango wengcwaba?
 
4 Bathi bakukhangela, babona ukuba liqengqiwe lesuka ilitye; kuba belilikhulu kakhulu.
 
5 Bakungena engcwabeni, babona indodana ihleli ngasekunene, izithe wambu ngengubo ende, emhlophe; baqhiphuka umbilini.
 
6 Ithi ke yona kubo, Musani ukuqhiphuka umbilini; nifuna uYesu waseNazarete, obebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile, akakho apha; nantsi indawo ababembeke kuyo.
 
7 Hambani ke niye, nibaxelele abafundi bakhe noPetros ukuthi, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho, njengokuba wayetshilo kuni.
 
8 Baphuma ke kamsinya, babaleka engcwabeni. Baye ke bephethwe lungcangcazelo nokuthi nqa; abathetha nto nakubani, kuba babesoyika.
 
9 Ke kaloku wathi uYesu, evuke ekufeni kusasa ngolokuqala usuku lweveki, wabonakala kuqala kuMariya waseMagadala, awayekhuphe kuye iidemon zasixhenxe.
 
10 Waya yena wabikela ababenaye, bakubon’ ukuba bakhedamile, bayalila.
 
11 Basuka nabo, bakuva ukuba uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguye, abakholwa.
 
12 Emveni koko ke, wabonakaliswa ngesinye isimo kwababini bakubo, behamba besinga emaphandleni.
 
13 Nabo baya babikela abanye; abakholwa nangabo.
 
14 Kamva wabonakalaliswa kwabalishumi elinamnye, behleli ngasesithebeni; wakungcikiva ukungakholwa kwabo, nobulukhuni beentliziyo zabo; ngokuba bengakholwanga ngabo babembonile evukile.
 
15 Wathi kubo, Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo.
 
16 Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwanga, wogwetywa.
 
17 Imiqondiso ke eya kulandelana nabo bakholiweyo nantsi:egameni lam baya kukhupha iidemon; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha;
 
18 baya kuphatha iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayikukha ibenzakalise bona; baya kubeka izandla phezu kwemilwelwe, iphile.
 
19 Yathi okunene ngoko yona iNkosi, emveni kokuthetha kubo, yanyuselwa emazulwini, yahlala ngasekunene kukaThixo.
 
20 Ke bona baphuma, bavakalisa ezindaweni zonke, iNkosi isebenza nabo, iliqinisela ilizwi ngayo imiqondiso ephelekana nalo. Amen.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 |