Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
ULuka Chapter13
 
1 Ke kaloku kwaye kukho abathile ngelo xesha, ababembikela amaGalili, agazi uPilato waliphithikeza namadini awo.
 
2 Waphendula uYesu wathi kubo, Niba na loo maGalili ebengaboni ngaphezu kwawo onke amaGalili, ngokuba eve ubunzima obunjalo?
 
3 Ndithi kuni, Hayi; nothi xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke.
 
4 Hi, bona abo balishumi elinesibhozo, bawelwa yinqaba eseSilowa, yababulala; niba na babenetyala ngaphezu kwabo bonke abantu abemiyo eYerusalem?
 
5 Ndithi kuni, Hayi; nothi, xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke.
 
6 Wabethetha ke lo mzekeliso:Ubani wayenomkhiwane, utyelwe esidiliyeni sakhe; weza efuna isiqhamo kuwo, akafumana nto.
 
7 Wathi ke kumsebenzi-sidiliya, Uyabona, ndiminyaka mithathu ndiza ndifuna isiqhamo kulo mkhiwane, ndingafumani nto; wugawule; yini na ukuba ude uphuthise nomhlaba.
 
8 Aphendule ke yena athi kuye, Nkosi, wuyeke nangalo mnyaka, ndide khendimbe ndiwurhaqe, ndigalele umgquba.
 
9 Ukuba ke uthe wavelisa isiqhamo, wowuyeka; ke ukuba akubanga njalo, wobuya uwugawule.
 
10 Ke kaloku wayefundisa kwenye yezindlu zesikhungu ngayo isabatha.
 
11 Kwabonakala kukho ntokazi ibinomoya Wobulwelwe iminyaka elishumi elinesibhozo; yaye igobile, ingenako kanye ukuziphakamisa.
 
12 Eyibonile ke uYesu, wayibiza wathi kuyo, Ntokazindini, khululeka ebulwelweni bakho.
 
13 Wayibeka ke izandla; yoluka kwangoko, yazukisa uThixo.
 
14 Ke kaloku waphendula umphathi wendlu yesikhungu, ecaphuka kuba uYesu waphilisa ngesabatha, wathi kwizihlwele, Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo; yizani ngayo ngoko niphiliswe, kungabi ngawo umhla wesabatha.
 
15 Yamphendula ngoko iNkosi, yathi, Mhanahanisindini, akathi na elowo kuni ayikhulule ngesabatha inkomo yakhe, nokuba liesile lakhe, emkhumbini wesitali, alirhole aye kuliseza?
 
16 Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, ayibophileyo uSathana, khangela, le minyaka ilishumi elinesibhozo, ubengamele ukukhululwa na kulo mabophe ngomhla wesabatha?
 
17 Akubon’ ukuba uyazithetha ezo ndawo, badaniswa bonke abachasene naye; zathi zonke izihlwele zavuya ngazo zonke izinto ezizukileyo ezenziwa nguye.
 
18 Wayesithi ke, Bufana nantoni na ubukumkani bukaThixo? Ndiya kubufanisa nantoni na?
 
19 Bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluphosa emyezweni wakhe; lwahluma lwaba ngumthi omkhulu, zathi iintaka zezulu zahlala emasebeni awo.
 
20 Wabuya wathi, Ndiya kubufanisa nantoni na ubukumkani bukaThixo?
 
21 Bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni zozithathu zomgubo, wada wabiliswa uphela.
 
22 Waye ecanda kwimizi ngemizi, nemizana ngemizana, efundisa, esinga eYerusalem.
 
23 Ke kaloku wathi othile kuye, Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?
 
24 Uthe ke yena kubo, Zamani ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe.
 
25 Xa selethe wavuka umninindlu, waluvala ucango, naza naqala ukuma ngaphandle, nokunkqonkqoza elucangweni, nisithi, Nkosi, nkosi, sivulele:uya kuza aphendule athi kuni, Andinazi apho nivela khona.
 
26 Niya kwandula niqale ukuthi, Sadla, sasela, emehlweni akho; nawe wafundisa ezitratweni zethu.
 
27 Athi, Ndithi kuni, andinazi apho nivela khona; mkani kum, nina nonke basebenzi bokungalungileyo.
 
28 Khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo, xa nithe nabona uAbraham, noIsake, noYakobi, nabo bonke abaprofeti, ebukumkanini bukaThixo; nibe ke nina nikhutshelwe phandle.
 
29 Babeya kuza bevela empumalanga nasentshonalanga, nasentla, nasezantsi, bangqengqe ebukumkanini bukaThixo.
 
30 Yabonani, bakho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala; bakho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela.
 
31 Kwangaloo mini kweza abaFarisi abathile, besithi kuye, Phuma umke apha; ngokuba uHerode ufuna ukukubulala.
 
32 Wathi kubo, Yiyani nithi kuloo mpungutye, Uyabona, ndikhupha iidemon, ndifinyeze iimpiliso, namhla nangomso; ndithi ngowesithathu umhla ndifeze.
 
33 Kodwa ndimelwe kukuthi ndihambe namhla nangomso nangolandelayo; ngokuba akangekhe umprofeti atshabalalele ngaphandle kweYerusalem.
 
34 Yerusalem, Yerusalem, ebabulalayo abaprofeti, ibagibisele ngamatye abo bathunywe kuyo! Kufuthi kangakanani na ndathandayo ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amantshontsho aso ngaphantsi kwamaphiko aso, anavuma!
 
35 Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize. Inene, ndithi ke kuni. Aniyi kuba sandibona, kude kufike ixesha eniya kuthi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | [ Next ]