Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
ILevitikus Chapter8
 
1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
 
2 Thabatha ooAron noonyana bakhe kunye naye, nezambatho ezo, neoli yokuthambisa, nenkunzi entsha yenkomo yedini lesono, neenkunzi zezimvu zibe mbini, nengobozi yezonka ezingenagwele;
 
3 ulibizele ndawonye lonke ibandla emnyango wentente yokuhlangana.
 
4 Wenza uMoses ngoko uYehova wamwisela umthetho ngako; walibizela ndawonye ibandla emnyango wentente yokuhlangana.
 
5 Wathi uMoses kwibandla, Yiyo le into awise umthetho ngayo uYehova ukuba yenziwe.
 
6 UMoses wabasondeza ke ooAron noonyana bakhe, wabahlamba ngamanzi.
 
7 Wamnxiba ingubo yangaphantsi, wambhinqisa umbhinqo, wamambathisa ngengubo yokwaleka, wamnxiba iefodi, wambhinqisa umbhinqo we-efodi, wayibhinqa ngawo;
 
8 wamnxiba ubengo; elubengweni wafaka iiUrim neeTumim;
 
9 wamfaka unkontsho entloko; elunkontshweni ngaphambili wabeka imbasa yegolide, isithsaba esingcwele, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
 
10 Wayithabatha uMoses ioli yokuthambisa, wawuthambisa umnquba neento zonke ezikuwo, wazingcwalisa;
 
11 wafefa ngenxalenye yayo esibingelelweni izihlandlo zosixhenxe, wasithambisa isibingelelo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo, ukuba zingcwaliswe ezo zinto.
 
12 Wagalela inxalenye yeoli yokuthambisa kuAron entloko, wamthambisa ukuba angcwaliswe.
 
13 UMoses wabasondeza oonyana baka-Aron, wabanxiba iingubo zangaphantsi, wababhinqisa umbhinqo, wababopha iminqwazi, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
 
14 Wasondeza inkunzi entsha yenkomo yedini lesono, bacinezela ooAron noonyana bakhe ngezandla zabo phezu kwentloko yenkunzi entsha yedini lesono.
 
15 Yaxhelwa ke; walithabatha uMoses igazi, walidyobha wajikelezisa ezimpondweni zesibingelelo ngomnwe wakhe, isibingelelo wasihlambulula sona, waliphalazela igazi esisekweni sesibingelelo, wasingcwalisa, ukuba asicamagushele.
 
16 Wawathabatha onke amanqatha asezibilinini, nomhlehlo wesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, waqhumisela ngezo zinto uMoses esibingelelweni.
 
17 Ke inkunzi entsha yenkomo, nesikhumba sayo, nenyama yayo, nomswane wayo, wayitshisa ngomlilo ngaphandle kweminquba, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
 
18 Wayisondeza inkunzi yemvu yedini elinyukayo; bacinezela ooAron noonyana bakhe ngezandla zabophezu kwentloko yenkunzi yemvu.
 
19 Yaxhelwa ke; uMoses walitshiza igazi, wajikelezisa esibingelelweni;
 
20 inkunzi yemvu wayityatya; waqhumisela uMoses ngentloko, nenyama, nenqatha.
 
21 Wazihlamba izibilini neentungo ngamanzi, waqhumisela uMoses ngenkunzi yemvu iphela esibingelelweni. Lidini elinyukayo elo lokuba livumba elithozamisayo; kukudla kwasemlilweni oko kuYehova, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
 
22 Wayisondeza neyesibini inkunzi yemvu, inkunzi yemvu yokumisela; bacinezela ooAron noonyana bakhe ngezandla zabo phezu kwentloko yenkunzi yemvu.
 
23 Yaxhelwa ke; wacaphula uMoses egazini layo, walidyobha esithinzini sendlebe yasekunene ka-Aron, nasesithupheni sesandla sakhe sokunene, nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene.
 
24 Wasondeza oonyana baka-Aron, uMoses wadyobha inxalenye yegazi esithinzini sendlebe yabo yasekunene, nasesithupheni sesandla sabo sokunene, nakubhontsi wonyawo lwabo lwasekunene. UMoses walitshiza igazi, wajikelezisa esibingelelweni.
 
25 Walithabatha inqatha, nomsila, namanqatha onke asezibilinini, nomhlehlo wesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, nomlenze wasekunene;
 
26 engobozini yezonka ezingenagwele, ephambi koYehova, wathabatha umqhathane ongenagwele wamnye, nomqhathane wesonka esineoli wamnye, nesonkana esisicaba sasinye, wabeka phezu kwamanqatha naphezu komlenze wasekunene.
 
27 Wazibeka zonke ezo zinto ezandleni zika-Aron, nasezandleni zoonyana bakhe, wazitshangatshangisa, zaba ngumtshangatshangiso phambi koYehova.
 
28 Wazithabatha uMoses ezandleni zabo, waqhumisela ngazo esibingelelweni, phezu kwedini elinyukayo:zaba lumiselo, laba livumba elithozamisayo, kwaba kukudla kwasemlilweni kuYehova oko.
 
29 Wayithabatha uMoses incum, wayitshangatshangisa, yaba ngumtshangatshangiso phambi koYehova; inkunzi yemvu yomiselo yasisabelo sikaMoses, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
 
30 Wacaphula uMoses eolini yokuthambisa, nasegazini elisesibingelelweni, wafefa kuAron nasezambathweni zakhe, nakoonyana bakhe, nasezambathweni zoonyana bakhe kunye naye, wamngcwalisa uAron nezambatho zakhe, noonyana bakhe nezambatho zoonyana bakhe kunye naye.
 
31 Wathi uMoses kooAron noonyana bakhe, Yiphekeni inyama emnyango wentente yokuhlangana, niyidle khona apho, nesonka esisengobozini yomiselo, njengoko ndawisayo umthetho, ndisithi, OoAron noonyana bakhe boyidla.
 
32 Into eseleyo yenyama neyesonka noyitshisa ngomlilo.
 
33 Ize ningaphumi emnyango wentente yokuhlangana, imihla esixhenxe, kude kube ngumhla wokuzaliseka kwemihla yokumiselwa kwenu; kuba bonimisela imihla esixhenxe.
 
34 Njengoko kwenziwe ngako namhla, uYehova uwise umthetho ukuba kwenjiwe njalo ukunicamagushela.
 
35 Nohlala emnyango wentente yokuhlangana, imini nobusuku, imihla esixhenxe, nigcine isigxina sikaYehova, ukuze ningafi; kuba ndiwiselwe umthetho ngokunjalo.
 
36 Benza ooAron noonyana bakhe zonke izinto abewise umthetho ngazo uYehova ngesandla sikaMoses.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | [ Next ]