Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
AbaGwebi Chapter14
 
1 Wehla uSamson waya eTimnata, wabona inkazana eTimnata, ezintombini zamaFilisti.
 
2 Wenyuka, waxelela uyise nonina, wathi, Ndibone inkazana eTimnata, ezintombini zamaFilisti; kaloku ke ndizekeleni ibe ngumfazi.
 
3 Bathi kuye uyise nonina, Akukho nkazana ezintombini zabazalwana bakho, nasebantwini bakowethu bonke na, ukuba nje ude uye kuzeka umfazi kumaFilisti angalukileyo? Wathi uSamson kuyise, Ndizekele yona, ngokuba ndikholiwe yiyo.
 
4 Uyise nonina babengazi ukuba ivela kuYehova le nto; ngokuba ebefuna ithuba lokubambana namaFilisti. Ngelo xesha amaFilisti ebelawula kwaSirayeli.
 
5 Wehla uSamson noyise nonina, baya eTimnata, bafika ezidiliyeni zaseTimnata; nantso ingonyama entsha imkhawulela, igquma.
 
6 Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova, wayiqwenga, wanga uqwenga itakane, kungekho nto esandleni sakhe; akakuxela kuyise nakunina akwenzileyo.
 
7 Wehla wathetha nenkazana leyo; yamkholisa kunene uSamson.
 
8 Wabuya kwakuba ntsuku, esiya kuyizeka. Watyeka, wakhangela isidumbu sengonyama leya; nalo ibubu leenyosi lisesidumbini sengonyama, kukho nobusi.
 
9 Wabuthabatha, waphatha ngesandla, wahamba, wahamba esidla, waya kuyise nonina, wabanika, badla; akabaxelela ukuba ubusi ubuthabathe esidumbini sengonyama.
 
10 Wehla ke uyise waya kuloo nkazana; uSamson wenza umsitho khona; ngokuba abesenjenjalo amadodana.
 
11 Kwathi, bakumbona, bazisa abalingane abangamashumi omathathu, baba naye.
 
12 Wathi uSamson kubo, Ndonijikela iqhina; ukuba nithe nandicombululela ngeentsuku ezisixhenxe zomsitho, nalifumana, ndoninika iingubo zelinen entle ezingamashumi amathathu, neengubo zokukhululana ezingamashumi omathathu.
 
13 Ke ukuba anithanga nibe nako ukundicombululela, nondinika nina iingubo zelinen entle ezingamashumi amathathu, neengubo zokukhululana ezingamashumi omathathu. Bathi kuye, Lijike iqhina lakho silive.
 
14 Bathi kuye, Lijike iqhina lakho silive. Wathi kubo, Kodlayo kwaphuma ukudla, Konamandla kwaphuma incasa. Ababa nako ukulicombulula iqhina imihla emithathu.
 
15 Kwathi ngosuku lwesixhenxe bathi kumkaSamson, Yirhwebeshe indoda yakho, isicombululele iqhina, hleze sikutshise wena nendlu kayihlo ngomlilo. Nisimemele ukuba nisihlwempuzise na? Akunjalo na?
 
16 UmkaSamson wamlilela wathi, Kodwa undithiyile, akundithandi; ubajikele iqhina oonyana babantu bakowethu, akwandicombululela. Wathi kuye, Yabona, andibacombululelanga ubawo noma; ndicombululele wena na?
 
17 Ke wamlilela iintsuku zosixhenxe ababesemsithweni ngazo. Kwathi ngolwesixhenxe usuku wamcombululela, kuba ebemxinile. Waza yena wabaxela oonyana babantu bakowabo.
 
18 Athi kuye amadoda aloo mzi ngomhla wesixhenxe, lingekatshoni ilanga, Yintoni na enencasa ngaphezu kobusi? Yintoni na enamandla ngaphezu kwengonyama? Wathi kuwo, Ukuba beningalimanga ngethokazi lam, Ngeningalifumananga iqhina lam.
 
19 Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova, wehla waya eAshkelon, wabulala kubo apho amashumi omathathu amadoda, wawahluba iingubo, wanika abacombululi beqhina elo iingubo zokukhululana. Wavutha umsindo wakhe, wenyuka waya endlwini kayise.
 
20 Ke umkaSamson waba ngowomlingane wakhe, abemenze isihlobo sakhe.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | [ Next ]