Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
AbaGwebi Chapter13
 
1 Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova. UYehova wabanikela esandleni samaFilisti iminyaka emashumi mane.
 
2 Ke kaloku kwabakho ndoda ithile yaseTsora, yomlibo wamaDan, egama linguManowa, umkayo eludlolo, engazali.
 
3 Kwabonakala isithunywa sikaYehova kumfazi lowo, sathi kuye, Yabona, uludlolo wena, akuzali; ke uya kumitha, uzale unyana.
 
4 Ke ngoko khawuzigcine, uze ungaseli wayini nasiselo sinxilisayo; ungadli nanye into eyinqambi.
 
5 Ngokuba uyabona, uya kumitha, uzale unyana; isitshetshe sokucheba asiyi kusondezwa entlokweni yakhe; ngokuba le nkwenkwe iya kuba ngumahlulwa kaThixo kwasesizalweni. Yiyo ke eya kuqala ukuwasindisa amaSirayeli esandleni samaFilisti.
 
6 Weza lo mfazi, wathi kwindoda yakhe, Kufike kum umntu kaThixo, imbonakalo yakhe injengembonakalo yesithunywa sikaThixo, isoyikeka kunene; kodwa andimbuzanga apho avela khona, naye akandixelelanga igama lakhe.
 
7 Wathi kum, Uyabona, uya kumitha, uzale unyana; ke ngoko uze ungaseli wayini nasiselo sinxilisayo, ungadli nanye into eyinqambi; ngokuba le nkwenkwe iya kuba ngumahlulwa kaThixo, kwasesizalweni, kude kube ngumhla wokufa kwayo.
 
8 Wathandaza ke uManowa kuYehova, wathi, Camagu, Nkosi yam; umntu kaThixo owamthumayo makakhe abuye eze kuthi, asifundise ukuba simthini na umntwana oya kuzalwa.
 
9 Waliphulaphula uThixo izwi likaManowa; sabuya seza ke isithunywa sikaYehova kumfazi lowo ehleli entsimini, uManowa indoda yakhe ingenaye.
 
10 Wakhawuleza umfazi, wagidima, wayixelela indoda yakhe, wathi kuyo, Yabona, ubonakele kum laa mntu ubeze kum laa mhla.
 
11 Wesuka ke uManowa, wamlandela umkakhe, waya kuloo mntu, wathi kuye, Ungulaa mntu na ubethetha nomfazi? Wathi, Ndinguye.
 
12 Wathi uManowa, Ukuba lithe lenzeka kaloku ilizwi lakho, loba yintoni na isiko lale nkwenkwe, nokwenza kwayo?
 
13 Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Konke endikuthethileyo kumfazi makazigcine kuko.
 
14 Maze angadli nto iphuma emdiliyeni, angaseli wayini nasiselo sinxilisayo, angadli nanye into eyinqambi. Konke endimwisele umthetho ngako makakugcine.
 
15 Wathi uManowa kwisithunywa sikaYehova, Makhe sikubambezele, sikwenzele itakane lebhokhwe.
 
16 Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Nokuba undibambezele, andiyi kudla ekudleni kwakho; ke ukuba wenza idini elinyukayo kuYehova, linyuse. Ngokuba uManowa ebengazi ukuba sisithunywa sikaYehova.
 
17 Wathi uManowa kwisithunywa sikaYehova, Ungubani na igama; sikuzukise lakwenzeka ilizwi lakho?
 
18 Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Yini na le nto ulibuzayo igama lam, libalulekile nje?
 
19 Wathabatha uManowa itakane lebhokhwe nomnikelo wokudla, wazinyusa kuYehova eweni; sona sisenza ngokumangalisayo, bebonela uManowa nomkakhe.
 
20 Kwathi, ekunyukeni kwelangatye esibingelelweni, lisinga ezulwini, senyuka isithunywa sikaYehova ngelangatye lesibingelelo, uManowa nomkakhe bebona. Bawa ngobuso emhlabeni.
 
21 Asaba saphinda sibonakale isithunywa sikaYehova kuManowa nomkakhe. Wandula ukwazi uManowa ukuba sisithunywa sikaYehova esi.
 
22 Wathi uManowa kumkakhe, Siya kufa ngenene, ngokuba simbonile uThixo.
 
23 Wathi umkakhe kuye, Ukuba uYehova ubefuna ukusibulala, ange engalamkelanga esandleni sethu idini elinyukayo, nomnikelo wokudla; ange engasibonisanga zonke ezi zinto; ange engasivisanga okunje ngexesha elinjengeli.
 
24 Wazala unyana umfazi lowo, wathi igama lakhe nguSamson. Yakhula ke inkwenkwe leyo, uYehova wayisikelela.
 
25 Waqala uMoya kaYehova wamqhuba eseMahane-dan, phakathi kweTsora ne-Eshtawoli.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | [ Next ]