Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYoshuwa Chapter19
 
1 Lavela iqashiso lesibini noSimon, nesizwe soonyana bakaSimon, ngokwemizalwane yabo. Ilifa labo laba phakathi kwelifa loonyana bakaYuda.
 
2 Elifeni labo baba neBher-sheba, neShebha, neMulada,
 
3 neHatsere-shuwali, neBhala, neAtsem,
 
4 ne-Eletoladi, neBhetuli, neHorma,
 
5 neTsikelage, neBhete-markabhoti, neHatsar-susa,
 
6 neBhete-lebhawoti, neSharuhen:imizi elishumi elinamithathu inemizana yayo;
 
7 iAyin, neRimon, ne-Etere, neAshan; imizi emine inemizana yayo,
 
8 nemizana yonke ejikeleze loo mizi, kwesa eBhahalatibhere (yiRama yelasezantsi ke leyo). Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaSimon ngokwemizalwane yabo.
 
9 Laba sesabelweni soonyana bakaYuda ilifa loonyana bakaSimon; ngokuba isabelo soonyana bakaYuda sabagqitha. Oonyana bakaSimon babelwa ilifa phakathi kwelifa labo.
 
10 Lavela iqashiso lesithathu noonyana bakaZebhulon, ngokwemizalwane yabo.
 
11 Umda welifa labo wesa eSaridi, wenyuka umda wabo wasinga entshonalanga, wesa eMarala, wafikelela eDabhesheti, wahlangana nomlanjana okhangelene neYokeneham;
 
12 wabuya eSaridi, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya emdeni weKiseloti-tabhore, waphuma waya eDabherati, wenyuka waya eYafiya.
 
13 Wegqitha khona, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya eGati-hefere, e-Eti-katsin; waphuma waya eRimon, ehlaba iye eNeha.
 
14 Umda wayizunguleza ngasentla, waya eHanaton; ukuma kwawo, wema ngomfula waseIfeta-eli;
 
15 neKatati, neNahalali, neShimron, neIdala, neBhetelehem:imizi elishumi elinamibini inemizana yayo.
 
16 Lilo elo ilifa loonyana bakaZebhulon ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.
 
17 Iqashiso lesine lavela noIsakare, noonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo.
 
18 Umda wabo wasinga kwiYizereli, neKesuloti, neShunem,
 
19 neHafarayim, neShihon, neAnaharati,
 
20 neRabhiti, neKishiyon, neAbhetse,
 
21 neRemeti, ne-En-ganim, ne-En-hada, neBhete-patsetse.
 
22 Umda wafikelela eTabhore, naseShahatsima, naseBhete-shemeshe, ukuma komda wabo, waya wema ngeYordan imizi elishumi elinamithandathu enimizana yayo.
 
23 Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.
 
24 Lavela iqashiso lesihlanu nesizwe soonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo.
 
25 Umda wabo waba yiHelekati, neHali, neBheten, neAkeshafi,
 
26 neAlameleki, neAmadi, neMishali; wafikelela eKarmele ngasentshonalanga, neShihore-libhenati.
 
27 Wabuya, wasinga ngecala eliphuma ilanga eBhete-dagon, wafikelela kwelakwaZebhulon, nakumfula waseIfeta-eli, ngasentla kweBhete-emeki, neNehiyeli; waphuma waya eKabhuli ngasekhohlo;
 
28 neHebron, neRehobhi, neHamon, neKana, wesa eTsidon enkulu.
 
29 Wabuya umda waya eRama, wesa emzini onqatyisiweyo oyiTire, wabuya umda waya eHosa; ukuma kwawo, waya wema ngolwandle, ngasesabelweni sika-Akezibhe;
 
30 neUma, neAfeki, neRehobhi:imizi emashumi mabini anamibini inemizana yayo.
 
31 Lilo elo ilifa loonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.
 
32 Lavela iqashiso lesithandathu noonyana bakaNafetali, ileloonyana bakaNafetali ngokwemizalwane yabo.
 
33 Umda wabo wathabathela eHelefe, eMiokini yaseTsahanayim, neAdami-nekebhe, neYabheneli, wesa eLakum; nokuma kwawo, wema ngeYordan;
 
34 wabuya umda, wasinga entshonalanga eAzenoti-tabhore, waphuma khona waya eHukoki, wafikelela kwelakwaZebhulon ngasezantsi, wafikelela kwelakwa-Ashere ngasentshonalanga, nelakwaYuda eYordan ngasempumalanga.
 
35 Imizi enqatyisiweyo yaba yiTsidim, neTsere, neHamati, neRakati, neKinerete,
 
36 neAdama, neRama, neHatsore,
 
37 neKedeshe, ne-Edreyi, ne-En-hatsore,
 
38 neIron, neMigdali-eli, neHorem, neBhete-anati, neBhete-shemeshe:imizi elishumi elinesithoba inemizana yayo.
 
39 Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaNafetali, ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.
 
40 Lavela iqashiso lesixhenxe nesizwe soonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo.
 
41 Umda welifa labo waba yiTsora, ne-Eshtawoli, neIre-shemeshe,
 
42 neShahalabhin, neAyalon, neItela,
 
43 ne-Elon, neTimnata, ne-Ekron,
 
44 ne-Eleteke, neGibheton, neBhahalata,
 
45 neYehudi, neBhene-bheraki, neGati-rimon,
 
46 neMeyarkon, neRakon, kunye nomda omalunga neYafo.
 
47 Umda woonyana bakaDan wema ngayo. Benyuka ke oonyana bakaDan, baya kulwa neLeshem, bayithimba, bayibulala ngohlangothi lwekrele, bayihlutha, bema kuyo, bathi ukuyibiza iLeshem kukwaDan, ngegama likaDan uyise.
 
48 Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo, loo mizi inemizana yayo.
 
49 Bagqiba ke ukulaba ilizwe ngokwemida yabo. Oonyana bakaSirayeli bamnika uYoshuwa, unyana kaNun, ilifa phakathi kwabo.
 
50 Ngokomlomo kaYehova bamnika umzi awawubizayo, iTimnati-sera, ekweleentaba lakwaEfrayim. Wawakha loo mzi, wahlala kuwo.
 
51 Ngawo lawo amafa abawabayo ooElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise ezizweni zoonyana bakaSirayeli, ngamaqashiso eShilo, phambi koYehova, emnyango wentente yokuhlangana. Bagqiba ke ukulaba ilizwe.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | [ Next ]