Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYoshuwa Chapter15
 
1 Ke kaloku iqashiso lwesizwe soonyana bakaYuda, ngokwemizalwane yabo, lasinga emdeni wakwaEdom, entlango yeTsin ngasezantsi, ekupheleni komzantsi.
 
2 Umda wabo wasezantsi wathabathela ekupheleni koLwandle lweTyuwa, encamini ebheka ezantsi.
 
3 Waphuma, wasinga ngezantsi ekunyukeni kweAkrabhim, wegqitha waya eTsin, wenyuka waya ngasezantsi kweKadeshe-bharneha, wegqitha waya eHetseron, wenyuka waya eAdare, wajika waya eKarka;
 
4 wegqitha waya eAtsemon, wema ngomlanjana waseYiputa, ukuma komda wema ngolwandle. Nguwo lowo umda wenu wangasezantsi.
 
5 Umda wasempumalanga luLwandle lweTyuwa, use ekupheleni kweYordan. Umda wecala langasentla wathabathela encamini yolwandle, ekupheleni kweYordan;
 
6 wenyuka umda waya eBhete-hogela, wegqitha waya emantla eBhete-arabha, wajika umda waya etyeni likaBhohan unyana kaRubhen.
 
7 Wenyuka umda waya eDebhiri, uvela entilini yeAkore, wabheka entla eGiligali, malunga nokunyuka kweAdumin ngasezantsi komlanjana; wegqitha apho waya emanzini ase-En-shemeshe, ukuma kwawo wema nge-En-rogele.
 
8 Wenyuka umda ngomfula woonyana bakaHinom, waya egxalabeni lowamaYebhusi ngasezantsi:yiYerusalem ke leyo; wenyuka umda waya encotsheni yentaba ephambi komfula wakwaHinom, ngasentshonalanga, osekuphekeni kwentili yamaRafa ngasentla.
 
9 Wahlaba umda, wathabathela encotsheni yentaba, waya emthonjeni wamanzi aseNefetowa, waphuma waya emizini yasentabeni kaEfron, wahlaba waya eBhahala:yiKiriyati-yeharim ke leyo.
 
10 Wajika umda eBhahala ngasentshonalanga, waya entabeni yakwaSehire, wegqitha waya egxalabeni leHar-yeharim ngasentla:yiKesalon ke leyo; wehla waya eBhete-shemeshe, wegqitha waya eTimna.
 
11 Waphuma umda waya egxalabeni le-Ekron ngasentla, wahlaba umda waya eShikron, wegqitha waya entabeni yeBhahala, wema ngeYabheneli umda waya wema ngolwandle.
 
12 Umda wasentshonalanga lulwandle olukhulu nommandla walo. Nguwo lowo umda woonyana bakaYuda ngeenxa zonke, ngokwemizalwane yabo.
 
13 UKalebhi unyana kaYefune wamnika isabelo phakathi koonyana bakaYuda, ngokutsho kukaYehova kuYoshuwa:umzi ka-Arbha uyise ka-Anaki ngowaseHebron ke lowo,
 
14 Wabagqogqa apho uKalebhi oonyana bobathathu baka-Anaki, uSheshayi noAhiman noTalemayi, inzalo ka-Anaki.
 
15 Wenyuka khona waya kubemi baseDebhiri; igama leDebhiri laliyiKiriyati-sefere ngenxa engaphambili.
 
16 Wathi uKalebhi, Othe wayibulala iKiriyati-sefere, wayithimba, ndomnika intombi yam, uAkesa, ibe ngumkakhe.
 
17 Wayithimba uOteniyeli unyana kaKenazi, umzalwana kaKalebhi; wamnika ke intombi yakhe, uAkesa, yangumkakhe.
 
18 Kwathi ekuzeni kwayo, yamvuselela ukuba acele umhlaba kuyise wayo; yehla e-esileni layo. Wathi uKalebhi kuyo, Yintoni na?
 
19 Yathi, Ndinike into, ngokuba undinike umhlaba ongenamanzi; ndinike nemithombo yamanzi. Wayinika ke imithombo yasentla, nemithombo yasezantsi.
 
20 Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaYuda ngokwemizalwane yabo.
 
21 Imizi ethabathele ekupheleni kwesizwe soonyana bakaYuda, yesa emdeni wakwaEdom ezantsi, yabe iyiKabhetseli, ne-Edere, neYagure,
 
22 neKina, neDimona, neAdada,
 
23 neKedeshe, neHatsore, neItenan,
 
24 iZifi, neTelem, neBhehaloti,
 
25 neHatsore-hadata, neKeriyoti-hetseron (yiHatsore ke leyo);
 
26 iAmam, neShema, neMolada,
 
27 neHatsare-gada, neHeshmon, neBhete-palete,
 
28 neHatsare-shuwale, neBher-shebha, neBhiziyoteya;
 
29 iBhahala, neIyim, ne-Etsem,
 
30 ne-Elitoladi, neKezili, neHorma,
 
31 neTsikelage, neMademana, neSanesana,
 
32 neLebhawoti, neShilehim, neAyin, neRimon:yonke loo mizi imashumi mabini anesithoba nemizana yayo.
 
33 Esihlanjeni:yiEshtawoli, neTsora, neAshna,
 
34 neZanowa, ne-En-ganim, iTapuwa, ne-Enam;
 
35 iYarmuti, neAdulam, iSoko, neAzeka,
 
36 neShaharim, neAditayim, neGedera, neGederotayim:imizi elishumi elinamine inemizana yayo.
 
37 ITsenan, neHadasha, neMigedali yakwaGadi,
 
38 neDilan, neMizpa, neYoketeli;
 
39 iLakishe, neBhitsekati, ne-Eglon,
 
40 neKabhon, neLamasi, neKitilishe,
 
41 neGederoti, iBhete-dagon, neNahama, neMakeda:imizi elishumi elinamithandathu inemizana yayo.
 
42 ILibhena, ne-Etere neAshan,
 
43 neIfeta, neAshna, neNetsibhi,
 
44 neKehila, neAkezibhi, neMaresha:imizi esithoba inemizana yayo.
 
45 IEkron, namagxamesi ayo, nemizana yayo;
 
46 kwathabathela e-Ekron ngasentshonaganga, yonke esecaleni leAshdode, nemizana yayo.
 
47 IAshdode, namagxamesi ayo, nemizana yayo; iGaza namagxamesi ayo, nemizana yayo, kwesa kumlanjana weYiputa, nolwandle olukhulu, nommandla walo.
 
48 Esezintabeni:yiShamire, neYatire, neSoko,
 
49 neDana, neKiriyati-sana (yiDebhiri ke leyo);
 
50 neAnabhi, ne-Eshtemo, neAnim,
 
51 neGoshen, neHolon, neGilo:imizi elishumi elinamnye, inemizana yayo.
 
52 IArabhi, neDuma, ne-Eshan,
 
53 neYanim, neBhete-tapuwa, neAfeka,
 
54 neHumta, neKiriyati ka-Arbha (yiHebron ke leyo); neTsihore:imizi esithoba inemizana yayo.
 
55 IMahon, iKarmele, neZifi, neYuta,
 
56 neYizereli, neYokedam, neZanowa;
 
57 iKayin, iGibheha, neTimna:imizi elishumi inemizana yayo.
 
58 IHalehule, iBhete-tsure, neGedore,
 
59 neMaharati, neBhete-anoti, ne-Elitekon:imizi emithandathu inemizana yayo.
 
60 IKiriyati-bhahali (yiKiriyati-yeharim ke leyo) neRabha:imizi emibini inemizana yayo.
 
61 Esentlango yiBhete-arabha, iMidin, neSekaka,
 
62 neNibheshan, noMzi weTyuwa, ne-Engedi:imizi emithandathu inemizana yayo.
 
63 Ke amaYebhusi, abengabemi baseYerusalem, ababanga nako ukuwagqogqa oonyana bakaYuda; ahlala amaYebhusi noonyana bakaYuda eYerusalem nanamhla.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | [ Next ]