Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYoshuwa Chapter10
 
1 Kwathi, akuva uAdoni-tsedeki, ukumkani wasiYerusalem, ukuba uYoshuwa uyithimbile iAyi, wayitshabalalisa; njengoko wenza ngako kwiYeriko nokumkani wayo, wenjenjalo kwiAyi nokumkani wayo; nokuba abemi baseGibheyon benze uxolo namaSirayeli, baba phakathi kwawo:
 
2 boyika kunene, kuba ngumzi omkhulu iGibheyon, njengomnye wemizi yobukumkani, ngokuba inkulu kuneAyi, namadoda ayo onke angamagorha.
 
3 Wesuka uAdoni-tsedeki ukumkani waseYerusalem, wathumela kuHoham ukumkani waseHebron, nakuPiram ukumkani waseYarmuti, nakuYafiya ukumkani waseLakishe, nakuDebhiri ukumkani wase-Eglon, esithi,
 
4 Nyukani nize kum, nindincede, siyixabele iGibheyon; kuba yenze uxolo noYoshuwa noonyana bakaSirayeli.
 
5 Bahlangana ke, benyuka ookumkani abo bama-Amori bobahlanu, ukumkani waseYerusalem, nokumkani waseHebron, nokumkani waseYarmuti, nokumkani waseLakishe, nokumkani wase-Eglon, bona nemikhosi yabo yonke, bayingqinga iGibheyon, balwa nayo.
 
6 Athumela ke amadoda aseGibheyon kuYoshuwa emkhosini eGiligali, esithi, Musa ukusiyekelela isandla sakho kubakhonzi bakho; nyuka uze kuthi ngokukhawuleza, usisindise, usincede; ngokuba bebuthelene phezu kwethu bonke ookumkani bama-Amori abemiyo ezintabeni.
 
7 Wenyuka ke uYoshuwa, esuka eGiligali, yena nabantu bonke bokulwa bendawonye naye, namagorha onke anobukroti.
 
8 Wathi uYehova kuYoshuwa, Musa ukuboyika; kuba ndibanikele esandleni sakho; akuyi kuma ndoda kubo phambi kwakho.
 
9 Wafika uYoshuwa kubo ngebhaqo; wenyuka bonke ubusuku, evela eGiligali.
 
10 UYehova wabadubaduba phambi kwamaSirayeli, ababulala ngobulawo olukhulu eGibheyon; abasukela ngendlela enyuka iye eBhete-horon, ababulala kwada kwesa eAzeka, kwada kwesa naseMakeda.
 
11 Kwathi, ekusabeni kwabo phambi kwamaSirayeli, besethambekeni laseBhete-horon, uYehova wabathobela amatye amakhulu ezulwini, kwada kwesa eAzeka, bafa. Babaninzi abafa ngamatye esichotho, kunababulawayo ngoonyana bakaSirayeli ngekrele.
 
12 Waza wathetha uYoshuwa kuYehova, mhlana uYehova wawanikela ama-Amori koonyana bakaSirayeli, wathi emehlweni amaSirayeli:Langa, nqumama eGibheyon, Nawe nyanga, entilini yeAyalon.
 
13 Lathi nqumama ke ilanga, yema inyanga, Lwada uhlanga lwaziphindezelela ezintshabeni zalo. Oku akubhalwanga na eNcwadini yOthe Tye? Lema ke ilanga esazulwini sezulu, alangxama ukutshona, yangathi yimini iphela.
 
14 Akuzanga kubekho mini injengaleyo, phambi kwayo nangasemva kwayo, ngokokude uYehova aliphulaphule izwi lomntu; ngokuba uYehova wawalwela amaSirayeli.
 
15 Wabuya uYoshuwa, enamaSirayeli onke, waya eminqubeni eGiligali.
 
16 Basaba abo kumkani bahlanu, bazimela emqolombeni eMakeda.
 
17 Kwaxelwa kuYoshuwa, kwathiwa, Sibafumene ookumkani bobahlanu, bezimele emqolombeni eMakeda.
 
18 Wathi uYoshuwa, Qengqelani amatye amakhulu emlonyeni womqolomba, nimise amadoda phezu kwawo ukuba abalinde.
 
19 Ke nina musani ukuma; zisukeleni iintshaba zenu, niwubethe umqosheliso wazo. Musani ukuwuvumela ungene emizini yawo, kuba uYehova uThixo wenu uwunikele esandleni senu.
 
20 Kwathi, akugqiba uYoshuwa noonyana bakaSirayeli ukuzibulala kakhulu kunene zada zagqitywa, zathi eziseleyo kuzo, zaya kungena emizini enqatyisiweyo.
 
21 Babuye ke bonke abantu, baya emkhosini kuYoshuwa eMakeda ngoxolo; akwabakho nja ibavungamelayo oonyana bakaSirayeli, kwanabani.
 
22 Wathi uYoshuwa, Vulani umlomo womqolomba, nibakhuphe emqolombeni abaa kumkani bobahlanu, beze kum.
 
23 Benjenjalo ke; babakhupha emqolombeni, beza kuye abo kumkani bobahlanu, ukumkani waseYerusalem, nokumkani waseHebron, nokumkani waseYarmuti, nokumkani waseLakishe, nokumkani nokumkani wase-Eglon.
 
24 Kwathi, bakubakhupha, babasa kuYoshuwa abo kumkani; wawabiza uYoshuwa onke amadoda akwaSirayeli, wathi kubaphathi bamadoda okulwa ababehambe naye, Sondelani, nibanyathele entanyeni aba kumkani. Basondela ke, babanyathela ezintanyeni zabo.
 
25 Wathi uYoshuwa kubo, Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini:yomelelani, nikhaliphe, ngokuba uYehova uya kwenjenjalo kwiintshaba zenu zonke enilwa nazo.
 
26 Wabaxabela ke uYoshuwa, emveni koko wababulala, wabaxhoma emithini emihlanu; baxhonywa emithini apho kwada kwahlwa.
 
27 Kwathi ngexesha lokutshona kwelanga, uYoshuwa wawisa umthetho, babathula emithini, babaphosa emqolombeni ababezimele kuwo, babeka amatye amakhulu emlonyeni womqolomba, asekhoyo namhlanje.
 
28 UYoshuwa wayithimba neMakeda ngaloo mini, wayixabela ngohlangothi lwekreke, nokumkani wayo, wabatshabalalisa kwanabantu bonke abakuyo; akasalisa namnye usindileyo. Wenza kukumkani waseMakeda njengoko wenza ngako kukumkani waseYeriko.
 
29 Wagqitha uYoshuwa enamaSirayeli onke eMakeda, waya eLibhena, walwa neLibhena.
 
30 Wayinikela kananjalo uYehova esandleni samaSirayeli, nokumkani wayo, wayixabela ngohlangothi lwekrele, kwanabantu bonke abakuyo; akasalisa kuyo namnye usindileyo. Wenza kukumkani wayo njengoko wenza ngako kukumkani waseYeriko.
 
31 Wagqitha uYoshuwa eLibhena, enamaSirayeli onke, waya eLakishe, wayingqinga, walwa nayo.
 
32 UYehova wayinikela iLakishe esandleni samaSirayeli, ayithimba ngomhla wesibini, ayixabela ngohlangothi lwekrele, kwanabantu bonke abakuyo, njengako konke awakwenzayo kwiLibhena.
 
33 Waza wenyuka uHoram, ukumkani waseGezere, waya kuyinceda iLakishe. UYoshuwa wambulala yena nabantu bakhe, kwada akwasala namnye kuye usindileyo.
 
34 Wegqitha uYoshuwa eLakishe, enamaSirayeli onke, aya e-Eglon, ayingqinga, alwa nayo.
 
35 Ayithimba ngaloo mhla, ayixabela ngohlangothi lwekrele, kwanabantu bonke abakuyo; wayitshabalalisa ngaloo mhla, njengako konke awakwenzayo kwiLakishe.
 
36 Wenyuka uYoshuwa esuka e-Eglon, waya eHebron, enamaSirayeli onke, alwa nayo,
 
37 ayithimba, ayixabela ngohlangothi lwekrele, nokumkani wayo, nemizi yayo yonke, nabantu bonke abakuyo; akwasala namnye usindileyo, njengako konke awakwenzayo kwiEglon; watshabalalisa kwanabantu bonke abakuyo.
 
38 Wabuya ke uYoshuwa enamaSirayeli onke, weza eDebhiri, walwa nayo.
 
39 Wayithimba, nokumkani wayo, nemizi yayo yonke, ayixabela ngohlangothi lwekrele. Ayitshabalalisa kwanabantu bonke abakuyo; akwasala namnye usindileyo; njengoko wakwenzayo kwiHebron, wenjenjalo kweDebhiri, nakukumkani wayo; njengoko wakwenzayo kwiLibhena, nakukumkani wayo.
 
40 Walibulala ke uYoshuwa lonke ilizwe leentaba, nelasezantsi nelezihlambo, nelamaxandeka, nabo bonke ookumkani balo; akwasala namnye usindileyo. Watshabalalisa konke okuphefumlayo, njengoko wawisa umthetho uYehova uThixo kaSirayeli.
 
41 Wababulala uYoshuwa, wathabathela eKadeshe-bharneha, wesa eGaza, nelizwe lonke laseGoshen, wesa eGibheyon.
 
42 Wabathimba uYoshuwa bonke abo kumkani, nelizwe labo, ngasihlandlo sinye, ngokuba uYehova uThixo kaSirayeli ebewalwela amaSirayeli.
 
43 Wabuya uYoshuwa enamaSirayeli onke, weza eminqubeni eGiligali.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | [ Next ]