Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYona Chapter4
 
1 Kwaba kubi kuYona kakhulu, wavutha ngumsindo.
 
2 Wathandaza kuYehova, wathi, Camagu, Yehova! Labe lingelilo na ilizwi lam eli, ndisesemhlabeni wakowethu? Ngenxa yoko ndaphanga ngokubalekela eTarshishe; ngokuba ndandisazi ukuba unguThixo obabalayo, onemfesane, ozeka kade umsindo, onenceba enkulu, ozohlwayayo ngenxa yobubi.
 
3 Ke ngoku, Yehova, seluwuthabatha umphefumlo wam kum, kuba ukufa kum kulungile kunokuba ndidle ubomi.
 
4 Wathi uYehova, Uyalungisa na ukuthi oku, uvuthe ngumsindo?
 
5 Waphuma ke uYona kuwo umzi, wahlala ngasempumalanga kuwo umzi, wazenzela khona umnquba; wahlala ngaphantsi kwawo emthunzini, ukuze ade abone ukuba kuya kuthekani na kuwo umzi.
 
6 UYehova uThixo wammisela umhlavuthwa; waphuma, wenyuka waba phezu koYona, ukuba ube ngumthunzi entlokweni yakhe, umhlangule ebubini bakhe. Wawuvuyela uYona umhlavuthwa lowo, wawuvuyela kakhulu.
 
7 UThixo wamisela intlava, ukuthi qhiphu kokusa ngengomso, yabetha umhlavuthwa lowo, woma.
 
8 Kwathi ekuphumeni kwelanga, uThixo wamisela ulophu lwasempumalanga; ilanga labetha kuYona entloko, wawa isiduli; wawucelela ukufa umphefumlo wakhe, wathi, Kulungile ukufa kum, kunokuba ndidle ubomi.
 
9 Wathi uThixo kuYona, Uyalungisa na ukuthi oku, uvuthe ngumsindo ngenxa yomhlavuthwa? Wathi, Ndiyalungisa ukuthi ndivuthe ngumsindo kude kuse ekufeni.
 
10 Wathi uThixo, Wena unenceba ngomhlavuthwa, ongabulalekanga nguwo, ongawuhlumisanga, okhule ngobusuku, wadaka ngobusuku:
 
11 ndingabi nanceba na ke mna ngenxa yeNineve, loo mzi mkhulu, unabantu abangaphezu kwekhulu elinamanci mabini amawaka, abangakwaziyo ukunene kwabo kwikhohlo labo; kwanempahla enkulu eninzi?
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | |