Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYobhi Chapter9
 
1 Waphendula uYobhi, wathi,
 
2 Okwenene, ndiyazi ukuba kunjalo; Ke angathini na umntu lo ukuba lilungisa phambi koThixo?
 
3 Ukuba uthe yena wafuna ukubambana naye, Ubengemphenduli namnye umbuzo kweliwaka.
 
4 Ulumkile ngentliziyo, ukhaliphile ngamandla:Ngubani na okha agogotye kuye, aze asinde?
 
5 Uloshenxisa iintaba zingazi, Ukuba azibhukuqe ngomsindo wakhe;
 
6 Ulogungqisa ihlabathi, lisuke endaweni yalo, Zididizele iintsika zalo;
 
7 Ulothetha elangeni lingaphumi, Azitywine, azivingce, iinkwenkwezi ngeenxa zonke;
 
8 Ulotwabulula ixulu eyedwa, Anyathele emimangweni yolwandle;
 
9 Ulowenza iinkwenkwezi zeBhere, namaKroza, nesiLimela, Neengontsi zasezantsi.
 
10 Ulowenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Nemisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa.
 
11 Yabona, udlula phezu kwam, ndingamboni; Uthi phe, ndingamqondi,
 
12 Yabona, exwila, ngubani na ongamnqandayo? Ngubani na ongathi kuye, Wenza ntoni na?
 
13 UThixo akawunqandi umsindo wakhe; Bayasibekeka phantsi kwakhe abancedi bakaRahabhi.
 
14 Ndingathini na ke mna ukumphendula, Ndiwakhethe amazwi am okuphendula kuye?
 
15 Nokuba bendililungisa mna, bendingemphenduli; Ndingatarhuzisa kuphela kumgwebi wam.
 
16 Ukuba bendithe ndabiza, wandiphendula, Bendingekholwa ukuba ulibekele indlebe ilizwi lam;
 
17 Kanye ubeya kundityumza ngoqhwithela, Awandise amanxeba am ngelize,
 
18 Angandiphi nokuba ndiphefumle; Ke ubeya kundihluthisa ngobukrakra.
 
19 Ukuba yinto yamandla ekhalipha, uthi, Ndim okhoyo! Ukuba yinto yomgwebo, uthi, Ngubani na oya kundimema?
 
20 Ukuba bendithe ndalilungisa, umlomo wam ubuya kundigweba; Ukuba bendithe ndagqibelela, ubeya kundenza umjibilizi.
 
21 Ndigqibelele; andiwukhathalele umphefumlo wam; Ndiyabucekisa ubomi bam.
 
22 Kunye oko; ngenxa yoko ndithi, Ogqibeleleyo nongendawo uyabatshabalalisa.
 
23 Ukuba iziniya ithe yabulala ngesiquphe, Uya kugculela ukuqotywa kwabamsulwa.
 
24 Ihlabathi linikelwe esandleni sabangendawo; Uyabugqubuthela ubuso babagwebi balo. Ukuba kanti akunjalo, kwenziwe ngubani na ke?
 
25 Imihla yam ikhawuleze ngaphezu kwesigidimi; Ibalekile, ayibonanga kulungileyo;
 
26 Ithe phe njengemikhombe yeengcongolo, Njengokhozi luxwila ixhoba.
 
27 Ndakuthi, Ndiya kuyilibala inkalazo yam, Ndibuyeke ubuso bam, ndincumeze,
 
28 Ndisuka ndinxunguphale ziimbulaleko zam zonke, Ndazi ukuba akuyi kuthi ndimsulwa.
 
29 Kuthiwa ndingongendawo mna; Yini na le nto ndifumana ndizixhamla?
 
30 Nokuba bendithe ndazihlamba ngamanzi ekhephu, Ndazihlambulula izandla zam ngesepha,
 
31 Ubuya kundithi gxwa emhadini, Ndibe lisikizi nakwiingubo zam.
 
32 Kuba akamntu yena, njengam nje, ukuba ndimphendule, Siye ndawonye ematyaleni.
 
33 Akukho mahluli phakathi kwethu, Wokubeka isandla sakhe phezu kwethu sobabini.
 
34 Makayisuse intonga yakhe kum, Isothuso sakhe masingandidandathekisi:
 
35 Ndothetha ke ndingamoyiki; Kuba andivi kunjalo mna eluvalweni lwam.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | [ Next ]