Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYobhi Chapter35
 
1 Wasusela uElihu, wathi,
 
2 Uba oku kusesikweni na, Ukuthi, ubulungisa bakho bungaphezu kobukaThixo;
 
3 Ukuba uthi nje, Bundinceda ntoni na, Bundinyusa ngantoni na phezu kokundinyusa kwesono sam?
 
4 Ndiya kukuphendula mna ngokuthetha, Nabahlobo bakho abanawe.
 
5 Bheka ezulwini ubone; Ukhangele isibhakabhaka, siphezulu kuwe.
 
6 Ukuba uthi wone, usebenza ntoni na ngakuye? Khona zakuba zininzi izikreqo zakho, umenze ntoni na?
 
7 Ukuba uthe walungisa wena, umpha ntoni na ngaloo nto? Wamkela ntoni na yena esandleni sakho?
 
8 Kuyinto kwindoda enjengawe ukungabi ndawo kwakho; Buyinto kuwe, nyana womntu, ubulungisa bakho.
 
9 Ngenxa yobuninzi bokucudisa, bayakhala abantu; Bayazibika ngenxa yengalo yabakhulu.
 
10 Ke abatsho ukuthi, Uphi na uThixo uMenzi wam, Osinika ingoma ebusuku,
 
11 Osifundisa ngaphezu kweenkomo zehlabathi, Asiphe ubulumko ngaphezu kweentaka zezulu?
 
12 Bandula bakhale, angaphenduli, Ngenxa yekratshi labanobubi.
 
13 Hayi, yona into ekhohlakeleyo akayiva uThixo, USomandla akayikhathalele.
 
14 Noko utshoyo ukuthi akumkhathalele, Ityala liphambi kwakhe, lindela kuye ke!
 
15 Ke ngoko xa ungekaveleli umsindo wakhe, Akazani na kunene nesikhukhumali?
 
16 Ke uYobhi ufumana awuvule umlomo wakhe, Akwandise ukuthetha engenakwazi.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | [ Next ]