|
UYobhi Chapter27 1 Wahambisa uYobhi, waphakamisa umzekeliso wakhe, wathi, 2 Ehleli nje uThixo, olisusileyo ibango lam, USomandla, owenze krakra umphefumlo wam 3 (Kuba kusekum ukuphefumla kwam konke, Nomoya kaThixo usemathatheni am), 4 Umlomo wam awuthethi bugqwetha, Nolwimi lwam aluxeli nkohliso. 5 Makube lee kum ukuthi, niyalungisa; Ndoda ndiphume umphefumlo, ndingayisusi kum ingqibelelo yam. 6 Ndobambelela ebulungiseni bam, andiyi kubuyeka; Intliziyo yam ayiyi kungcikiva mini eziminini zam. 7 Malube njengongendawo utshaba lwam, Nosukela phezulu kum abe njengogqwethayo. 8 Kuba liyintoni na ithemba lentshembenxa, xa athe wawunqumla, Xa athe wawurhola uThixo umphefumlo wayo? 9 Wokuva na uThixo ukululahlamba kwayo, Xa ifikelwe yimbandezelo? 10 Khona inokuziyolisa na ngoSomandla? Ingamnqula na uThixo ngamaxesha onke? 11 Ndiya kuniyala ngokusingisele esandleni sikaThixo; OkunoSomandla andiyi kukukhanyela. 12 Yabonani, nonke niphela ngokwenu nikubonile; Yini na ke ukuba nithethe into engento yakonto? 13 Siso esi isabelo somntu ongendawo kuThixo, Nelifa labaziingqwangangqwili, abalamkelayo kuSomandla. 14 Ukuba bathe banda oonyana bakhe, bandiselwa ikrele; Nabaphume embilinini wakhe abahluthi kukutya. 15 Amaqongqolo akhe aya kungcwatywa kukufa, Abahlolokazi bakhe bangalili. 16 Ukuba uthe wafumba isilivere njengothuli, Wazilungisela izambatho njengodaka: 17 Angazilungisa, koko ziya kwambathwa lilungisa, Nesilivere leyo babelane ngayo abamsulwa. 18 Uyakha indlu yakhe njengenundu, Njengephempe elenziwe yimboniseli. 19 Ulala phantsi esisityebi, akaphindi; Uvula amehlo akhe, angabikho. 20 Kumthabatha njengamanzi ukukhwankqa, Simbe ebusuku isaqhwithi. 21 Luyamfukula ulophu lwasempumalanga, emke, Lumqweqwedise endaweni yakhe. 22 UThixo umgibisela angamcongi; Usibaleka asibaleke isandla sakhe. 23 Bamtyhwakrazela izandla, Bamenzele umsondlo, emke endaweni yakhe.
|
|