Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYeremiya Chapter41
 
1 Kwathi ngenyanga yesixhenxe, weza uIshmayeli unyana kaNetaniya, unyana kaElishama, wasembewini yokumkani, wakubathetheli bokumkani, enamadoda alishumi, kuGedaliya unyana ka-Ahikam eMizpa; badla isonka ndawonye eMizpa apho.
 
2 Wesuka uIshmayeli unyana kaNetaniya, namadoda alishumi abenaye, wamxabela uGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, ngekrele; wambulala ke obenziwe umveleli ngukumkani waseBhabheli ezweni eli;
 
3 namaYuda onke abenaye, abenoGedaliya eMizpa, namaKaledi awafunyanwayo khona, angamadoda okulwa, wawabulala uIshmayeli.
 
4 Kwathi ke ngomhla wesibini emva kokubulawa kukaGedaliya, kungazi mntu,
 
5 kwafika amadoda evela kwaShekem naseShilo nakwaSamari, amadoda angamashumi asibhozo, eguye iindevu, ezikrazule iingubo, ezicentile, eneminikelo yokudla nentlaka emhlophe ezandleni zawo, eyizisa endlwini kaYehova.
 
6 Waphuma eMizpa uIshmayeli unyana kaNetaniya, waya kuwakhawulela, emana ehamba elila. Kwathi, akufika kuwo, wathi kuwo, Yizani kuGedaliya unyana ka-Ahikam.
 
7 Kwathi, akufika phakathi komzi, wawabulala uIshmayeli unyana kaNetaniya, wawalahlela emhadini phakathi, yena namadoda lawo abenaye.
 
8 Ke kwafumaneka kuwo amadoda alishumi, awathi kuIshmayeli, Musa ukusibulala, ngokuba sinezisele endle ezinengqolowa, nerhasi, neoli, nobusi. Wawayeka ke, akawabulala phakathi kwabazalwana bawo.
 
9 Ke kaloku umhadi, apho uIshmayeli wazilahlela kuwo ngakuGedaliya zonke izidumbu zamadoda abewabulele (lowo wawenzayo ukumkani uAsa ngenxa kaBhahesha ukumkani wakwaSirayeli), uIshmayeli unyana kaNetaniya wawuzalisa ngababuleweyo.
 
10 UIshmayeli wawathimba onke amasalela abantu abaseMizpa, iintombi zokumkani, nabantu bonke ababesele eMizpa, abenziwe umveleli wabo uGedaliya unyana ka-Ahikam nguNebhuzaradan, umthetheli wabasiki; wabathimba ke uIshmayeli unyana kaNetaniya, wahamba, wawelela koonyana baka-Amon.
 
11 Weva uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ezibe zinaye, bonke ububi awabenzayo uIshmayeli unyana kaNetaniya;
 
12 bawathabatha onke amadoda, baya kulwa noIshmayeli unyana kaNetaniya, bamfumana ngasemanzini amakhulu aseGibheyon.
 
13 Kwathi, bonke abantu abanoIshmayeli, bakumbona uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bezimpi ezinaye, bavuya;
 
14 bajika bonke abantu abebathimbe eMizpa uIshmayeli, babuya baya kuYohanan unyana kaKareha.
 
15 Ke uIshmayeli unyana kaNetaniya wasinda, enamadoda asibhozo, ebusweni bukaYohanan, waya koonyana baka-Amon.
 
16 Wawathabatha uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ababenaye, onke amasalela abantu, awababuyisayo kuIshmayeli unyana kaNetaniya eMizpa, emveni kokuba ebembulele uGedaliya unyana ka-Ahikam, amagorha, amadoda okulwa, nabafazi, nabantwana, namathenwa, abewabuyisile eGibheyon.
 
17 Baya bahlala endlwini yabaphambukeli kaKimham engaseBhetelehem, ukuba baye kungena eYiputa, ngenxa yamaKaledi.
 
18 Ngokuba babewoyika, ngokuba uIshmayeli unyana kaNetaniya ebembulele uGedaliya unyana ka-Ahikam, owayenziwe umveleli welizwe ngukumkani waseBhabheli.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | 49 | 50 | 51 | 52 | [ Next ]