Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UIsaya Chapter48
 
1 Yivani oko, ndlu kaYakobi, nibizwayo ngegama likaSirayeli, naphumayo emanzini kaYuda; nina nilifungayo igama likaYehova, nimkhankanye uThixo kaSirayeli, kungenganyaniso, kungengabulungisa.
 
2 Ngokuba bazibiza ngokuthi ngabomzi ongcwele, bazixhase ngoThixo kaSirayeli, ogama lakhe linguYehova wemikhosi.
 
3 Izinto zangaphambili ndazixela kwanini; zaphuma emlonyeni wam, ndazibonakalalisa; ndazenza ngesiquphe, zabakho.
 
4 Ngokukwazi kwam ukuba ulukhuni, nentamo yakho ingumsipha wesinyithi, nebunzi lakho lilubhedu,
 
5 ndakuxelela ezo zinto kwanini; zingekafiki ndakuvisa, hleze uthi, Isithixo sam sizenzile, umfanekiso wam oqingqiweyo notyhidiweyo uzimisile.
 
6 Uvile; sikhangele zonke ziphela; wena ke akunakuzixela na? Ndiya kukuvisa izinto ezintsha, ezifihlakeleyo, obungazazi.
 
7 Zidalwa ngoku, azidalwanga kwanini; ingekabikho le mini, ubungaziva; hleze uthi, Yabona, bendizazi.
 
8 Ubungaziva; ubungazazi; ibingavulekile indlebe yakho kwanini. Kuba bendisazi ukuba unginiza unginizile; ukubizwa kwakho kuthiwa ungumkreqi kwasesizalwani.
 
9 Ngenxa yegama lam ndizeka kade ukuba nomsindo, nangenxa yendumiso yam ndiyawubamba ngakuwe, ukuze ndingakunqumli.
 
10 Uyabona, ndikunyibilikisile, akwaba ngokwesilivere; ndakucikida ezikweni leentsizi.
 
11 Ndikwenza oko ngenxa yam, ngenxa yam (hayi, ukuhlanjelwa kwegama lam!); andiluniki wumbi uzuko lwam.
 
12 Phulaphula kum, Yakobi, Sirayeli, mbizwa wam; ndim, ndingowokuqala, ewe, ndingowokugqibela.
 
13 Ewe, isandla sam siseke ihlabathi, esokunene sam saneke izulu; ndithi ndakuzibiza ezo zinto, zime kunye.
 
14 Zihlanganiseni, nonke niphela, nive; ngubani na phakathi kwezithixo owazixelayo ezo zinto? Umthandwa kaYehova uya kukwenza ukuthanda kwakhe kwiBhabheli, nengalo yakhe ikwenze kumaKaledi.
 
15 Mna nditshilo, ewe, ndimbizile, ndimzisile; inempumelelo indlela yakhe.
 
16 Sondelani kum, nive oku. Kwasekuqaleni andithethanga entsithelweni; kususela kwixesha lokwenzeka kwako oko, ndilapha; nangoku iNkosi uYehova indithumile, mna noMoya wayo.
 
17 Utsho uYehova, umkhululi wakho, oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Mna Yehova, Thixo wakho, ndingokufundisa okungakuncedayo, ndikunyathelise ngendlela oya kuhamba ngayo.
 
18 Akwaba imithetho yam ubuyibazele indlebe! Beluya kuba njengomlambo uxolo lwakho, nobulungisa bakho bube njengamaza olwandle;
 
19 ibiya kuba njengentlabathi imbewu yakho, abaphuma ezibilinini zakho babe njengamasuntsu ayo belingayi kunqunyulwa litshabalale igama labo ebusweni bam.
 
20 Phumani eBhabheli, sabani kwelamaKaledi; kuxeleni ninelizwi lokumemelela, kuvakaliseni oku, kuhlabeleni kuye naseziphelweni zehlabathi; yithini, UYehova umkhulule ngokumhlawulela umkhonzi wakhe uYakobi.
 
21 Abanxanwanga, ebahambisa engqaqasini; wabatsitsisela amanzi eweni, wacanda iliwa, atsaza amanzi.
 
22 Akukho luxolo kwabangendawo, utsho uYehova.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | 49 | 50 | 51 | 52 | 53 | 54 | 55 | 56 | 57 | 58 | 59 | 60 | 61 | 62 | 63 | 64 | 65 | 66 | [ Next ]