Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UIsaya Chapter40
 
1 Thuthuzelani, bathuthuzeleni abantu bam, utsho uThixo wenu.
 
2 Thethani kakuhle neYerusalem, nimemeze kuyo, nithi kuzalisekile ukuphuma kwayo umkhosi; nithi, buhlawulelwe ubugwenxa bayo; nithi, yamkeliswe esandleni sikaYehova okuphindwe kabini kwizono zayo zonke.
 
3 Yivani omemezayo, esithi, Yigeceni entlango indlela kaYehova; tyenenezelani uThixo wethu umendo enkqantosini.
 
4 Yonke imifula mayinyuswe, zonke iintaba neenduli zigungxulwe; iindawo ezimagqagala zibe zithabazi, nemixawuka ibe ziintili;
 
5 butyhileke ubuqaqawuli bukaYehova, ibubone inyama yonke kunye; ngokuba uthethile umlomo kaYehova.
 
6 Ilizwi lothile lathi, Memeza. Wathi yena, Ndimemeze ntoni na? Yithi, Yonke inyama ibutyani, bonke ubuhle bayo bunjengentyantyambo yasendle.
 
7 Buyoma utyani, iyabuna intyantyambo; ngokuba umoya kaYehova uvuthuza kuyo; inene, abantu babutyani.
 
8 Buyoma utyani, iyabuna intyantyambo; ke lona ilizwi likaThixo wethu liya kuma ngonaphakade.
 
9 Wena Ziyon, mshumayeli weendaba ezilungileyo, nyuka uye entabeni ephakamileyo; wena Yerusalem, mshumayeli weendaba ezilungileyo, liphakamise ngamandla ilizwi lakho, phakamisa ungoyiki. Yithi kwimizi yakwaYuda, Nanko uThixo wenu!
 
10 Uyabona, iNkosi uYehova iya kuza, ingowomeleleyo, ingalo yayo iyilawulela. Uyabona, umvuzo wayo inawo, nomsebenzi wayo uphambi kwayo.
 
11 Iya kuwalusa umhlambi wayo njengomalusi; iya kuwabutha ngeengalo zayo amatakane, iwathwale ngesifuba sayo, izithundeze ezanyisayo.
 
12 Ngubani na olinganise amanzi la entendeni yesandla sakhe, walilungisa izulu ngomoluko weminwe, walukhongozela uthuli lomhlaba ngomlinganiselo, wazilinganisa iintaba ngesilinganiso, neenduli ngesikali?
 
13 Ngubani na owalungisa uMoya kaYehova, waba yindoda emcebisayo, wamazisa?
 
14 Wacebisana nabani na owamqondisayo, wamfundisa umendo wesiko, wamfundisa ukwazi, wamazisa indlela yokuqonda?
 
15 Yabona, iintlanga zibalelwa ekubeni zinjengethontsi emphandeni, njengesuntswana esikalini. Yabona, iziqithi zinjengothuli oluqhaphukayo.
 
16 ILebhanon ayilingene kubaswa, neenyamakazi zayo azilingene kubalidini elinyukayo.
 
17 Zonke iintlanga zinjengento engento phambi kwakhe; kuye zibalelwa ekuthini asizanto, ziluchuku.
 
18 Ningamfanekisa ke nabani na uThixo, ninxulumise mfanekiselo mni na naye?
 
19 Umfanekiso oqingqiweyo utyhidwa yingcibi, awaleke ngegolide umnyibilikisi, awunyibilikisele imixokelelwane yesilivere.
 
20 Okhohliweyo ngumrhumo ukhetha umthi ongenakubola; uzifunela ingcibi eyaziyo, ukuba imlungisele umfanekiso oqingqiweyo ongayi kushukuma.
 
21 Anazi na? aniva na? anixelelwanga na kwasentloko? aniqondanga na kwasekusekweni kwehlabathi?
 
22 Ngulo uhlala phezu kwesazinge sehlabathi, abemi balo ke benjengemicikwane; ulowaneka izulu njengeqhiya eliyasuyasu, walitwabulula njengentente yokuhlala;
 
23 ulozenza izidwangube ukuba zingabi nto, abagwebi behlabathi abenze babe luchuku.
 
24 Bengekathi ukutyalwa, bengekathi ukuhlwayelwa, singekathi ukwendelisela iingcambu emhlabeni isiphunzi sabo, uselebafuthela bome, ubathabathe umoya ovuthuzayo njengomququ.
 
25 Niya kundifanisa nabani na, ndilingane naye? utsho oyiNgcwele.
 
26 Phakamiselani amehlo enu phezulu, nibone:ngubani na owadala ezi zinto? Ngulokhupha umkhosi wazo ngamaqela, uzibiza zonke ziphela ngamagama, ngenxa yobukhu bokomelela, ekhaliphile ngamandla; akusali nanye.
 
27 Yini na ukuba uthi, Yakobi—uthethe uthi, Sirayeli— Indlela yam isithele kuYehova, nebango lam lidlule kuThixo wam?
 
28 Akwazi na? akuvanga na, ukuba uThixo ongunaphakade nguYehova, tyhafi, akadinwa; ayinakugocwagocwa ingqondo yakhe.
 
29 Umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina.
 
30 Namadodana angatyhafa adinwe, nabafana bakhubeke bawe;
 
31 ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | 49 | 50 | 51 | 52 | 53 | 54 | 55 | 56 | 57 | 58 | 59 | 60 | 61 | 62 | 63 | 64 | 65 | 66 | [ Next ]