|
UIsaya Chapter35 1 Inemihlali intlango nomqwebedu; iyagcoba inkqantosi, iyadubula njengomfiyo. 2 Iyatyatyamba, ithi rhoqo; iyagcoba, ewe, iyagcoba, imemelele, inikwe ubuqaqawuli beLebhanon, ubungangamela beKarmele neSharon; ezo ndawo ziya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ubungangamela boThixo wethu. 3 Yomelezani izandla eziwileyo, niwaqinise amadolo agexayo. 4 Yithini kwabantliziyo zingxamayo, Yomelelani, ningoyiki. Yabonani, uThixo wenu uyeza enempindezelo, enembuyekezo kaThixo; uya kuza yena anisindise. 5 Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu; 6 size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge; ngokuba kuya kugqobhoka amanzi entlango, nemilambo enkqantosini; 7 isanga sibe lidike, neendawo ezinxaniweyo zimpompoze amanzi. Esikhundleni sempungutye, apho ibuthuma khona, kuya kuba butyani neengcongolo nemikhanzi. 8 Kuya kubakho umendo khona, kubekho indlela, kuthiwe ukubizwa kwayo, yindlela engcwele le. Akuyi kudlula nto iyinqambi ngayo; yeyabo yona:abahamba loo ndlela— nabazizihula abayi kulahleka kuyo. 9 Akuyi kubakho ngonyama khona, aliyi kuqabela khona irhamncwa eliqwengayo; aliyi kufunyanwa khona; kuya kuhamba khona abakhululwe ngokuhlawulelwa; 10 abakhululwa bakaYehova babuye beze eZiyon bememelela; benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nosizi.
|
|