Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UHabhakuki Chapter2
 
1 Ndiya kuma emboniselweni yam, ndizibeke phezu kwenqaba, ndibonisele, ukuba ndiyibone into aya kuyithetha kum, nento endiya kuphendula yona ngenxa yesimangalo sam.
 
2 Wandiphendula ke uYehova, wathi, Bhala umbono, uwukrole kakuhle emacwecweni, ukuze abaleke owulesayo.
 
3 Kuba umbono usaya kuba ngowexesha elimisiweyo, ukhawulezela ekupheleni, angathethi wona amanga; ukuba uthe wazilazila, wulinde, kuba uya kuza, awuyi kubuya umva.
 
4 Yabona, ugxalathelene, awuthe tye, umphefumlo wakhe phakathi kwakhe; ke lona ilungisa liya kudla ubomi ngokholo lwalo.
 
5 Naphezu koko, iwayini ngumtshinizisi, umfo okhukhumeleyo, akahlali; yena owandisileyo umbilini wakhe njengelabafileyo, abe enjengokufa, enganeliswa, koko ezihlangani sela kuye iintlanga zonke, azibuthele kuye izizwe zonke.
 
6 Aziyi kuwenza umzekeliso ngaye yini na, zonke ezo ziphela, zimkwekwele, zimntsonkothele, zisithi, Uha, lowo wandisa okungekwakhe! (kunini na?) esenjenjalo ezisindanisa ngezibambiso?
 
7 Abakudlayo abayi kusuka beme ngesiquphe yini na, bavuke abakuqungaqungayo, ube ngamaxhoba kubo?
 
8 Ekubeni wena ubhunyule iintlanga ezininzi, aya kukubhunyula onke amasalela ezizwe, ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke.
 
9 Yeha, oyizuzela indlu yakhe inzuzo embi, ukuze ayakhele phezulu indlu yakhe, ukuze azihlangule esandleni sobubi!
 
10 Uyicebele ihlazo indlu yakho, ngokunqamla izizwe ezininzi; wonile kumphefumlo wakho.
 
11 Ngokuba ilitye eliseludongeni liya kukhala, nomqadi womthi usabele kulo.
 
12 Yeha ke, owakha umzi ngamagazi, oqinisa umzi ngobugqwetha!
 
13 Yabona, akuphumi kuYehova wemikhosi na ukuthi izizwe zizixhamlele umlilo, izizwe zizityhafisele okulambathayo?
 
14 Kuba ihlabathi liya kuzala kukwazi ubuqaqawuli bukaYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.
 
15 Yeha, wena useza ummelwane wakho, usongezelela ubushushu bakho kuye, umnxilisa nokumnxilisa, ukuze ubondele ubuze bakhe!
 
16 Uya kuhluthiswa ngocukucezo, kungabi luzuko; sela nawe, kubonakale ukungaluki kwakho. Iya kujikela kuwe indebe yesokunene isandla sikaYehova, ucukucezo olukhulu lube phezu kozuko lwakho.
 
17 Ngokuba ukuyigonyamela kwakho iLebhanon kokugubungela; nokuchithachitha kwakho iinyamakazi, okwaziqhiphula umbilini; ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke.
 
18 Unceda ntoni na umfanekiso oqingqiweyo, ukuba awuqingqe nje umenzi wawo? Unceda ntoni na otyhidiweyo, nomyali wobuxoki, ukuba umyili wento ayiyilileyo akholose nje ngayo, ukuze enze izinto ezingento, ezizidenge?
 
19 Uha, kothi emthini, Vuka! athi kwilitye elithe cwaka, Suk’ ume! Lingayala na? Nalo, lifakwe egolideni nasesilivereni; akukho nto ingumoya phakathi kwalo.
 
20 UYehova ke yena usetempileni yakhe engcwele; malithi tu ebusweni bakhe lonke ihlabathi.
 
 

  [ Prev ] 1 | | 3 | [ Next ]