Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
IGenesis  Chapter49
 
1 Wababiza ke uYakobi oonyana bakhe, wathi, Zihlanganiseni, ndinixelele okuya kunihlela ngemihla yokugqibela.
 
2 Qukanani, niphulaphule, nyana bakaYakobi, Niphulaphule uSirayeli uyihlo.
 
3 Rubhen, wena mazibulo am, mandla am, ngqalo yokuqina kwam, Ncamisa yokuphakama, ncamisa yegunya,
 
4 Uxhaphazelayo njengamanzi, akusayi kuba ncamisa kunje; Kuba wenyukayo waya esililini sikayihlo, Wangcolisa oko, wenyuka waya emandlalweni wam.
 
5 USimon noLevi ngabazalwana; Ziintonga zokugonyamela izikhali zabo.
 
6 Egquguleni labo uze ungangeni umphefumlo wam, Nesikhungu sabo lungazibandakanyi uzuko lwam; Kuba ngomsindo wabo babulala amadoda, Ngokuzithandela kwabo bazinqumla imisipha iinkomo.
 
7 Uqalekisiwe umsindo wabo, ngokuba unobungcwangu:Ukuphuphuma kwabo umsindo, ngokuba unzima. Ndiya kubachithachitha kwaYakobi, Ndibaphangalalise kwaSirayeli.
 
8 Yuda, abazalwana bakho baya kukudumisa, Isandla sakho sibe sentanyeni yeentshaba zakho; Baya kuqubuda kuwe oonyana bakayihlo.
 
9 Lithole lengonyama uYuda; Usuke ekuqwengeni, nyana wam, Waguqa, wabuthuma njengengonyama, Njengengonyamakazi; ngubani na oya kumvusa?
 
10 Intonga ayiyi kumka kuYuda, Intonga yommisi-mthetho ayiyi kumka phakathi kweenyawo zakhe, Ade afike uShilo, Zimlulamele izizwe.
 
11 Ngukhuleka emdiliyeni imazi yakhe ye-esile, Ukhuleka kowohlobo inkonyana yakhe ye-esile; uhlamba ngewayini isambatho sakhe, Ngegazi lediliya ingubo yakhe;
 
12 Umehlo abomvu yiwayini, Umazinyo amhlophe ngamasi.
 
13 UZebhulon uya kuma ngasezibukweni lolwandle,
 
14 Ewe, ngasezibukweni leenqanawa, Icala lakhe lisingise eTsidon. UIsakare yinyathi ye-esile, Ulala phakathi kweentlanti.
 
15 Wakubona ukuphumla ukuba kulungile, Nelizwe ukuba limnandi; Igxalaba lakhe walithobela ukuthwala, waba ngumsebenzi ofakwa uviko.
 
16 UDan uya kugweba phakathi kwabantu bakowabo, Njengezinye izizwe zakwaSirayeli.
 
17 UDan makabe yinyoka ngasendleleni, Irhamba ngasemendweni, Eliluma izithende zehashe, Awe ngomva olikhweleyo.
 
18 Usindiso lwakho, Yehova, ndiluthembile.
 
19 UGadi ungenelwa ngamatutu, Ke yena uwangenela ezithendeni.
 
20 KuAshere kuphuma amafutha, isonka sakhe eso; Yena unika izinto eziyolisa ookumkani.
 
21 UNafetali yimazi yexhama ekhululweyo, ukhupha amazwi amahle.
 
22 NguGatya lomthi oqhamayo uYosefu, UGatya lomthi oqhamayo ngasemthonjeni, Omasebe aqabele eludongeni.
 
23 UBamcubunga bamtola, Bamchasa abatoli;
 
24 USihlala sithe nkqi isaphetha sakhe, UMikhono yezandla zakhe inokusityeda, Ngezandla zembalasane kaYakobi, Khona apho akhoyo umalusi, ilitye likaSirayeli;
 
25 NgoThixo wooyihlo—akuncede, NgoSomandla—akusikelele, Ibe ziintsikelelo zamazulu ezivela phezulu, Iintsikelelo zamanzi enzonzobila alele ezantsi, Iintsikelelo zamabele, nezesizalo.
 
26 Iintsikelelo zikayihlo Zizigqithile iintsikelelo zomawokhulu, Zasa nasemdeni weentaba zanini; Mazibe sentloko kuYosefu, Ebuchotsheni bobalulweyo kubazalwana bakhe!
 
27 UBhenjamin yingcuka eqwengayo; Kusasa uya kudla okuphangiweyo, Ngokuhlwa uya kwaba okuthinjiweyo.
 
28 Bonke aba zizizwe zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini; yiyo leyo into awayithethayo kubo uyise, wabasikelela; elowo ngokwentsikelelo yakhe wabasikelela.
 
29 Wabawisela umthetho, wathi kubo, Ndiza kuhlanganiselwa kwabakowethu; ndingcwabeni noobawo emqolombeni osentsimini kaEfron umHiti,
 
30 emqolombeni osentsimini yaseMakapela, ophambi kowakwaMamre, ezweni lakwaKanan, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi kuEfron umHiti, ukuba abe nendawo eyiyeyakhe yokungcwaba.
 
31 Bamngcwaba khona apho uAbraham noSara umkakhe; bamngcwaba khona apho uIsake noRebheka umkakhe; ndamngcwaba khona apho uLeya.
 
32 Yathengwa intsimi leyo nomqolomba okuyo koonyana bakaHeti.
 
33 Wagqiba ke uYakobi ukuyolela oonyana bakhe, wazifinyezela esingqengqelweni iinyawo zakhe, waphuma umphefumlo, wahlanganiselwa kwabakowabo.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | 49 | 50 | [ Next ]