Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
IGenesis  Chapter46
 
1 Wanduluka ke uSirayeli neento zonke abenazo, wafika eBher-shebha, wabingelela imibingelelo kuThixo kayise uIsake.
 
2 Wathetha uThixo kuSirayeli emibonweni yobusuku, wathi, Yakobi, Yakobi! Wathi yena, Ndilapha.
 
3 Wathi, NdinguThixo, uThixo wooyihlo, musa ukoyika ukuhla uye eYiputa; kuba ndiya kukwenza uhlanga olukhulu khona.
 
4 Mna ndiya kuhla ndiye nawe eYiputa, ndinyuke nokunyuka nawe; uYosefu asibeke isandla sakhe phezu kwamehlo akho.
 
5 Wesuka uYakobi eBher-shebha; oonyana bakaSirayeli bamthwala uYakobi uyise, nabantwana babo, nabafazi babo, ngeenqwelo ebezithunyelwe nguFaro ukuba zimthwale.
 
6 Bayithabatha imfuyo yabo, nengqwebo yabo ababeyiqwebile ezweni lakwaKanan, bafika eYiputa uYakobi nembewu yakhe yonke, ndawonye naye;
 
7 oonyana bakhe, noonyana boonyana bakhe ndawonye naye, iintombi zakhe, neentombi zoonyana bakhe, nembewu yakhe yonke, weza nayo eYiputa.
 
8 Ngawo la amagama oonyana bakaSirayeli abafikayo eYiputa, uYakobi noonyana bakhe:amazibulo kaYakobi nguRubhen.
 
9 Oonyana bakaRubhen nguHanoki, noFalu, noHetseron, noKarmi.
 
10 Oonyana bakaSimon, nguYemuweli, noYamin, no-Ohadi, noYakin, noTsohare, noSawule, unyana womKananekazi.
 
11 Oonyana bakaLevi nguGershon, noKehati, noMerari.
 
12 Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela, noPeretse, noZera; ke ooEre no-Onan bafela ezweni lakwaKanan. Oonyana bakaPeretse nguHetseron noHamuli.
 
13 Oonyana bakaIsakare nguTola, noPuwa, noYobhi, noShimron.
 
14 Oonyana bakaZebhulon nguZerede, noEloni, noYaleli.
 
15 Ngabo abo oonyana bakaLeya, awabazalela uYakobi ePadan-aram, noDina intombi yakhe; yonke imiphefumlo yoonyana bakhe neyeentombi zakhe ingamashumi omathathu anamithathu.
 
16 Oonyana bakaGadi nguTsifiyon, noHagi, noShuni, noEtsebhon, noEri, noArodi, noAreli.
 
17 Oonyana baka-Ashere nguImna, noIshwa, noIshvi, noBheriya, noSera udade wabo; oonyana bakaBheriya nguEbhere noMalekiyeli.
 
18 Ngabo abo oonyana bakaZilipa, awathi uLabhan wamnika uLeya intombi yakhe; abo wabazalela uYakobi, imiphefumlo elishumi elinamithandathu.
 
19 Oonyana bakaRakeli, umkaYakobi, nguYosefu noBhenjamin.
 
20 Wazala ke uYosefu ezweni laseYiputa, uManase, noEfrayim, awamzalela bona uAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn.
 
21 Oonyana bakaBhenjamin nguBhela, noBhekere, noAshbhele, noGera, noNahaman, noEhi, noRoshe, noMupim, noHupim, noArdi.
 
22 Ngabo abo oonyana bakaRakeli, abazalelwa uYakobi; iyonke yimiphefumlo elishumi elinamine.
 
23 Oonyana bakaDan nguHushim.
 
24 Oonyana bakaNafetali nguYatseli, noGuni, noYetsere, noShilem.
 
25 Ngabo abo oonyana bakaBhiliha, awathi uLabhan wamnika uRakeli intombi yakhe; abo wabazalela uYakobi, iyonke yimiphefumlo esixhenxe.
 
26 Iyonke imiphefumlo eyaya noYakobi eYiputa, eyaphuma esinqeni sakhe, ngaphandle kwabafazi boonyana bakaYakobi, iyonke yimiphefumlo emashumi mathandathu anamithandathu.
 
27 Oonyana bakaYosefu awabazalelwa eYiputa yimiphefumlo emibini. Iyonke imiphefumlo yendlu kaYakobi eyaya eYiputa ibimashumi asixhenxe.
 
28 Wasusa uYuda ukuba amandulele aye kuYosefu, ambonise indlela eya eGoshen; bafika ke ezweni laseGoshen.
 
29 UYosefu wayibopha inqwelo yakhe, wenyuka waya kumkhawulela uSirayeli uyise eGoshen. Bathe bakubonana, wawa entanyeni yakhe, walila umzuzu omkhulu entanyeni yakhe.
 
30 Wathi uSirayeli kuYosefu, Ndibubonile nje ubuso bakho, ukuba usahleli, mandife ngoku.
 
31 Wathi uYosefu kubazalwana bakhe nakwindlu kayise, Ndiya kunyuka ndiye kubika kuFaro, ndithi kuye, Abazalwana bam nendlu kabawo, ababesezweni lakwaKanan, bafikile;
 
32 kunjalo nje la madoda ngabalusi bempahla emfutshane, kuba ngabafuyi; impahla yawo emfutshane, neenkomo zawo, neento zonke ananzo, aze nazo.
 
33 Xa athe wanibiza uFaro, wathi, Uyintoni na umsebenzi wenu? nothi,
 
34 Abakhonzi bakho ngabafuyi bempahla kwasebuncinaneni bethu unangoku, thina aba noobawo bethu; ukuze nime ezweni laseGoshen, kuba bonke abalusi bempahla emfutshane balisikizi kumaYiputa.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | 49 | 50 | [ Next ]