Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
IGenesis  Chapter4
 
1 Ke kaloku uAdam wamazi uEva umkakhe; wamitha wazala uKayin, wathi, Ndizuze indoda ngoYehova.
 
2 Waphinda wazala umninawa wakhe, uAbheli; uAbheli waba ngumalusi wezimvu, uKayin waba ngumsebenzi womhlaba.
 
3 Kwathi ekupheleni kwamihla ithile, uKayin wathabatha eziqhameni zomhlaba, wazisa umnikelo kuYehova.
 
4 UAbheli wazisa naye, ethabathe kumazibulo ezimvu zakhe, kwezinamanqatha. Waza uYehova wambheka uAbheli nomnikelo wakhe.
 
5 Akambheka uKayin nomnikelo wakhe. Waqumba kunene uKayin, basangana ubuso bakhe.
 
6 Wathi uYehova kuKayin, Yini na ukuba uqumbe, yini na ukuba busangane ubuso bakhe?
 
7 Ukuba uthe walungisa, abuyi kuswabuluka ubuso yini na? Ukuba uthe akwalungisa, isono sibuthumile ngasesangweni, singxamele wena; ke wena, silawule.
 
8 Wathetha uKayin noAbheli umninawa wakhe, kwathi besendle, wesuka uKayin wamvunukela uAbheli umninawa wakhe, wambulala.
 
9 Wathi uYehova kuKayin, Uphi na uAbheli, umninawa wakho? Wathi yena, Andazi; ndingumgcini womninawa wam, yini na?
 
10 Wathi, Wenze ntoni na? Izwi legazi lomninawa wakho liyakhala emhlabeni kum.
 
11 Ngoko uqalekisiwe emhlabeni, owakhamise umlomo wawo ukuba ulithabathe igazi lomninawa wakho esandleni sakho.
 
12 Xenikweni uwusebenzayo umhlaba, awusayi kuphinda ukunike amandla awo; uya kubhadula uphalaphale ehlabathini.
 
13 Wathi uKayin kuYehova, ityala lam likhulu ngokungenakuthwalwa.
 
14 Yabona, undigxdothile namhla phezu komhlaba; ndiya kusithela nasebusweni bakho, ndibhadule ndiphalaphale ehlabathini bathi bonke abantu abandifumanayo bandibulale.
 
15 Wathi uYehova kuye, xa kunjalo, bonke ababulala uKayin kophindezelwa kubo kasixhenxe. UYehova wammisela uKayin umqondiso, ukuze bonke abamfumanayo bangamsiki.
 
16 Waphuma uKayin, wemka ebusweni bukaYehova; wahlala ezweni lakwaKuphalaphala phambi kwe-Eden.
 
17 UKayin wamazi umkakhe, wamitha, wazala uEnoki. Wakha umzi, wawuthiya loo mzi ngegama lonyana wakhe uEnoki.
 
18 UEnoki wazalelwa uIradi; uIradi wazala uMehuyaheli; uMehuyaheli wazala uMetusaheli; uMetusaheli wazala uLameki.
 
19 ULameki wazeka abafazi ababini; igama lomnye belinguAda, igama lowesibini belinguZila.
 
20 UAda wazala uYabhali yena waba nguyise wabahlala ezintenteni, nabafuyileyo.
 
21 Igama lomninawa wakhe belinguYubhali; yena waba nguyise wabo bonke abaphatha uhadi nogwali.
 
22 UZila uthe naye wazala uTubhalekayin, obekhanda yonke impahla enobukhali yobhedu nesinyithi; udade woTubhalekayin ebenguNahama.
 
23 Wathi uLameki kubafazi bakhe, ada noZila, liveni ilizwi lam. Bafazi bakaLameki, phulaphulani intetho yam. Sendibulele indoda ngenxa yenxeba lam, nendodana ngenxa yomvumbo wam.
 
24 Xa uKayin aya kuphindezelwa kasixhenxe, Yena uLameki uya kuphindezelwa kamashumi osixhenxe anesixhenxe.
 
25 UAdam wabuya wamazi umkakhe, wazala unyana, wathi igama lakhe nguSete, kuba wathi, UThixo undimisele enye imbewu esikhundleni sika-Abheli owabulawa nguKayin.
 
26 USete naye wazalelwa unyana, wathi igama lakhe nguEnoshe. Kwaqalwa oko ukunqulwa igama likaYehova.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | 49 | 50 | [ Next ]