Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
IGenesis  Chapter33
 
1 Wawaphakamisa uYakobi amehlo akhe, wabona, nanko uEsawu esiza, enamadoda amakhulu mane. Abantwana wabahlulahlula, baba kuLeya, nakuRakeli, nakubakhonzazana bobabini.
 
2 Wababeka abakhonzazana nabantwana babo phambili, uLeya nabantwana bakhe emva kwabo, uRakeli noYosefu emva kanye.
 
3 Ke yena wagqithela phambi kwabo, waqubuda emhlabeni kasixhenxe, wada wasondela kumkhuluwa wakhe.
 
4 Wagidima uEsawu emkhawulela, wamwola, wawa entanyeni yakhe, wamanga; basitsho isililo.
 
5 Wawaphakamisa amehlo akhe, wababona abafazi nabantwana, wathi, Ngoobani na aba banawe? Wathi yena, Ngabantwana, athe uThixo wabababala umkhonzi wakho.
 
6 Basondela abakhonzazana, bona nabantwana babo, baqubuda.
 
7 Wasondela noLeya nabantwana bakhe, baqubuda; emveni koko wasondela uYosefu noRakeli, baqubuda.
 
8 Wathi, Iyintoni na yonke le mfuduka yakho endiqubisene nayo? Wathi, Yeyokuba ndibabalwe emehlweni enkosi yam.
 
9 Wathi uEsawu, Ndanele, mninawa; makube kokwakho okwakho.
 
10 Wathi uYakobi, Hayi, makungabi njalo. Ukuba kaloku ndibabalwe emehlweni akho, thabatha umnikelo wam lo esandleni sam; kuba ngenxa yoko ndibubonile ubuso bakho, ndanga ndibona ubuso bukaThixo, ndalikholo kuwe.
 
11 Khawuyithabathe intsikelelo yam ezisiweyo kuwe, ngokuba uThixo undibabale, kuba ndineento zonke. Wamjoka, wayithabatha.
 
12 Wathi uEsawu, Masinduluke, sihambe; ndohamba phambi kwakho.
 
13 Wathi kuye, Inkosi yam iyazi ukuba abantwana bathambile, nempahla emfutshane, neenkomo ezanyisayo ziphezu kwam; yothi iqhutywe kakhulu imini enye, ife yonke impahla emfutshane.
 
14 Inkosi yam mayikhe igqithele phambi komkhonzi wayo ndihambise kuhle ngokuhamba kwempahla ephambi kwam, nangokuhamba kwabantwana, ndide ndifike enkosini yam kwaSehire.
 
15 Wathi uEsawu, Makhe ndiyishiye kuwe inxenye yabantu abanam. Wathi yena, Ngani na? Mandibabalwe emehlweni enkosi yam.
 
16 Wabuya ngaloo mhla uEsawu ngendlela yakhe, esiya kwaSehire.
 
17 UYakobi wanduluka, waya eSukoti, wazakhela indlu, iinkomo zakhe wazibiyela iintlantsi; ngenxa yoko kwathiwa igama laloo ndawo yiSukoti.
 
18 Wafika uYakobi enoxolo emzini kaShekem, osezweni lakwaKanan, ekuveleni kwakhe ePadan-aram; wamisa iintente phambi komzi.
 
19 Wathenga isiziba somhlaba, apho wayitwabulula khona intente yakhe, esandleni soonyana bakaHamore usoShekem, ngekhulu lemali.
 
20 Wamisa khona isibingelelo, wathi ukusithiya nguThixo, uThixo kaSirayeli.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | 49 | 50 | [ Next ]