Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
IGenesis  Chapter29
 
1 Wesuka uYakobi, waya ezweni labasempumalanga.
 
2 Wakhangela, wabona iqula ezweni, nantso ikhona imihlambi emithathu yempahla emfutshane, ibuthile ngakulo; kuba imihlambi yayisezwa kwelo qula. Kukho ilitye elikhulu emlonyeni wequla.
 
3 Yabe ihlanganiselwa khona yonke imihlambi, baliqengqe ilitye, balisuse emlonyeni wequla, bayiseze impahla emfutshane, balibuyisele ilitye elo emlonyeni wequla endaweni yalo.
 
4 UYakobi wathi kubo, Bazalwana bam, nivela phi na? Bathi bona, Sivela kwaHaran.
 
5 Wathi kubo, Niyamazi na uLabhan, unyana kaNahore? Bathi, Siyamazi.
 
6 Wathi kubo, Usaphilile na? Bathi, Usaphilile; nanku noRakeli, intombi yakhe, esiza nempahla emfutshane.
 
7 Wathi, Yabonani, kusesemini enkulu, asilixa lakuhlanganisa impahla; yisezeni impahla emfutshane, niye kwalusa.
 
8 Bathi, Asinako, ide ihlanganiswe yonke imihlambi, liqengqwe ilitye, lisuke emlonyeni wequla, siyiseze ke impahla emfutshane.
 
9 Ke kaloku esathetha nabo, wafika uRakeli nempahla emfutshane kayise; kuba ubeyalusa.
 
10 Kwathi, uYakobi akumbona uRakeli intombi kaLabhan, uninalume, nempahla emfutshane kaLabhan uninalume, wasondela uYakobi, waliqengqa ilitye lesuka emlonyeni wequla, wayiseza impahla emfutshane kaLabhan uninalume.
 
11 UYakobi wamanga uRakeli, waliphakamisa izwi lakhe, wasitsho isililo.
 
12 UYakobi wamxelela uRakeli ukuba ungumzalwana kayise, nokuba ungunyana kaRebheka. Wagidima yena waxelela uyise.
 
13 Kwathi, uLabhan akuluva udaba lukaYakobi, unyana wodade wabo, wagidima waya kumkhawulela, wamwola, wamanga, wamngenisa endlwini yakhe. Yena wambalisela uLabhan ngezo ndawo zonke.
 
14 Wathi uLabhan kuye, Okunene ulithambo lam, uyinyama yam. Wahlala naye inyanga iphela.
 
15 Wathi uLabhan kuYakobi, Kungokuba ungumzalwana wam na, le nto undikhonza negelize? Ndixelele umvuzo wakho.
 
16 Ke kaloku uLabhan waye eneentombi ezimbini; igama lenkulu lalinguLeya, igama lenci lalinguRakeli.
 
17 Ke uLeya wayenechaphothi; uRakeli wayemhle isiqu, emhle imbonakalo.
 
18 UYakobi ubemthanda uRakeli, wathi, Ndokukhonza iminyaka esixhenxe egenxa kaRakeli, intombi yakho enci.
 
19 Wathi uLabhan Kulungile ukuba ndimnike wena, kunokuba ndimnike enye indoda; hlala nam ke.
 
20 UYakobi wakhonza ke iminyaka esixhenxe ngenxa kaRakeli; yanga yimihla embalwa emehlweni akhe, ngenxa yokumthanda kwakhe.
 
21 Wathi uYakobi kuLabhan, Ndinike umkam, kuba izalisekile imihla yam, ukuba ndimngene.
 
22 Wawahlanganisa uLabhan onke amadoda aloo ndawo, wenza umsitho.
 
23 Kwathi ngokuhlwa, wathabatha uLeya intombi yakhe, wamngenisa kuye; wamngena ke yena.
 
24 Intombi yakhe uLeya, uLabhan wayinika uZilipa, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumkhonzazana wayo.
 
25 Kwathi kusasa, kwabonakala inguLeya. Wathi kuLabhan, Yintoni na le nto uyenzileyo kum? Andikukhonze ngenxa undikhohlise?
 
26 Wathi uLabhan, Akwenjiwa njalo kowethu, ukuthi kwendiswe enci phambi kweyamazibulo.
 
27 Zalisa iveki yale, waleke eminye iminyaka esixhenxe; sokunika naleyo ngenkonzo oya kundikhonza ngayo.
 
28 Wenjenjalo uYakobi, wayizalisa iveki yale. Wamnika ke uRakeli intombi yakhe, yangumkakhe.
 
29 Intombi yakhe uRakeli, uLabhan wayinika uBhiliha, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumkhonzazana wayo.
 
30 Wamngena uRakeli, wamthanda uRakeli phezu koLeya. Wakhonza ke, waleka eminye iminyaka esixhenxe.
 
31 UYehova wabona ukuba uLeya uthiyiwe, wasivula isizalo sakhe; ke uRakeli ebengazali.
 
32 Wamitha ke uLeya wazala unyana, wamthiya igama elinguRubhen, ngokuba ebesithi, UYehova uzibonile iintsizi zam; inene, iya kundithanda ngoku indoda yam.
 
33 Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, UYehova uvile ukuba ndithiyiwe, wandinika nalo; wamthiya igama elinguSimon.
 
34 Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, Khona ngoku, iya kunamathela kum indoda yam, kuba ndiyizalele oonyana abathathu; ngenxa yoko wamthiya igama elinguLevi.
 
35 Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, Okwesi sihlandlo ndiya kumdumisa uYehova; ngenxa yonke wamthiya igama elinguYuda. Wanqamka ukuzala.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | 49 | 50 | [ Next ]