Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
IGenesis  Chapter18
 
1 UYehova wabonakala kuye eMiokini kaMamre, ehleli emnyango wentente, ekufudumaleni kwemini.
 
2 Wawaphakamisa amehlo akhe, wabona, nango amadoda amathathu emi ngakuye. Wabona, wagidima, eya kuwa khawulela, esuka emnyango wentente.
 
3 Waqubuda emhlabeni, wathi, Nkosi yam, ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, musa ukudlula umke kumkhonzi wakho.
 
4 Makhe kuthatyathwe intwana yamanzi, nihlambe iinyawo zenu, ningqengqe phantsi komthi lo;
 
5 ndithabathe iqhekeza lesonka, nixhase iintliziyo zenu; kamva nodlula; kuba nize kudlula ngenxa yoko kumkhonzi wenu. Athi, Yenza ngoko uthethe ngako.
 
6 Wakhawuleza uAbraham, waya ententeni kuSara, wathi, Khawuleza, uxovule iiseha ezintathu zomgubo ocoliweyo, wenze amaqebengwana ezonka.
 
7 Wagidima waya ezinkomeni uAbraham, wathabatha ithole lenkomo, lithambile, lilungile, wanika umfana, wakhawuleza ukulilungisa.
 
8 Wathabatha amasi, nobisi, nethole lenkomo abelilungisile, wabeka phambi kwawo, wema ngakuwo phantsi komthi lowo, adla.
 
9 Athi kuye, Uphi na uSara umkakho?
 
10 Wathi, Nanko ententeni. Yathi, Ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha; yabona, uSara umkakho uya kuba nonyana. Weva uSara esemnyango wentente, wona esemva kwayo.
 
11 Ke kaloku uAbraham noSara babesebaluphele, sebekhulile; kusekunqamkile kuSara okwendlela yabafazi.
 
12 USara wahleka ngaphakathi kwakhe, esithi, Emveni kokuba ndihagele, ndisaya kuyolelwa na, nenkosi yam yaluphele nje?
 
13 Wathi uYehova kuAbraham, Yini na ukuba uSara ahleke, esithi, Kuhleliwe nje ndiya kuzala na ndaluphele nje mna?
 
14 Kukho nto ingamnqabelayo na uYehova? Ngexesha elimisiweyo ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha, uSara abe nonyana.
 
15 Wakhanyela uSara, esithi, Andihlekanga; kuba ebesoyika. Wathi yena, Hayi, uhlekile.
 
16 Asuka ke amadoda lawo ondela eSodom; uAbraham ehamba nawo, ewaphelekelela.
 
17 Wathi uYehova, Ndomfihlela na uAbraham into endiza kuyenza?
 
18 Kanti uAbraham uya kuthi abe luhlanga olukhulu, olunamandla, zisikeleleke ngaye iintlanga zonke zehlabathi.
 
19 Kuba ndaze yena, ukuze abawisele umthetho abantwana bakhe, nendlu yakhe emva kwakhe, bagcine indlela kaYehova, benze ubulungisa nokusesikweni, ukuze uYehova amenzele uAbraham into ayithethileyo kuye.
 
20 Wathi uYehova, Isikhalo saseSodom neGomora sisikhulu nje, nesono sayo sinzima kunene nje,
 
21 ndiya kukha ndihle, ndikhangele ukuba baphelelisile na ngokwesikhalo sayo esifikileyo kum; ukuba akunjalo, ndazi.
 
22 Ajika apho amadoda lawo, asinga eSodom; ke yena uAbraham wayesemi phambi koYehova.
 
23 Wasondela uAbraham, wathi, Ungade ubhebhethe olilungisa kunye nongendawo yini na?
 
24 Hi, kwakho amashumi amahlanu amalungisa phakathi komzi; ungade uyibhebhethe, ungayixoleli, loo ndawo yini na, ngenxa yamalungisa amashumi mahlanu akuyo?
 
25 Makube lee kuwe ukwenza ngokwendawo enjalo ukubulala olilungisa kunye nongendawo, ilungisa libe njengongendawo; makube lee kuwe. Umgwebi wehlabathi lonke akayi kwenza okusesikweni yini na?
 
26 Wathi uYehova, Ukuba ndithe ndafumana eSodom amalungisa amashumi mahlanu phakathi komzi, ndoyixolela yonke loo ndawo ngenxa yawo.
 
27 Waphendula uAbraham, wathi, Khawubone, sendide ndathetha eNkosini, ndiluthuli nothuthu.
 
28 Hi ke, kwasweleka isihlanu kumalungisa amashumi mahlanu, wowonakalisa ngenxa yesihlanu yini na wonke umzi? Yathi, Andiyi kuwonakalisa, ukuba ndithe ndafumana khona amashumi omane anesihlanu.
 
29 Waphinda kanjalo wathetha kuye, wathi, Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omane? Yathi, Andiyi kukwenza ngenxa yamashumi omane.
 
30 Wathi, Mayingabi namsindo iNkosi, khe ndithethe. Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omathathu? Yathi, Andiyi kukwenza, ukuba ndithe ndafumana khona amashumi omathathu.
 
31 Wathi, Khawubone, sendide ndathetha eNkosini. Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omabini? Yathi, Andiyi kuwonakalisa ngenxa yamashumi omabini.
 
32 Wathi, Mayingabi namsindo iNkosi, khendithethe esi sihlandlo sodwa. Hi ke, kwafunyanwa khona ishumi elinye? Yathi, Andiyi kuwonakalisa ngenxa yeshumi elinye.
 
33 Wemka uYehova, akugqiba ukuthetha kuAbraham; uAbraham wabuyela endaweni yakhe.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | 49 | 50 | [ Next ]