Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UHezekile Chapter42
 
1 Waphuma nam, waya entendelezweni engaphandle ngendlela esinga ngentla, wandisa emagumbini amalunga nendawo le iqhiwukileyo, amalunga nesakhiwo eso, akhangele entla.
 
2 Phambi kwecala elibude buziikubhite ezilikhulu, elimnyango ungasentla, ububanzi baba ziikubhite ezimashumi mahlanu.
 
3 Malunga neekubhite ezimashumi mabini zentendelezo engaphakathi, malunga nombekelelo wamatye osentendelezweni engaphandle, yaba yigalari isinge egalarini eludidini lwesithathu.
 
4 Phambi kwamagumbi kwakukho indawo yokuhamba, ububanzi bayo buziikubhite ezilishumi; kukho indlela eziikubhite zilikhulu, ebheka phakathi; iminyango yazo ke ibheka ngentla.
 
5 Ke amagumbi aphezulu ebemafuphi kunawaphantsi, kunaphakathi esakhiweni; ngokuba iigalari zawadlela.
 
6 Ngokuba ebendidi ntathu wona, engenazintsika, njengokuba iintendelezo zineentsika:ngenxa yoko kwarhoxiswa kwala angaphantsi kwanala aphakathi esikhundleni sawo.
 
7 Ke udonga olwalungaphandle, lulungelelene namagumbi, lwasinga entendelezweni engaphandle phambi kwamagumbi la; ubude balo babuziikubhite ezimashumi mahlanu.
 
8 Ngokuba ubude bamagumbi entendelezo engaphandle baba ziikubhite ezimashumi mahlanu; kodwa ke phambi kwetempile baba ziikubhite ezilikhulu.
 
9 Ngaphantsi kwala magumbi, ukungena bekuvelwa ngasempumalanga ekuyiweni kuwo, kuvelwa entendelezweni engaphandle.
 
10 Ebubanzini bodonga lwentendelezo, kusingise empumalanga, phambi kwendawo eqhiwukileyo naphambi kwesakhiwo, bekukho amagumbi.
 
11 Ayenendlela phambi kwawo, ebonakala enjengamagumbi asingise entla; ngobude bawo, aba njalo nangobubanzi bawo, aba njalo nangokuphuma kwawo konke, aba njalo nangamasiko awo.
 
12 Njengoko injalo iminyango yawo lawo, injalo neminyango yamagumbi abe ekhangele ngezantsi; kwakukho umnyango emantloko endlela, endlela emalunga nodonga olulungelelene namagumbi la, endlela evela ngasempumalanga ekuyiweni kuwo.
 
13 Wathi kum, Amagumbi angasentla namagumbi angasezantsi, aphambi kwendawo eqhiwukileyo, wona ngamagumbi angcwele, apho ababingeleli abasondelayo kuYehova baya kudlela khona ezona nto zingcwele; apho baya kuzibeka khona ezona nto zingcwele, umnikelo wokudla, nedini lesono, neletyala; ngokuba le ndawo ingcwele.
 
14 Bakungena ababingeleli, mabangaphumi engcweleni, baye entendelezweni engaphandle; bozibeka apho iingubo zabo, abalungiselela benazo, ngokuba zingcwele; mabambathe ngubo zimbi, basondele ke kokwabantu.
 
15 Wathi ke akugqiba ukuyilinganisa indlu ephakathi, waphuma nam, wasingisa ngendlela yesango elibheke empumalanga, walinganisa khona, wajikeleza ngeenxa zonke.
 
16 Walinganisa icala lasempumalanga ngengcongolo yokulinganisa; yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke.
 
17 Walinganisa icala langasentla; yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke.
 
18 Kwicala langasezantsi walinganisa amakhulu amahlanu eengcongolo, ngengcongolo yokulinganisa.
 
19 Wajikela ecaleni langasentshonalanga, walinganisa amakhulu amahlanu eengcongolo, ngengcongolo yokulinganisa.
 
20 Ngamacala omane wayilinganisa. Inodonga olujikelezileyo ngeenxa zonke; ubude bangamakhulu amahlanu, nobubanzi bangamakhulu amahlanu, ukuze kwahlulwe phakathi kokungcwele nokuhlambeleyo.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | [ Next ]