Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
IEksodus Chapter9
 
1 Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro, uthethe naye, uthi, Utsho uYehova uThixo wamaHebhere, ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
 
2 Okanye ukuba uthe akwavuma ukubandulula,
 
3 waba usababambile, yabona, isandla sikaYehova soba semfuyweni yakho esendle, emahasheni, emaesileni, ezinkameleni, ezinkomeni, nasempahleni emfutshane, senze indyikitya yokufa enzima kunene;
 
4 uYehova ayibalule imfuyo yamaSirayeli kwimfuyo yamaYiputa:akuyi kufa nto kuyo yonke eyoonyana bakaSirayeli.
 
5 UYehova umise ixesha elithile, wathi, Ngomso uYehova uya kuyenza le nto kweli lizwe.
 
6 Wayenza ke uYehova le nto ngengomso. Yafa yonke imfuyo yamaYiputa; ke kweyoonyana bakaSirayeli imfuyo akufanga nanye.
 
7 UFaro wasusa umntu. O, kweyamaSirayeli imfuyo akufanga nokuba ibe nye. Yaqaqadeka intliziyo kaFaro, akabandulula abantu.
 
8 Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Thabathani uthuthu lweziko, nizalise izandla zozibini, uMoses aluphose phezulu esibhakabhakeni phambi koFaro,
 
9 lube luthuli ezweni lonke laseYiputa, lube ngamathumba athe qwele ngamaqhakuva ebantwini, nasezinkomeni, ezweni lonke laseYiputa.
 
10 Baluthabatha ke uthuthu lweziko, bema phambi koFaro; uMoses waluphosa phezulu esibhakabhakeni, lwaba ngamathumba athe qwele ngamaqhakuva ebantwini nasezinkomeni.
 
11 Azaba nako izazi ukuma phambi koMoses ngenxa yamathumba; kuba amathumba abakho kwizazi nakumaYiputa onke.
 
12 UYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova kuMoses.
 
13 Wathi uYehova kuMoses, Vuka kusasa, ume phambi koFaro, uthi kuye, Utsho uYehova uThixo wamaHebhere, ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
 
14 Kuba ngesi sihlandlo ndithuma zonke izibetho zam entliziyweni yakho, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho, ukuze wazi ukuba akukho unjengam ehlabathini lonke.
 
15 Kuba ngoku, ukuba bendithe ndasolula isandla sam, ndakubetha wena nabantu bakho ngendyikitya yokufa, ngewuthe shwaka akwabakho ehlabathini.
 
16 Noko ke ndikumisele eli thuba lokuba ndiwabonakalalise amandla am kuwe, laziswe igama lam ehlabathini lonke.
 
17 Unangoku usazenza udonga kubantu bam, akubandululi.
 
18 Yabona, eli xa ngomso ndiya kunisa isichotho esinzima kunene, ekungazanga kubekho singangaso eYiputa, kususela kwimini eyasekwayo kude kube ngoku.
 
19 Thumela ngoku, ukhawuleze, uhlanganise imfuyo yakho, neento zakho zonke onazo ezindle; bonke abantu neenkomo ezifunyenwe endle zingahlanganiselwanga ekhaya, zohlelwa sisichotho, zife.
 
20 Owaloyikayo ilizwi likaYehova kubakhonzi bakaFaro, wabasabisela ezindlwini abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe.
 
21 Ongalibekelanga ntliziyo ilizwi likaYehova, wabayeka abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe endle.
 
22 Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho isichotho ezweni lonke laseYiputa phezu kwabantu, naphezu kweenkomo, naphezu kwemifuno yonke yasendle, ezweni lonke laseYiputa.
 
23 UMoses wayolulela intonga yakhe ezulwini; uYehova wathoba indudumo nesichotho, nomlilo wehla weza emhlabeni. UYehova walinisela isichotho ilizwe laseYiputa.
 
24 Kwabakho ke isichotho, nomlilo obophene phakathi kwesichotho, sinzima kunene, ekungazanga kubekho singangaso ezweni lonke lamaYiputa, kususela oko aba luhlanga.
 
25 Isichotho sayibetha yonke into esendle ezweni lonke laseYiputa, kwathabathela emntwini kwesa enkomeni; sayibetha isichotho yonke imifuno yasendle, sayaphula yonke imithi yasendle.
 
26 Kodwa ezweni laseGoshen, apho babekhona oonyana bakaSirayeli, akubangakho sichotho.
 
27 Wathuma uFaro, wabiza uMoses noAron, wathi kubo, Ndonile okwesi sihlandlo. UYehova ulilungisa, ke mna nabantu bam asindawo.
 
28 Thandazani kuYehova; kwanele ukubakho kweendudumo zikaThixo nesichotho; ndonindulula ningabi sahlala.
 
29 UMoses wathi kuye, Ekuphumeni kwam phakathi komzi, ndozolulela kuYehova izandla zam, ziyeke iindudumo, nesichotho singabi sabakho, ukuze wazi ukuba umhlaba lo ngokaYehova.
 
30 Ke wena nabakhonzi bakho, ndiyazi ukuba aniyi kwandula nimoyike uYehova uThixo.
 
31 Yabhuqwa iflakisi nerhasi, kuba irhasi ibiselidubule, neflakisi ibiselityatyambile.
 
32 Ke yona ingqolowa nespelete ayibhuqwanga; kuba ibisencinane.
 
33 Waphuma uMoses phakathi komzi, wemka kuFaro, wazolulela izandla zakhe kuYehova, zayeka iindudumo nesichotho, yathula imvula emhlabeni.
 
34 Wabona uFaro ukuba iphelile imvula nesichotho neendudumo, waphinda wona, wayiqaqadekisa intliziyo yakhe, yena nabakhonzi bakhe.
 
35 Yaba lukhuni ke intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli, njengoko watshoyo uYehova ngoMoses.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | [ Next ]