Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
IDuteronomi Chapter27
 
1 UMoses namadoda amakhulu akwaSirayeli abawisela abantu umthetho, esithi, Wugcineni wonke umthetho endiniwiselayo namhla.
 
2 Wothi, ngemini enithe nayiwela iYordan, nangena kwelo zwe akunikayo uYehova uThixo wakho, uzimisele amatye amakhulu, uwaqabe ngefutha,
 
3 ubhale kuwo onke amazwi alo myalelo, wakuba uwelile; ukuze ungene kulo ilizwe akunikayo uYehova uThixo, ilizwe elibaleka amasi nobusi, njengoko uYehova uThixo woyihlo wathethayo kuwe.
 
4 Nothi, nakuyiwela iYordan, nimise la matye ndiniwisela umthetho ngawo namhla, entabeni ye-Ebhali, uwaqabe ngefutha;
 
5 wakhele apho isibingelelo kuYehova uThixo wakho, isibingelelo samatye; ungasiphakamiseli ntlabo yantsimbi.
 
6 Wosakha ngamatye awonke isibingelelo sikaYehova uThixo wakho, unyuse phezu kwaso amadini anyukayo kuYehova uThixo wakho;
 
7 ubingelele imibingelelo yoxolo, udle khona, uvuye phambi koYehova uThixo wakho;
 
8 uwabhale uwalungise ematyeni lawo onke amazwi alo myalelo kakuhle.
 
9 UMoses nababingeleli abaLevi bathetha ke kumaSirayeli onke, besithi, Yithi cwaka, uve, Sirayeli! Namhla nithe naba ngabantu kuYehova uThixo wakho;
 
10 uze uliphulaphule izwi likaYehova uThixo wakho, wenze imithetho yakhe nemimiselo yakhe, endikuwiselayo namhla.
 
11 UMoses wabawisela abantu umthetho ngaloo mini, esithi,
 
12 Aba baya kuma basikelele abantu, entabeni yeGerizim, nakuyiwela iYordan:uSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noYosefu, noBhenjamin:
 
13 aba baya kuma baqalekise, entabeni ye-Ebhali:uRubhen, noGadi, noAshere, noZebhulon, noDan, noNafetali.
 
14 Bohlabela abaLevi, bathi kuwo onke amadoda akwaSirayeli ngezwi elikhulu:
 
15 Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo, into elisikizi kuYehova, into engumsebenzi wezandla zomkroli, ayibeke endaweni esitheleyo; bavume bonke abantu, bathi, Amen.
 
16 Uqalekisiwe ocukuceza uyise nokuba ngunina; bathi bonke abantu, Amen.
 
17 Uqalekisiwe oshenxisa umlimandlela wommelwane wakhe; bathi bonke abantu, Amen.
 
18 Uqalekisiwe olahlekisa imfama endleleni; bathi bonke abantu, Amen.
 
19 Uqalekisiwe ojika isigwebo somphambukeli nenkedama nomhlolokazi; bathi bonke abantu, Amen.
 
20 Uqalekisiwe olala nomkayise; ngokuba utyhila isondo lengubo kayise; bathi bonke abantu, Amen.
 
21 Uqalekisiwe olala nantoni ezitho zine; bathi bonke abantu, Amen.
 
22 Uqalekisiwe olala nodade wabo, nokuba yintombi kayise, nokuba yintombi kanina; bathi bonke abantu, Amen.
 
23 Uqalekisiwe olala nomkhwekazi wakhe; bathi bonke abantu, Amen.
 
24 Uqalekisiwe ombulalayo ummelwane wakhe ngasese; bathi bonke abantu, Amen.
 
25 Uqalekisiwe osamkelayo isicengo sokubulala umntu, igazi elingenatyala; bathi bonke abantu, Amen.
 
26 Uqalekisiwe ongawamisiyo amazwi alo myalelo ukuba awenze; bathi bonke abantu, Amen.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | [ Next ]