Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
IDuteronomi Chapter19
 
1 Xa athe uYehova uThixo wakho wazinqumla iintlanga ezo akunika ilizwe lazo uYehova uThixo wakho, wazigqogqa wena, wahlala emizini yazo nasezindlwini zazo:
 
2 wozahlulela imizi emithathu phakathi kwelizwe lakho, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ulime;
 
3 uzilungisele indlela, uwahlule ube zahlulo zithathu umda welizwe lakho, aya kukudlisa ilifa lalo uYehova uThixo wakho, ukuze bonke ababulali basabele khona.
 
4 Lilo eli isiko awophathwa ngalo umbulali, othe wasabela khona ukuba asinde:Othe wambulala ummelwane wakhe ngengozi, ebengamthiyile ngaphambili;
 
5 waya nommelwane wakhe ehlathini, esiya kugawula imithi, isandla sakhe sajiwula izembe, enqumla imithi, yaphunyuka intsimbi emphinini, yabetha kummelwane wakhe, wafa:lowo wosabela komnye umzi kuloo mizi, asinde;
 
6 hleze umphindezeli wegazi amsukele umbulali lowo, kuba ishushu intliziyo yakhe, amfumane ngokuba nde kwendlela, ambulale afe; engafanele kufa, kuba ebengamthiyile ngaphambili.
 
7 Ngenxa yoko ndikuwisela umthetho, ndisithi, Wozahlulela imizi emithathu.
 
8 Ke ukuba uYehova uThixo wakho uthe wawenza banzi umda wakho, njengoko wafungayo kooyihlo, wakunika lonke elo zwe, awathi wobanika lona ooyihlo;
 
9 xa uthe wawugcina ukuba uwenze, lo mthetho wonke ndikuwisela wona namhla, ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe imihla yonke; usaya kuyongeza imizi ibe mithathu kule mithathu;
 
10 ukuze kungaphalazwa gazi lingenatyala phakathi kwelizwe lakho, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa, amagazi abe phezu kwakho.
 
11 Xa athe umntu wamthiya ummelwane wakhe, wamlalela, wamvunukela, wambulala, wafa; wasabela komnye umzi kuloo mizi;
 
12 amadoda amakhulu omzi wakhe othumela, amthabathe khona, amnikele esandleni somphindezeli wegazi, ambulale, afe.
 
13 Ze lingabi nanceba iliso lakho kuye; wolitshayela ke igazi elingenatyala, lingabikho kwaSirayeli, kulunge kuwe.
 
14 Uze ungawushenxisi umlimandlela wommelwane wakho, abawumisayo abamandulo elifeni lakho, oya kulidla ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ulime.
 
15 Ze kungesuki kume ngqina linye ngomntu ngenxa yobugwenxa, nokuba bubuphi na, nangenxa yesono nokuba sisiphi, esonweni nokuba sisiphi one ngaso; lize limiswe ilizwi ngomlomo wamangqina amabini, nokuba kungomlomo wamangqina amathathu.
 
16 Xa kuthe kwema ingqina elifumana limbopha umntu, ukuba lingqine okutyekileyo ngaye,
 
17 loo madoda mabini abambeneyo oma phambi koYehova, phambi kwababingeleli nabagwebi abaya kubakho ngaloo mihla bancine abagwebi.
 
18 Ukuba ke ingqina lilingqina lobuxoki, lingqine ubuxoki ngomzalwana walo,
 
19 ize nenze kulo, njengoko belicinga ukwenza ngako kumzalwana walo; nibutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwenu.
 
20 Bova abanye, boyike, kungabi saphindwa kwenziwe ngokwale ndawo imbi phakathi kwenu.
 
21 Ze lingabi nanceba iliso lakho:umphefumlo wobuyiselwa ngomphefumlo, iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | [ Next ]