Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
IDuteronomi Chapter17
 
1 Uze ungabingeleli kuYehova uThixo wakho nkomo nagusha inasiphako, nandawo imbi nokuba yiyiphi; ngokuba oko kulisikizi kuYehova uThixo wakho.
 
2 Xa kuthe kwafunyanwa phakathi kwenu, nakuliphi isango emasangweni akho akunikayo uYehova uThixo wakho, indoda nokuba yinkazana eyenze okubi emehlweni kaYehova uThixo wakho ngokugqitha umnqophiso wakhe;
 
3 yaya, yakhonza thixo bambi, yazinqula, ilanga, nenyanga, nomkhosi wonke wasezulwini, into endingawisanga mthetho ngayo;
 
4 waxelelwa ke, weva, wabuza wacokisa, wafumana iyinyaniso, iqinisekile le nto, lenzekile eli sikizi kwaSirayeli:
 
5 woyikhupha loo ndoda, nokuba yiloo nkazana, iyenzileyo loo nto imbi, emasangweni akho, loo ndoda nokuba yiloo nkazana uyixulube ngamatye, ife.
 
6 Ofanele ukufa wobulawa ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamangqina amathathu; makangabulawa ngomlomo wangqina linye.
 
7 Kofika kuqala kuye isandla samangqina ukumbulala, kufike isandla sabantu bonke emveni koko; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.
 
8 Xa ithe yakunqabela indawo ekugwebeni phakathi kwegazi negazi, phakathi kwetyala netyala, phakathi kobetho nobetho, iziindawo ekubanjwene ngazo emasangweni akho:wosuka unyuke uye kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho;
 
9 uye kubabingeleli abaLevi, nakumgwebi oya kubakho ngaloo mihla, ubuze, bakuxelele ilizwi lokugweba.
 
10 Uze wenze ngokwentetho yelizwi abokuxelela lona, bekuloo ndawo aya kuyinyula uYehova; ugcine ukwenza ngako konke abaya kukuyala ngako.
 
11 Ngokwentetho yomyalelo abaya kukuyala ngayo, nangokwesigwebo abaya kusithetha kuwe, uze wenze, ungatyeki kulo ilizwi abaya kukuxelela, uye ekunene nasekhohlo.
 
12 Indoda leyo ethe yenza ngokukhukhumala, ingamphulaphuli umbingeleli omiyo, olungiselela khona kuYehova uThixo wakho, nomgwebi lowo:mayife loo ndoda; ubutshayele ke ububi, bungabikho kwaSirayeli;
 
13 bova ke bonke abantu, boyike, bangabi sakhukhumala.
 
14 Xa uthe wafika kulo ilizwe akunika lona uYehova uThixo wakho, walihlutha, wema kulo, wathi, Ndiyakuzimisela ukumkani njengeentlanga zonke ezindijikelezileyo:
 
15 wozimisela ukumkani aya kumnyula uYehova uThixo wakho, uzimisele ukumkani wakubazalwana bakho. Akungekhe uzimisele ndoda yolunye uhlanga, engengumzalwana wakho.
 
16 Kodwa makangazandiseli mahashe, angababuyiseli abantu eYiputa ukuze andise amahashe; ngokuba uYehova wathi kuni, Ize ningabi saphinda nibuye ngaloo ndlela.
 
17 Makangazandiseli bafazi, ize ityeke intliziyo yakhe; angazandiseli kakhulu silivere nagolide.
 
18 Wothi, xenikweni athe wahlala etroneni yobukumkani bakhe, azibhalele impinda yombhalo yalo myalelo encwadini, ethabatha kwephambi kwababingeleli abaLevi.
 
19 Yoba ngakuye alese kuyo imihla yonke yobomi bakhe, ukuze afunde ukumoyika uYehova uThixo wakho, nokuwagcina onke amazwi alo myalelo nale mimiselo, ukuba awenze;
 
20 ukuba ingaphakami intliziyo yakhe phezu kwabazalwana bakhe, angatyeki emthethweni, aye ekunene nasekhohlo; ukuze ayolule imihla ebukumkanini bakhe, yena noonyana bakhe phakathi kwamaSirayeli.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | [ Next ]