Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UDaniyeli Chapter5
 
1 UBheleshatsare ukumkani walenzela isidlo esikhulu iwaka lezikhulu zakhe, wasela iwayini phambi kwewaka elo.
 
2 UBheleshatsare, akuyiva iwayini, wathi maziziswe iimpahla zegolide nezesilivere, abezithimbile uNebhukadenetsare uyise etempileni eseYerusalem, ukuze asele ngazo ukumkani nezikhulu zakhe, namakhosikazi akhe, namashweshwe akhe.
 
3 Baza bazizisa iimpahla zegolide, ezazithinjwe etempileni yendlu kaThixo eseYerusalem. Wasela ngazo ukumkani nezikhulu zakhe, namakhosikazi akhe, namashweshwe akhe.
 
4 Basela iwayini, babancoma oothixo begolide, nabesilivere, nabobhedu, nabesinyithi, nabemithi, nabamatye.
 
5 Kwaoko kwavela iminwe yesandla somntu, yabhala malunga nesiphatho sesibane, efutheni lodonga lwebhotwe lobukumkani; ukumkani wakubona ukuphela kwesandla esibhalayo.
 
6 Laza laguquka ibala lobuso bokumkani, zamngqungisa izicamango zakhe, amalungu esinqe sakhe acombuluka, namadolo akhe abethabethana.
 
7 Ukumkani wadanduluka ngamandla, ukuba baziswe abakhwitsi, namaKaledi, namatola. Waphendula ukumkani, wathi kwizilumko zaseBhabheli, Othe wawulesa lo mbhalo, wakuxela kum ukutyhilwa kwawo, uya kunxitywa iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakhe, abe ngowabathathu abanegunya ebukumkanini obu.
 
8 Zaza zafika zonke izilumko zokumkani; ke azaba nako ukuwulesa umbhalo, nokumazisa ukumkani ukutyhilwa kwawo.
 
9 Waza uBheleshatsare ukumkani wakhathazeka kakhulu, laguquka ibala lobuso bakhe, nezikhulu zakhe zadubadubeka.
 
10 Ukumkanikazi, unina, ngenxa yamazwi okumkani nezikhulu zakhe, wangena endlwini yomgidi. Ukumkanikazi unina waphendula wathi, Kumkani, phila ngonaphakade! Izicamango zakho mazingakukhathazi, lingaguquki ibala lobuso bakho.
 
11 Kukho indoda ebukumkanini bakho, enomoya woothixo abangcwele; ekwathi ngemihla yoyihlo kwafunyanwa kuyo ukukhanya nokuqiqa nobulumko, njengobulumko bothixo; awathi ukumkani uNebhukadenetsare uyihlo wayimisa yangumongameli wezazi, nabakhwitsi, namaKaledi, namatola—uyihlo, kumkani;
 
12 ngenxa enokuba kwafunyanwa kuye umoya ogqithisileyo ngobuhle, nokwazi, nokuqiqa, etyhila amaphupha, exela iintsonkotha, ecombulula amaqhina; kuDaniyeli, owathiywa ngukumkani igama elinguBheletshatsare. UDaniyeli makabizwe kaloku; wokuxela ukutyhilwa kwawo.
 
13 Waza uDaniyeli wasiwa phambi kokumkani. Ukumkani wathetha kuDaniyeli, wathi, Ungulaa Daniyeli na ungowakoonyana bakaYuda, abathinjwayo, abaziswayo ngukumkani ubawo, bephuma kwaYuda?
 
14 Ndikuvile, ukuba unomoya woothixo wena; kufunyanwa kuwe ukukhanya, nokuqiqa, nobulumko obuncamisileyo.
 
15 Ke kaloku beziziswe kum izilumko nabakhwitsi, ukuze balese lo mbhalo, bandazise ukutyhilwa kwawo; ke azibanga nako ukundixelela ukutyhilwa kwale nto.
 
16 Mna ndivile ke ngawe, ukuba unako ukuyityhila into, ucombulule namaqhina. Ukuba ke uthe wanako ukuwulesa lo mbhalo, nokundazisa ukutyhilwa kwawo, uya kunxitywa iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakho, ube ngowabathathu ebukumkanini abanegunya.
 
17 Waza waphendula uDaniyeli, wathi phambi kokumkani, Izipho zakho mazihlale kuwe, imivuzo yakho uyinike omnye; kodwa ndiya kuwulesa lo mbhalo kukumkani, ndimazise ukutyhilwa kwawo.
 
18 Wena kumkani, uThixo Osenyangweni wamnika uNebhukadenetsare uyihlo ubukumkani, nobukhulu, nobuhandiba, nobungangamsha.
 
19 Ngenxa yobukhulu ke awabunikwayo, zadidizela zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zothuka phambi kwakhe. Lowo wathanda ukumbulala, wambulala; lowo wathanda ukumyeka aphile, wamyeka waphila; lowo wathanda ukumphakamisa, wamphakamisa; lowo wathanda ukumthoba, wamthoba.
 
20 Ke xeshikweni intliziyo yakhe yaziphakamisayo, umoya wakhe waqinayo, wakhukhumalayo, wesuka wahliswa etroneni yobukumkani bakhe, nobuhandiba bakhe basuswa kuye.
 
21 Wagxothwa koonyana babantu, intliziyo yakhe yaba njengeyeenkomo, nekhaya lakhe laba semaesileni asendle, wadliswa utyani njengeenkomo, wanyakamiswa umzimba wakhe ngumbethe wezulu, wada wazi, ukuba uThixo Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, amise phezu kwabo lowo athanda ukummisa.
 
22 Wena ke nyana wakhe, Bheleshatsare, akuyithobanga intliziyo yakho, nakuba ubukwazi oko konke.
 
23 Uziphakamisile ngaphezu kweNkosi yamazulu, neempahla zendlu yayo zaziswa phambi kwakho, wena nezikhulu zakho, namakhosikazi akho, namashweshwe akho; nasela iwayini ngazo. Wancoma oothixo besilivere, nabegolide, nabobhedu, nabesinyithi, nabemithi, nabamatye, abangaboniyo, abangevayo, abangaziyo. Ke uThixo lowo, kusesandleni sakhe ukuphefumla kwakho, onazo zonke iindlela zakho, akumbekanga.
 
24 Waza wathuma, kwavela kuye oko kuphela kwesandla, lo mbhalo ke wawubhaliwe.
 
25 Nangu ke loo mbhalo wawubhaliwe:mene, mene, tekele, ufarsin.
 
26 Nanku ukutyhilwa kwale nto:elokuba mene lithi, UThixo ububalile ubukumkani bakho, wabuphelisa.
 
27 Elokuba tekele lithi, Wena ulinganisiwe esikalini, wafunyanwa ulula.
 
28 Elokuba peres lithi, Buyahlulwa ubukumkani bakho, bunikwe amaMedi namaPersi.
 
29 Waza uBheleshatsare wayalela, bamnxiba uDaniyeli iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakhe; bamemeza ngaye ngelithi, uya kuba ngowabathathu onegunya ebukumkanini.
 
30 Kwangobo busuku wabulawa uBheleshatsare ukumkani wamaKaledi.
 
31 UDariyo, umMedi, wabuthabatha ubukumkani, eminyaka ikumashumi omathandathu anamibini ezelwe.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | [ Next ]