Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UDaniyeli Chapter12
 
1 Ngelo xesha uya kusuka eme uMikayeli, umthetheli omkhulu, omela oonyana babantu bakowenu. Kuya kubakho ixesha lembandezelo elingazanga libekho elinjalo, kususela koko lwabakhoyo uhlanga, kude kube nangelo xesha. Ngelo xesha baya kusinda abantu bakowenu, bonke abafunyenwe bebhaliwe encwadini.
 
2 Kuya kuvuka abaninzi kwabaleleyo eluthulini lomhlaba, aba baye ebomini obungunaphakade, naba baye kwingcikivo nakwinyumnyezi engunaphakade.
 
3 Abo ke banengqiqo baya kukhazimla njengokukhazimla kwesibhakabhaka; nababajikela abaninzi ebulungiseni bakhazimle njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.
 
4 Wena ke, Daniyeli, wavalele amazwi la, uyitywine incwadi, kude kube lixesha lokuphela. Baninzi abaya kuyiphengulula, kwandiswe ukwazi.
 
5 Mna, Daniyeli, ndabona:nabo abanye ababini bemi, omnye nganeno ngaseludinini lomlambo, omnye ngaphesheya ngaseludinini lomlambo.
 
6 Wathi omnye kwindoda leyo yambethe ilinen emhlophe, ebiphezu kwamanzi omlambo, Koda kube nini na, ukuphela kwezi zinto zibalulekileyo?
 
7 Ndeva indoda eyambethe ilinen emhlophe, ebiphezu kwamanzi omlambo, yasiphakamisela ezulwini isandla sayo sokunene nesokhohlo sayo, yafunga ohleli ngonaphakade, isithi, Kuya kusa exesheni, emaxesheni amabini amisiweyo, nasesiqingatheni sexesha; kwakupheliswa ukuhlekezwa kwamandla abantu abangcwele, ziya kupheliswa zonke ezo zinto.
 
8 Mna ke ndeva, andaqonda; ndathi, Nkosi yam, yiyiphi na eyokuphela kwezi zinto?
 
9 Yathi, Hamba, Daniyeli, kuba amazwi aya kuvalelwa, atywinwe kude kube lixesha lokuphela.
 
10 Abaninzi baya kuzenza nyulu, bazenze mhlophe, banyibilikiswe; ke abangendawo baya kwenza okungendawo. Abangendawo bonke abayi kukuqonda oko, kodwa abanengqiqo baya kukuqonda.
 
11 Kususela kwelo xesha kwasuswayo inkonzo yamaxesha onke, ukuze zimiswe izinto ezinezothe eziphanzisayo, ziintsuku eziliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci asithoba.
 
12 Unoyolo olinde wafika kwiintsuku eziliwaka, elinamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesihlanu.
 
13 Wena ke, hamba uye ekupheleni. Uya kuphumla, uvuke, uye eqashisweni lakho ekupheleni kwemihla.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 |