Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyesiBini kuTimoti Chapter4
 
1 Ndiyaqononondisa mna ngoko emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, oza kugweba abaphilileyo nabafileyo, kwanangokubonakala kwakhe nobukumkani bakhe:
 
2 livakalise ilizwi; zingisa ukwenjenjalo ngamathuba alungileyo naxakileyo; yohlwaya, khalimela, vuselela, unako konke ukuzeka kade umsindo, nokufundisa.
 
3 Kuba kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo; baya kusuka ngokweenkanuko zabo bazifumbele abafundisi, bebaba iindlebe;
 
4 babeya kuzisonga zimke iindlebe kuyo inyaniso, baphambukele ke kuzo iintsomi.
 
5 Ke wena yiba yingcathu ezintweni zonke, nyamezela ububi, umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wenze, buzalise ubulungiseleli bakho.
 
6 Kuba mna sendithululwa ngokomnikelo; nalo ixesha lokunduluka kwam likufuphi.
 
7 Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile.
 
8 Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo.
 
9 Khawuleza uze kum kamsinya;
 
10 kuba uDemasi wandishiya ngokuthanda iphakade langoku, waya eTesalonika; uKreske uye kwelaseGalati; uTito uye kwelaseDalmati.
 
11 NguLuka yedwa onam. Thabatha uMarko uze naye; kuba unokundinceda kakuhle kumsebenzi wokulungiselela.
 
12 Ke uTikiko ndamthumela e-Efese.
 
13 Ingubo endayishiya eTrowa kuKarpo, uze uyiphathe ekuzeni kwakho, neencwadi ezo, ngokukodwa ezezintsu.
 
14 UAlesandire, umkhandi wobhedu, wandenza izinto ezininzi ezimbi; iNkosi iya kumbuyekeza ngokwemisebenzi yakhe.
 
15 Mlumkele nawe; kuba wawachasa kunene amazwi ethu.
 
16 Kokokuqala ukuziphendulela kwam, akubangakho namnye unam, basuka bonke bandishiya; kwanga akungebalelwe kubo oko.
 
17 Noko ke iNkosi yandinceda, yandomeleza; ukuze ngam uvakaliso lweendaba ezilungileyo luzaliseke, neentlanga zonke zive; ndaza ndahlangulwa emlonyeni wengonyama.
 
18 Isaya kundihlangula yona iNkosi kuwo wonke umsebenzi ongendawo, indisindisele ebukumkanini bayo obusemazulwini; kuyo makubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
 
19 Bulisa kuPriska noAkwila, nakwindlu kaOnesiforo.
 
20 UErasto wasala eKorinte. Ke uTrofimo ndamshiya eMileto esifa.
 
21 Khawuleza uze, kungekabi sebusika. Uya kubulisa uYubhulo, noPudens, noLino, noKlawudiya, nabo abazalwana bonke.
 
22 INkosi uYesu Kristu mayibe nomoya wakho. Ubabalo malube nani. Amen.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | |