Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyesiBini kwabaseTesalonika Chapter3
 
1 Elokugqiba, sithandazeleni, bazalwana, ukuba ilizwi leNkosi likhawuleze, lizukiswe, njengoko lenjenjalo nakuni;
 
2 nokuba sihlangulwe ebantwini abangendawo, abakhohlakeleyo; kuba ukholo alubantwini bonke.
 
3 Ithembekile ke yona iNkosi, eya kunizimasa, inigcine kuyo inkohlakalo.
 
4 Sikholose ngani ke ngokwaseNkosini, ukuba izinto esinithethela zona niyazenza, nabe nisaya kuzenza.
 
5 Yanga ke iNkosi ingathi iintliziyo zenu izikhokelele eluthandweni lukaThixo, naselunyamezelweni lukaKristu.
 
6 Ke kaloku siyanithethela, bazalwana, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba nikhwebuke kubo bonke abazalwana abahamba ngokunxaxha, bengahambi ngokwesithethe abasamkelayo kuthi.
 
7 Kuba niyazi ngokwenu, ukuba nimelwe kukuthini na ukusilinganisa; ngokuba asinxaxhanga phakathi kwenu.
 
8 Asidlanga sonka samntu ngesisa; sidle ngokubulaleka nangemigu, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi bunzima nakubani kuni;
 
9 kungengakuba sasingenagunya; senzela ukuze sizinikele sibe ngumfuziselo kuni, nize nina nixelise thina.
 
10 Kuba naxenikweni besikuni, sanithethela ngelithi, Ukuba umntu akathandi kusebenza, makangadli nokudla.
 
11 Kuba siyeva ukuba inxenye phakathi kwenu ihamba ngokunxaxha, ingasebenzi nento, izifaka kwizinto zabanye.
 
12 Abanjalo ke siyabathethela, sibavuselela ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba bathi, besebenza ngokuzola, badle esisesabo isonka.
 
13 Ke nina, bazalwana, musani ukutha amandla ekwenzeni okulungileyo.
 
14 Ukuba ke kukho bani ungalilulameliyo ilizwi lethu ngencwadi le, mqondeni lowo, ningazidibanisi naye, ukuze adane.
 
15 Noko ke ze ningambaleli ekuthini ulutshaba; manimluleke njengomzalwana.
 
16 Yanga ke iNkosi yoxolo ngokwayo inganinika uxolo ngamaxa onke, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani nonke.
 
17 Umbuliso ngesam isandla, mna Pawulos. Nguwo lowo umqondiso kuzo zonke iincwadi; ndenjenjalo ukubhala.
 
18 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | |