Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyesiBini kwabaseTesalonika Chapter2
 
1 Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ngenxa yokufika kweNkosi yethu uYesu Kristu, nokuhlanganiselwa kwethu kuyo,
 
2 ukuba ningazanyazanyiswa kwakamsinya, nahlukane nengqiqo; ukuba ningabi navuso ngamoya, ngalizwi, ngancwadi ingathi, ivela kuthi, ngokungathi iselingene imini leyo kaKristu.
 
3 Makungabikho bani unilukuhlayo nangalunye uhlobo; ngokuba ayinakufika yona, lungakhanga lufike ulahlo kuqala, atyhileke umntu wesono, unyana wotshabalalo;
 
4 lowo uchasayo, uziphakamisayo ngaphezu kwento yonke ekuthiwa nguThixo, nehlonelwayo, ngokokude azihlalise etempileni kaThixo, ezenza uThixo, ezibonisa ukuba unguThixo.
 
5 Anikhumbuli na, ukuba oko bendisekuni ndanixelela ezi zinto?
 
6 Nangoku niyakwazi okubambezelayo, ukuze atyhileke ngelakhe ixesha.
 
7 Kuba imfihlelo yokuchasana nomthetho iselisebenza; kodwa kulindwe ukuba ade lowo ubambezelayo ngoku asuswe kanye.
 
8 Andule ukutyhileka ongenamthetho; lowo iya kumtshisa iNkosi ngomoya womlomo wayo, imbangise ngokubonakala kokufika kwayo:
 
9 kwalowo, ukufika kungokokusebenza kukaSathana, ngayo imisebenzi yonke yamandla, nemiqondiso, nezimanga zobuxoki,
 
10 nangako ukulukuhla konke kokungalungisi kwabo batshabalalayo; ngenxa enokuba bengakwamkelanga ukuyithanda inyaniso, ukuze basindiswe.
 
11 Nangenxa yoko, uThixo uya kubathumela ulahlekiso olusebenza ngamandla, ukuze bakholwe bubuxoki;
 
12 ukuze bagwetywe bonke abangakholwanga yiyo inyaniso, basuka bakholiswa kuko ukungalungisi.
 
13 Ke thina simelwe kukuhlala sibulela kuye uThixo ngenxa yenu, bazalwana bathandiweyo yiNkosi, ukuba uThixo kwasekuqalekeni waninyulela ukusindiswa, ngokungcwalisa koMoya nokukholwa yinyaniso;
 
14 awanibizela kuko oko ngazo iindaba ezilungileyo zethu, ukuba nizuze uzuko lweNkosi yethu uYesu Kristu.
 
15 Ngoko ke, bazalwana, yimani, nizibambe izithethe enazifundiswayo, nokuba kungelizwi, nokuba kungencwadi yethu.
 
16 Ke kaloku, iNkosi yethu uYesu Kristu ngokwayo, noThixo uBawo wethu owasithandayo, wasinika intuthuzelo engunaphakade, nethemba elilungileyo ngobabalo,
 
17 wanga angazithuthuzela iintliziyo zenu, anizimase kuwo onke amazwi nemisebenzi elungileyo.
 
 

  [ Prev ] 1 | | 3 | [ Next ]