Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyesiBini kaSamuweli Chapter9
 
1 Wathi uDavide, Kusekho mpunde na kwindlu kaSawule, ukuze ndiyenzele inceba ngenxa kaYonatan?
 
2 Ke indlu kaSawule ibinomkhonzi ogama linguTsibha; bambizela kuDavide. Wathi ukumkani kuye, UnguTsibha na? Wathi yena, Ndingumkhonzi wakho.
 
3 Wathi ukumkani, Akusekho namnye na umntu wendlu kaSawule, ndimenzele inceba kaThixo? Wathi ke uTsibha kukumkani, Kusekho unyana kaYonatan, ofe iinyawo.
 
4 Wathi ukumkani kuye, Uphi na? Wathi uTsibha kukumkani, Nankuya endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.
 
5 Wathumela ke ukumkani uDavide, wamthabatha endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.
 
6 Weza uMefibhoshete, unyana kaYonatan, unyana kaSawule, kuDavide, wawa ngobuso, waqubuda. Wathi uDavide, Mefibhoshete. Wathi ke yena, Nanku lo mkhonzi wakho.
 
7 Wathi uDavide kuye, Musa ukoyika; ngokuba ndiya kukwenzela inceba ngenene, ngenxa kaYonatan uyihlo, ndikubuyisele onke amasimi kaSawule uyihlo; wena udle isonka etafileni yam ngamaxesha onke.
 
8 Waqubuda, wathi, Umkhonzi wakho uyintoni na, ukuba uyibheke inja efileyo, enjengam nje?
 
9 Ukumkani wabiza uTsibha, umfana wakwaSawule, wathi kuye, Yonke into ebiyekaSawule, neyendlu yakhe yonke, ndiyinike unyana wenkosi yakho.
 
10 Uze umlimele umhlaba, wena noonyana bakho, nabakhonzi bakho, umzisele abe nokudla unyana wenkosi yakho, adle; ke uMefibhoshete, unyana wenkosi yakho, uya kudla ngamaxesha onke etafileni yam. Ke kaloku uTsibha wayenoonyana abalishumi elinantlanu, nabakhonzi abamashumi mabini.
 
11 Wathi uTsibha kukumkani, Ngokwento yonke emwisele umthetho ngayo umkhonzi wayo inkosi yam ukumkani, uyakwenjenjalo umkhonzi wakho. UMefibhoshete wadla etafileni yakhe, njengabanye oonyana bokumkani.
 
12 UMefibhoshete ebenonyana omncinane, ogama belinguMika. Bonke ababehleli endlwini kaTsibha babengabakhonzi bakaMefibhoshete.
 
13 UMefibhoshete ubehlala eYerusalem; ngokuba ubesidla etafileni yokumkani ngamaxesha onke. Ubefe iinyawo zakhe zombini.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | [ Next ]