Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyesiBini yooKumkani Chapter9
 
1 Ke uElisha umprofeti wabiza omnye koonyana babaprofeti, wathi kuye, Bhinqa isinqe sakho, uphathe eli gutyana leoli ngesandla sakho, uye eRamoti yaseGiliyadi;
 
2 ungene khona, ukhangele khona uYehu, unyana kaYehoshafati, unyana kaNimshi, uye utsho esuke phakathi kwabazalwana bakhe, umse engontsini engaphakathi;
 
3 uthabathe igutyana leoli, umgalele entloko, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli; uluvule ke ucango, usabe, ungahlali.
 
4 Waya umfana lowo, umkhonzi lowo womprofeti, eRamoti yaseGiliyadi.
 
5 Wafika ke, naba abathetheli bempi behleli phantsi. Wathi, Ndinelizwi kuwe, mthetheli-mkhosi. Wathi uYehu, Kuwuphi na, phakathi kwethu aba sonke? Wathi, Kuwe, mthetheli-mkhosi.
 
6 Wesuka, wangena endlwini, wamgalela ioli entloko, wathi kuye, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kubantu bakaYehova, kumaSirayeli.
 
7 Woyixabela indlu ka-Ahabhi inkosi yakho, ndiwaphindezele amagazi abakhonzi bam abaprofeti, namagazi abakhonzi bonke bakaYehova, esandleni sikaIzebhele;
 
8 idake yonke indlu ka-Ahabhi, ndinqumle kuAhabhi yonke into eyindoda, novalelweyo novulelweyo kwaSirayeli.
 
9 Ndoyenza indlu ka-Ahabhi ibe njengendlu kaYarobheham unyana kaNebhati, nanjengendlu kaBhahesha unyana ka-Ahiya;
 
10 zimdle izinja uIzebhele esiqwengeni esiseYizereli, kungabikho umngcwabayo. Waluvula ucango, wasaba.
 
11 Ephumile uYehu, waya kubakhonzi benkosi yakhe. Kwathiwa kuye, Luxolo na? Ebezeleni na lo mbhudi? Wathi kubo, Le ndoda yaziwa nini, kwanokuthethathetha kwayo.
 
12 Bathi, Xoka; khawusixelele. Wathi, Uthe, wathi ukuthetha kum, Utsho uYehova ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli.
 
13 Bakhawuleza, wathabatha elowo ingubo yakhe, wayibeka phantsi kwakhe uYehu ezinyukweni kanye, bavuthela izigodlo, bathi, UYehu ngukumkani!
 
14 UYehu, unyana kaYehoshafati, unyana kaNimshi, wamceba ke uYoram. Ke kaloku uYoram ubeyilinda iRamoti yaseGiliyadi, yena namaSirayeli onke, ngenxa kaHazayeli ukumkani wakwa-Aram;
 
15 ke ukumkani, uYoram, ubebuyele eYizereli, ukuba anyangwe amanxeba awawafumana kuma-Aram, esilwa noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. Wathi uYehu, Ukuba kukuthanda kwenu, makungaphumi kusinde mntu kulo mzi, aye kuxela eYizereli.
 
16 Wakhwela uYehu enqwelweni, waya eYizereli; ngokuba uYoram ebelele khona. Ke uAhaziya ukumkani wamaYuda wehla, waya kumbona uYoram.
 
17 Ke kaloku umlindi, obemi phezu kwenqaba eYizereli, wabona impi kaYehu ekuzeni kwakhe, wathi, Ndibona impi. Wathi uYoram, Thabatha okhwele ihashe, umthume aye kubakhawulela, athi, Luxolo na?
 
18 Waya kumkhawulela loo mkhweli-hashe, wathi, Utsho ukumkani ukuthi, Luxolo na? Wathi uYehu, Yintoni na enawe noxolo? Jikela emva kwam. Waxela umlindi, wathi, Umthunywa uye wafika kubo, ke akabuyi.
 
19 Wathuma owesibini umkhweli-hashe, waya kubo, wathi, Utsho ukumkani ukuthi, Luxolo na? Wathi uYehu, Yintoni na enawe noxolo? Jikela emva kwam.
 
20 Waxela umlindi, wathi, Uye wafika kubo, ke akabuyi; ke ukuqhuba kunjengokuqhuba kukaYehu, unyana kaNimshi; ngokuba uqhuba ngobudlongodlongo.
 
21 Wathi uYoram, Bopha. Yabotshwa inqwelo yakhe yokulwa. Waphuma uYoram ukumkani wamaSirayeli, noAhaziya ukumkani wamaYuda, elowo esenqwelweni yakhe yokulwa. Baphuma baya kumkhawulela uYehu, bamfumana esiqwengeni somhlaba sikaNabhoti waseYizereli.
 
22 Kwathi uYoram, akumbona uYehu, wathi, Luxolo na, Yehu? Wathi yena, Luxolo lwani na, xa ukuhenyuza kukaIzebhele unyoko, nokukhafula kwakhe okuninzi, kusahleliyo nje?
 
23 UYoram wawajika amahashe ngezandla zakhe, wasaba. Wathi kuAhaziya, Licebo, Ahaziya.
 
24 UYehu waqubula isaphetha sakhe, watsho kuYoram phakathi kwamagxa, utolo lwaphumela ephaphini lakhe, wee buthuthu enqwelweni yakhe.
 
25 Wathi uYehu kuBhidekare, umphathi-mkhosi wakhe, Mthwale, umphose esiqwengeni somhlaba kaNabhoti wakwaYizereli; ngokuba, khumbula, oko sasikhwele thina sobabini, mna nawe, emva koAhabhi uyise, uYehova wahlaba eso sihlabo ngaye.
 
26 Inene amagazi kaNabhoti, namagazi oonyana bakhe, ndiwabonile izolo, utsho uYehova; ndiya kukuphindezelela kwesi siqwenga somhlaba, utsho uYehova. Ke ngoko mthwale, umphose esiqwengeni eso ngokwelizwi likaYehova.
 
27 UAhaziya ukumkani wakwaYuda, ekubonile oko, wasaba ngendlela yendlu yasemyezweni. UYehu wamsukela, wathi, Naye mgwazeleni enqwelweni yokulwa (kube kuseqhineni leGure elingaseIhlam). Wasaba ke waya eMegido, wafela khona.
 
28 Abakhonzi bakhe bamsa ngenqwelo eYerusalem, bamngcwabela engcwabeni lakhe kooyise, emzini kaDavide.
 
29 Ngomnyaka weshumi elinamnye kaYoram unyana ka-Ahabhi, uAhaziya waba ngukumkani wakwaYuda.
 
30 Uthe uYehu akufika eYizereli, weva uIzebhele, waziqaba amehlo, wazihombisa intloko, wavela ngefestile.
 
31 Wangena uYehu esangweni, wathi yena, Luxolo na, Zimri, wena mbulali wenkosi yakho?
 
32 Wawaphakamisa uYehu amehlo akhe, wabheka efestileni, wathi, Ngubani na ongakum? Ngubani na? Kwalunguza ababusi ababini, abathathu.
 
33 Wathi, Mkhahleleni phantsi. Amkhahlela phantsi; igazi lakhe lachaphazela udonga namahashe, wamnyathelisa ngawo.
 
34 Wangena, wadla, wasela; wathi, Khanimvelele laa mqalekiswakazi, nimngcwabe; ngokuba yintombi yokumkani.
 
35 Baya kumngcwaba:abawufumana umzimba wakhe, yaba lukakayi, neenyawo, neentende zezandla kuphela.
 
36 Babuya ke, bamxelela. Wathi, Lilizwi likaYehova elo, abelithethe ngomkhonzi wakhe uEliya waseTishbhi, lisithi, Izinja ziya kuyidla inyama kaIzebhele esiqwengeni somhlaba saseYizereli,
 
37 sithi isidumbu sikaIzebhele sibe njengomgquba phezu komhlaba esiqwengeni saseYizereli, kukuze kungathiwa, Lo nguIzebhele.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | [ Next ]